1. Iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (iNSC) zilawulwa yaye ziqhutywa ngokwemimiselo eyi-Regulations pertaining to the conduct, administration and management of the National Senior Certificate examination (efakelwe izilungiso), eyapapashwa kwiGazethi kaRhulumente No. 31337 nge-29 Agasti 2008, esebenza kumabhunga ovavanyo karhulumente nazimeleyo avavanya aze aviwe iNkcazelo yeKharityhulam kaZwelonke, kumaBakala R–2.
2. Nasiphi na isenzo sokutenxa okanye ukwaphulwa kwale Mimiselo ngumviwa ongenela iimviwo zeNSC singakhokelela ekubeni iziphumo zoviwo zaziswe njengezililize nezingasebenziyo (null and void). Kunyanzelekile ke ngoko ukuba bonke abaviwa bayazi le migaqo neMimiselo.
3. ISebe leMfundo esiSiseko likazwelonke (iDBE) lacela ukuba abaviwa ababhalisele iimviwo ze-NSC mabasayine imvumelwano yokuzibophelela nesithembiso sokuthotyelwa komgaqo wokuziphatha woviwo.
4. Kucelwa bonke abafundi nabazali okanye abagadi babo ukuba basayine iMvumelwano yokuZibophelela (isiHlomelo A) phambi kokuba kuqale iimviwo.
5. IMvumelwano yokuZibophelela (Commitment Agreement) ichaza uluhlu olucacisiweyo lwemigaqo nemimiselo engundoqo enxulumene neemviwo zeNSC, kwakunye noluhlu lwezitenxo ezinokwenzeka ngethuba lobhalwa kweemviwo.
6. UMsitho woSayino-sithembiso sokuZibophelela kaZwelonke (National Pledge-signing Ceremony) ucwangciselwe uLwesihlanu, we-12 Oktobha 2018 ngo-10:00.
7. Fumana apha kuqhotyoshelwe ikopi yeSithembiso sokuZibophelela soViwo lweNSC (isiHlomelo B) esinokusayinwa ngumviwa ngamnye weBakala 12.
8. Izikolo mazazise abaviwa ukuba umsitho wosayino-sithembiso sokuzibophelela wenziwa ngokuzithandela (voluntary) yaye abaviwa abasayi kunyanzeliswa ukuba mabasayine isithembiso sokuzibophelela.
9. Nge-12 Oktobha 2018, okanye ngomnye umhla ofanelekileyo, indibano enkulu (assembly) yabo bonke abafundi beBakala 12 mayiqhutywe njengenxalenye yokubanika ulwazi kwanokubalungiselela ukubhalwa kweemviwo zeNSC.
10. Kwintetho yenqununu, imigaqo yeemviwo ebhalwe ngasemva kwincwadi yokwamkelwa umfundi kuviwo (admission letter) mayifundelwe abaviwa.
11. Abaviwa mabacelwe ukuba bafunde ngokuvakalayo isithembiso sokuzibophelela baze emva koko bavunyelwe ukuba basisayine.
12. Apho kunako, makwenziwe iifotokopi zezithembiso zokuzibophelela ezisayiniweyo eziya kugcinwa esikolweni njengenxalenye yeerekhodi zesikolo zomviwa ngamnye.
13. Isithembiso sokuzibophelela esingelokhutshelo (original pledge) masiphathwe ngumviwa ngamnye ngethuba leemviwo zeNSC ngo-2018.
14. Kucetyiswa ukuba ukusayinwa kwesithembiso sokuzibophelela makunatyiselwe nakubafundi beBakala 10 nakwabeBakala 11 ukuqinisekisa umgangatho ofanayo wokuqhutywa kweemviwo kwisigaba i-Further Education and Training Phase (iSigaba seMfundo eQhubelekayo noQeqesho).
15. ISithembiso sokuZibophelela soViwo lweNSC esiqhotyoshelweyo apha sinokulungelelaniselwa abafundi bamaBakala 10 no-11.
16. Kucelwa iinqununu ziqinisekise ukuqhutywa ngokufanelekileyo koMsitho woSayino-sithembiso kwizikolo zazo.
17 Iya kuthakazelelwa kakhulu malunga nalo mba intsebenziswano yabaviwa beemviwo zeNSC ngo-2018.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:09:28

"Government Gazette No. 31337"  (ubukhulu: 2 180 KB)
IsiHlomelo A: IMVUMELWANO EYIMBOPHELELEKO EMALUNGA NEEMVIWO ZESATIFIKETHI SEMATRIKI SIKAZWELONKE ZANGO-2018  (ubukhulu: 51 KB)
IsiHlomelo B: "NSC examination pledge"  (ubukhulu: 30 KB)