1. |
ISebe leMfundo esiSiseko likazwelonke (iDBE) linqwenela ukutsalela ingqwalaselo yakho kwiinkqubo nakwisikhokelo emasithotyelwe xa kuqhutywa iimviwo zokugqibela zepraktikhali ze-Computer Applications Technology (CAT) ne-Information Technology (IT). |
2. |
Le ngcaciso imfutshane mayifundwe ne-Annexure G ye-Regulations pertaining to the Conduct, Administration and Management of the National Senior Certificate (efakelwe izilungiso), epapashwe kwiGazethi kaRhulumente No. 37651 yowe-16 Meyi 2014. |
3. |
Ootitshala nezikolo mabangqinisise ukuba ii-software tools abazisebenzisayo ukufundisa i-CAT ne-IT zihambelana mbo nekhontenti kunye nezakhono ezidweliswe kwiNkcazelo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (CAPS) ye-CAT ne-IT. Akasayi kulungelelaniswa amaphepha emibuzo ukuze angqinelane nezixhobo zesoftware ezingayithobeliyo i-CAPS. |
4. |
Uviwo lweCAT ngoNovemba 2018 lubonelela ngezi phakheji ze-software zilandelayo:
- Iinguqulelo ezintathu zamvanje ze-Microsoft Office ziya kuvumeleka i-MS Office 2010, i-MS Office 2013 kwane-MS Office 2016 (nekwaziwa ngokuba yi-MS Office 365)
- I-HTML editor, umz. i-Notepad ++ yokwenziwa kwamakhasi ewebhu
|
5. |
Uviwo lwe-IT ngoNovemba 2018 lunika abafundi iifayili eziya kusetyenziswa ezinezi phakheji ze-software zilandelayo:
- i-Delphi 2010 nangaphezulu
- i-MS Access 2010 nangaphezulu
|
6. |
Zonke izikolo ezifundisa i-CAT kunye/okanye i-IT ziya kwenziwa uphicotho-zincwadi ngabacebisi bezifundo. |
7. |
Ubuninzi ziiseshoni ezimbini ezivumelekileyo ngosuku loviwo. Kucetyiswa la maxesha asikiweyo alandelayo ukwenzela ezi seshoni ngokulandelanayo:
- ISESHONI ENYE
INKCAZO |
IXESHA ELABIWEYO |
IXESHA |
Bahleli kwilabhoretri yeekhompyutha |
|
08:3008:35 |
Ukukhupha ii-access cards, inkqubo yokuloga ekhompyutheni nokunika ifolda elinye igama |
Yimizuzu elishumi elinesihlanu |
08:3508:50 |
Ixesha lokufunda iphepha lemibuzo |
Yimizuzu elishumi |
08:5009:00 |
IPhepha 1 (Ipraktikhali) |
Ziiyure ezintathu |
09:0012:00 |
Gqibezela ukutshekisha, ukufumana kwakhona iifolda (retrieve folders), seyivela kwii-CD/kwii-DVD |
Yimizuzu eyi-120 (koxhomekeka kwinani labafundi) |
12:0014:00 |
- IISESHONI EZIMBINI
INKCAZO |
IXESHA ELABIWEYO |
IXESHA: UBUDE BESESHONI YOKUQALA |
IXESHA: UBUDE BESESHONI YESIBINI |
Bahleli kwilabhoretri yeekhompyutha |
|
07:3007:35 |
13:0013:05 |
Ukukhupha ii-access cards, inkqubo yokuloga ekhompyutheni nokunika ifolda elinye igama |
Yimizuzu elishumi elinesihlanu |
07:3507:50 |
13:0513:20 |
Lixesha lokufunda iphepha lemibuzo |
Yimizuzu elishumi |
07:5008:00 |
13:2013:30 |
IPhepha 1 (iPraktikhali) |
Ziiyure ezintathu |
08:0011:00 |
13:3016:30 |
Gqibezela ukutshekisha, ukufumana kwakhona iifolda (retrieve folders), seyivela kwii-CD/kwii-DVD |
Yimizuzu eyi-120 (koxhomekeka kwinani labafundi) |
11:0013:00 |
16:3018:30 |
|
8. |
Apho kukho iiseshoni ezimbini, abaviwa nabazali babo kufuneka baziswe ngencwadi ebhaliweyo ngala malungiselelo. Abaviwa beseshoni yesibini mabaripote kwiyure phambi kokuphela kweseshoni yokuqala. |
9. |
Akuvumelekanga ukuba abaviwa baphume kwigumbi lokubhalela uviwo kude kube kugqitywe zonke iinkqubo zolawulo ezibhekisele ekuqhutyweni koviwo lwepraktikhali. |
10. |
Ngomhla wokubhalwa koviwo, umgadi wabaviwa oyintloko makaqinisekise ukuba imiyalelo ngokubanzi ekwiphepha lemibuzo le-CAT P1 ifundelwa abaviwa phambi kokunika abaviwa imizuzu elishumi yabo yexesha lokufunda iphepha lemibuzo. |
11. |
Kukhunjuzwa izikolo ngezi ndima nangemisebenzi eluxanduva ngokubanzi yabagadi babaviwa abaziintloko, ootitshala kunye nabaviwa: |
11.1 |
Phambi kokuqala koviwo lwepraktikhali, umgadi wabaviwa oyintloko makaqinisekise ukuba bonke abaviwa:
- bazinikiwe ii-access cards yaye babekwa kwiikhompyutha ngokungacwangciswanga (randomly) bakuba bengenile kwigumbi lokubhalela uviwo;
- bachazelwa inkqubo yokuloga ekhompyutheni nokunika elinye igama iifolda zoviwo zabo;
- babhala iinombolo zabo zoviwo kwii-access cards aze umgadi wabaviwa asteplishele i-access card kwicala elingentla ngasekhohlo kuxwebhu lweenkcukacha zomviwa (candidates information sheet); yaye
- bayakhunjuzwa ukuba bawuseyive umsebenzi wabo qho nangokuchanekileyo.
