1. Le ngcaciso imfutshane mayifundwe kunye nemimiselo ii-Regulations pertaining to the National Curriculum Statement Grades R-12, the Regulations pertaining to the Conduct, Administration and Management of the National Senior Certificate examination and the Policy pertaining to the Programme and Promotion Requirements of the National Curriculum Statement Grades R-12, njengoko zifakelwe izilungiso kwiGazethi kaRhulumente, Vol. 618 No. 40472, yowe-02 Disemba 2016 nakwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo loVavanyo 0017/2017, yowe-10 Oktobha 2017.

2. IThuba loKuhlalela uViwo iXesha eLingaphezu koNyaka (Multiple Examination Opportunity) (MEO) labafundi abakwiBakala 12 abadluliselweyo
2.1 Kuphela yi-46% yabafundi abaye bakhetha inkqubo enokukhethwa yeThuba loKuhlalela uViwo iXesha eLingaphezu koNyaka (MOE) ngo-2017, abalubhalayo uviwo lwangoMeyi/Juni 2018.
2.2 Izikolo mazizibophelele kakhulu ekuxhaseni nasekukhuthazeni abafundi beMEO babo kumalungiselelo abo oviwo lwangoMeyi/Juni.
2.3 Ukhetho lweMEO lunika abafundi abadluliselweyo ukusuka kwiBakala 11 ukuya kwiBakala 12, isigqibo sokubhala iphakheji yezifundo ezinganeno kwezintandathu kuviwo lwangoNovemba 2018 bandule ukubhala izifundo ezishiyekileyo kuviwo lwangoJuni 2019.
2.4 Inkqubo yabafundi abadluliselweyo mayibekwe esweni kunyaka weBakala 12, yaye ngokuthethana nabazali/nabagcini, abafundi baya kuvunyelwa ukuba babhale uviwo kwizifundo ezine (kuqukwa noLwazi ngezoBomi) ngo-2018 zize izifundo ezishiyekileyo zibhalwe kuviwo lwangoJuni 2019.
2.5 Ukuze kuqinisekiswe ukwenziwa kwezinto ngokuyondeleleneyo ekusetyenzisweni kwenkqubo enokukhethwa yeMEO, umfundi okhetha le nkqubo inokukhethwa makahambelane mbo nazo zonke ezi khrayitheriya zilandelayo:

Umfundi kufuneka:

  1. abe ebedluliselwe ukusuka kwiBakala 11 ukuya kwiBakala 12;
  2. abe ngozizalise zonke iimfuno zakhe zoVavanyo oluQhubekela eZikolweni (SBA) kuzo zosixhenxe izifundo kwiBakala 12;
  3. abe ngobesihamba isikolo yonke imihla (angabi ngongahambi sikolo kude kugqithise kwiintsuku zokufundisa eziyi-20, kungekho sizathu sibambekayo);
  4. abe ngowayezibhalile iimviwo zangoSeptemba 2018 kuzo zonke izifundo; yaye
  5. etshone ubuncinane bezifundo ezithathu kwiimviwo zangoSeptemba 2018.
2.6 Iinqununu maziqinisekise ukuba umzali/umgcini womfundi oyifaneleyo inkqubo enokukhethwa yeMEO uyaziswa malunga noko ngokubhaliweyo kwisiHlomelo A esiqhotyoshelweyo apha. Umzali/umgcini makabhale phantsi ukuba ngaba uyayamkela okanye akayamkeli ingcebiso. Isikolo masigcine okubhaliweyo ukwenzela xa kuye kwacelwa ubungqina yi-ofisi yesithili okanye nguNdlunkulu.
2.7 Ukwalathwa kwabafundi beMEO makwenziwe ngeCEMIS ungadlulanga owe-17 Oktobha 2018 yaye kuphela ziingcebiso ezamkelweyo ezinako ukurekhodwa. Kucelwa ukuba ulandele zonke iinkqubo njengoko zibhaliweyo kwisiHlomelo B.

3. Kucelwa uqaphele ukuba inkqubo enokukhethwa eyiMEO isebenza kuphela kubafundi abadluliselweyo ukusuka kwiBakala 11 ukuya kwiBakala 12.

4. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beBakala 12, abafundi kunye nabazali/nabagcini esikolweni okuso ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:09:28

IsiHlomelo A: "Application for Multiple Examination Opportunity (MEO)"  (ubukhulu: 54 KB)
IsiHlomelo B: "Guidelines for the management of Multiple Examination Opportunity (MEO)"  (ubukhulu: 54 KB)