1. ISebe leMfundo esiSiseko (iDBE) lakhupha i-National Assessment Circular 1 ka-2018 nge-12 Septemba 2018, echaza ukuba isicelo sokutshintshwa kwamanqaku apha naphaya kunye nokunyuselwa kwabafundi kwiimeko ezizodwa kwiSigaba esiPhakamileyo (kumaBakala 7–9) ngalo nyaka.

2. Ngo-2018 ukutshintshwa kwamanqaku apha naphaya kunye nokunyuselwa kwabafundi kwiimeko ezizodwa kumaBakala 7–9 makusetyenziswe ngolu hlobo lulandelayo:
2.1 Ukutshintshwa kwamanqaku apha naphaya okungagqithanga ku-2% makusetyenziswe kwizifundo ezingagqithanga kwezintathu.
2.2 Okulandelayo makutshintshwe amanqaku pha naphaya kwiMathematika. Ukuba umfundi uzifezekisile zonke iimfuno ezimiselweyo zokupasa kwibakala elithile ukuya kwelinye elilandelayo (o.k.t. iBakala 7, 8 okanye u-9 ukuya kwiBakala 8, 9 okanye u-10 ngokulandelanayo), kodwa engaphumelelanga ngenqanaba 3 (40%) kwiMathematika ukuze ngoko ke kufuneke ukuba agcinwe kwelo bakala, loo mfundi ulolu hlobo makanyuselwe kwiMathematika.

3. Izikolo ezisebenzisa iiprogram zokurekhoda nokwenza iiripoti zeSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED recording and reporting programmes) kumaBakala 7, 8 no-9, mazilandele le nkqubo ichazwe apha ngezantsi:
3.1 Ziya kucelwa izikolo zikhuphele (download) iiprogram ezintsha zamaBakala 7, 8 no-9 kwi-CEMIS (2018 Version 3) kwiKota 4 ka-2018 zize zizivule (import) iifayili zazo ezikhoyo zibe kwiinguqulelo (versions) ezintsha.
3.2 Inkqubo ecacisa amanyathelo ngokulandelelana kwawo iya kunikwa kwi-CEMIS zakuba zifakiwe (uploaded) iiprogram ze-2018 Version 2. Kulindeleke ukuba iiprogram ze-Version 2 ziya kufumaneka ungadlulanga owe-30 Oktobha 2018. Inkqubo yokutshintsha amanqaku pha naphaya neyokunyuselwa kwabafundi iya kwenziwa ngekhompyutha ngokupheleleyo (completely automated).
3.3 Ziya kuboniswa ngokuzenzekelayo (automatically) ezi nguqu kwishedyuli, kwikhasi lokungqinisisa (verification page) nakwikhadi i-report card.

4. Izikolo ezisebenzisa iiprogram zazo zokurekhoda nokwenza iiripoti nezinabafundi abaya kuchatshazelwa yile nkqubo yokunyuselwa kwabafundi kwiimeko ezizodwa, maziyenze le nkqubo njengoko ichaziwe kwisetyhula eyi-DBE National Assessment Circular 1 of 2018 eqhotyoshelweyo (IsiHlomelo A) ekupheleni konyaka.

5. Ishedyuli ehlaziyiweyo, ilisti yabafundi abanamanqaku atshintshwe apha naphaya nekhasi lokungqinisisa (verification page) maziprintwe zingeniswe kumphathi wesekethe ukulungiselela ukungqinisiswa kwazo ekupheleni konyaka.

6. Apho kuyimfuneko, imo yokugqibela yokupasa kwabafundi ukuya kwelinye ibakala (final promotion status of learners) kwi-CEMIS, mayifakwe ngolu hlobo, "Promoted with Mathematics condonation".

7. Abafundi abaphinda ibakala akufunekanga babekelwe ecaleni kwinkqubo yokutshintshwa kwamanqaku pha naphaya.

8. Izikolo kuya kufuneka zisebenzise i-Version 2 yeeprogram zokurekhoda nokwenza iiripoti ukulungiselela ukukhutshelwa kwenkqubo yokugqibela yekota yamaBakala 7–9.

9. Kucelwa uqaphele ukuba le nkqubo yokunyuselwa kwabafundi isebenza kuphela ngo-2018 kumaBakala 7, 8 no-9.

10. Kwimeko yabafundi beBakala 9, makuqatshelwe ukuba abafundi abangawafumaniyo amanqaku angu-30% kwiMathematika (emva kokuvunywa kokunyuselwa kwabo), abasayi kuvunyelwa bayenze iMathematika kwiBakala 10. Abafundi abalolu hlobo banokubhalisela i-Mathematical Literacy kuphela. Esi sigqibo siya kuzichaphazela ngokunjalo iindibanisela zezifundo (i-Physical Sciences ifuna iMathematika).

11. Le nkqubo ingentla yokunyuselwa kwabafundi kwiimeko ezizodwa ayizitshintshi nangayiphi na indlela, iimfuno ezimiselweyo zeeprogram zezifundo okanye iimfuno ezimiselweyo zeeprogram zezifundo kwiSigaba esiPhakamileyo.

12. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala bamaBakala 7, 8 no-9 ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:10:17

IsiHlomelo A: "DBE National Assessment Circular 1 of 2018"  (ubukhulu: 155 KB)