|
11.2 |
Ngethuba loviwo lwepraktikhali umgadi wabaviwa oyintloko makaqinisekise ukuba:
- ukongeza kumgadi wabaviwa, makubekho utitshala onamava weCAT okanye we-IT ngazo zonke iiseshoni zepraktikhali, ukwenzela ukuba abe nokunika uncedo xa kuyimfuneko;
- makuthotyelwe zonke iimfuno ezimiselweyo zokugada abaviwa;
- zonke iinkqubo zokhuseleko zenziwa phantsi kweliso lomgadi wabaviwa oyintloko; kunye
- nokulandelwa kwemigaqo echanekileyo kwimeko apho kunokwenzeka ukuba umke umbane.
|
11.3 |
Emva koviwo lwepraktikhali, umgadi wabaviwa oyintloko makaqinisekise ukuba:
- abaviwa batshekisha ukuba ingaba zonke iifayili zabo ziseyiviwe na kwiifolda zoviwo yaye zileyibhelishwe ngamanani oviwo achanekileyo azo;
- abaviwa bazalisa uxwebhu lwengcaciso yaye baqinisekise ukuba ingcaciso leyo iyangqinelana neefolda zoviwo;
- utitshala ufumana kwakhona (retrieves) zonke iifolda zabaviwa ngokusebenzisa i-network okanye i-flash drive ukukhuphela zonke iifolda zabaviwa kwikhompyutha enguvimba (central computer) okanye kwiserver enye, yaye kutshekishwe ukuba iifayili zomviwa ngamnye ezikwifolda yabo ziyangqinelana nengcaciso ekuxwebhu lwengcaciso yabo;
- utitshala useyiva zonke iifolda zabaviwa kwii-CD/kwii-DVD eziya kungeniswa ukuba mazimakishwe yaye enze ii-CD/ii-DVD ezimbini zokulalelisa (back-up) ngaxeshanye, enye yazo kufuneka igcinwe ngokunqatyisiweyo kwiziko lokubhalela uviwo enye ingeniswe kwicandelwana leemviwo (examination section);
|
11.4 |
Utitshala weCAT/IT makatshekishe ukuba zonke iifolda zabaviwa, ezileyibhelishwe ngamanani oviwo wabaviwa abachaphazelekayo, ziseyivelwe kwii-CD/kwii-DVD kwanokuba iifayili neefolda zingavuleka zonke, phambi kokuba ii-CD/ii-DVD zipakishwe zize zinikwe umgadi wabaviwa oyintloko. |
11.5 |
Ukuba iifolda okanye iifayili zabaviwa zilahlekile, utitshala makazame ukufumana kwakhona (recover) ezo folda okanye iifayili ezilahlekileyo phambi kokuba enze ii-CD/ii-DVD. |
11.6 |
Inani leefolda zabaviwa eziseyivwe kwii-CD/kwii-DVD malingqinelane nenani labaviwa elidweliswe kwimakhishithi. |
11.7 |
Abaviwa be-IT abaprinta ikhowudi yabo mabatshekishe ukuba ikhowudi yawo onke amacandelo iprintiwe kwaza emva koko kwafakwa iiprintawuthi zabo ngolandelelwano oluchanekileyo phambi kokuba zingeniswe ezi zinto kubagadi babaviwa. |
11.8 |
Iifayili zabaviwa akufunekanga ukuba ziseyivwe kwii-flash disks njengoko umkhulu kakhulu umngcipheko wokuba iifayili zonke zinokucima ngenxa yee-viruses ezikwii-flash disks. |
11.9 |
Makungeniswe ingxelo epheleleyo ngazo naziphi na iingxaki zobugcisa (technical problems) okanye izitenxo ekungenzeka ukuba zenzekile ngethuba loviwo kwiCandelo loLawulo lweeMviwo (Directorate: Examinations Administration). |
11.10 |
Utitshala we-CAT/we-IT, ekunye nabagadi babaviwa, mabazalise yaye basayine uluhlu lokutshekisha (isiHlomelo A: Computer Applications Technology and Information Technology 2018 Checklist) balungenise kwiCandelo loLawulo lweeMviwo. |
12. |
Nayiphi na imibuzo engeenkqubo zoviwo lwepraktikhali okanye ezingxamisekileyo mazithunyelwe kuMnu I Francis ngefoni 021 467 2549 okanye ngedilesi ye-imeyili Ighsaan.Francis@westerncape.gov.za. |
13. |
Kucelwa uqinisekise ukuba ikopi yale ngcaciso imfutshane inikwa bonke ootitshala be-CAT ne-IT kunye nabagadi babaviwa ukuze bayithathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:10:03
|
 |