1. Ukuqinisekiswa komgangatho, ukuphathwa nokulawulwa ngendlela eyiyo kweenkqubo zeemviwo kubaluleke kakhulu kuwo onke amanqanaba nakuwo onke amaziko ekuqinisekiseni ukuthembeka nokunyaniseka kweziphumo zeemviwo. Oku kubandakanya ukutyelelwa okungachazwanga kwangaphambili kwamaziko okubhalela iimviwo kwakunye neenqununu/nabaphantsi bamaziko okubhalela uviwo abamkele uxanduva lokuphendula ngokuqhubekayo kuzo zonke iimviwo eziqhubeka ezikolweni zabo.

2. Ukubekwa esweni kweemviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC), eze-Adult Education and Training Level 4 nezeSatifikethi seMatriki (SC)
2.1 Abameli abavela kula maqumrhu mane alandelayo aya kubeka esweni inkqubo yeemviwo kumaziko okubhalela iimviwo:

  1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED)
  2. IBhunga loQinisekiso lweMigangatho kwi-General and Further Education and Training (Umalusi)
  3. ISebe leMfundo esiSiseko (Department of Basic Education (DBE))
  4. ISebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho likazwelonke (Department of Higher Education and Training (DHET))
2.2 Ababeki-liso abavela ku-Umalusi nakwiSebe iDBE neSebe iDHET baqeshelwe kanye le njongo yaye akukho mfuneko yokuba bahambe namagosa eSebe iWCED xa andwendwela amaziko okubhalela iimviwo.
2.3 Bonke ababeki-liso abavela kwiSebe iWCED, ku-Umalusi, kwiSebe i-DBE nakwi-DHET baya kuba namaxwebhu okuzazisa neeleta zokuqeshwa kwabo njengababeki-liso yaye baya kutshekisha yonke imigaqo yeemviwo, umzekelo ukususwa kwamaphepha emibuzo kwisefu/kwigumbi elinqatyisiweyo, ukugcinwa ngokhuselekileyo nangokunqatyisiweyo kwamaphepha emibuzo kwisefu/kwigumbi elinqatyisiweyo, ukubhalwa kanye kanye kweemviwo kwiindawo zokubhalela iimviwo nenkqubo zokugada abaviwa.
2.4 Ababeki-liso bacelwe ukuba bakuxele ukubakho kwabo kwi-ofisi yentloko yeziko xa befika naxa bemkayo ngokunjalo. Iintloko zamaziko ziyacelwa ukuba zisayine isixhobo sokubeka esweni (monitoring instrument) yaye ziqinisekise ukuba umbeki-liso uyayisayina iRejista yaBabeki-liso (Register for Monitors).
2.5 Isixhobo sokubeka esweni (Annexure A: Western Cape Education Department Monitoring Instrument 2018) masisetyenziswe ngamagosa eSebe iWCED ukubeka esweni ukubhalwa kweemviwo.

3. Ulawulo lweemeko ezingayingozi kwiimviwo ze-NSC, eze-AET Level 4 neze-SC
3.1 Lo gama kungalindelekanga ukuba kuphazanyiswe ukubhalwa kwazo naziphi na iimviwo, kubalulekile ukuba isicwangciso esintsonkothileyo sokulawulwa kweemeko ezingayingozi masenziwe liziko ngalinye ukwenzela ukujongana nakuphi na ukuphazamiseka okunokuchaphazela ulawulo nokuqhutywa kwezi mviwo.
3.2 Apho kunokwenzeka ukuba bakhutshwe ngongxamiseko abaviwa kwisakhiwo (evacuation), umphathi wesekethe okanye umlawuli wesithili makaziswe ngesehlo ngokungxamisekileyo. Umphathi wesekethe okanye elinye igosa ekudluliselwe kulo amagunya elivela kwi-ofisi yesithili liya kundwendwela isikolo ngokukhawuleza ukungqinisisa imigaqo neenkqubo ezilandelwe sisikolo. Amagosa anyulelwe lo msebenzi avela kwi-ofisi yesithili makabeke iliso kulo meko ichaziweyo ngeliso lokhozi ukususela kwelo xesha afika ngalo esikolweni.
3.3 Ukungaphumeleli ukwenza inkqubo yokukhutshwa kwisakhiwo ngongxamiseko (evacuation) ngokwemigaqo emiselweyo kuya kudlelela ukuthembeka kweemviwo yaye kunokubaneziphumo ezizezinye zamanye amalungiselelo, afana nokulucwangciselwa omnye umhla oya kulandela uviwo.
3.4 Iinqununu/abaphathi bamaziko mabazise abaviwa ngesicwangciso semeko engekehli yokukhutshwa kwisakhiwo kwabafundi ngongxamiseko (IsiHlomelo B: Isicwangciso sokuqulela okungekehli sokujongana neemeko zongxamiseko) neziphumo ezixhomisa amehlo ukuba inkqubo yokukhutshwa kwisakhiwo ngongxamiseko ayiqhutywanga ngokwemimiselo yomgaqo-nkqubo.
3.5 Kwimeko engaxhaphakanga yokuba uviwo lwephondo okanye lukazwelonke luphinde lubhalwe kwakhona, iSebe iWCED liya lwazisa zonke iinqununu/abaphathi bamaziko kwangoko sakuba sithathiwe isigqibo ngalo mba.
3.6 Iinqununu/abaphathi bamaziko banokusebenzisa izintlu zokutshekisha zihamba nale ngcaciso imfutshane (isiHlomelo C: Uluhlu lokutshekisha uLawulo lweeMeko ezingayingozi kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke, eze-Adult Education and Training Level 4 nezeSatifikethi seMatriki) njengesikhokelo sokuqaphela iimeko ezingayingozi ekuqhutyweni kweemviwo nokwenza isicwangciso solawulo lweemeko ezingayingozi esimalunga noku.

4. Ukuba kungakho nayiphi na intandabuzo ngokuba ungubani na umntu ungumbeki-liso kwiimviwo, okanye nakuphi na ukuphazamiseka kwenkqubo yeemviwo okanye ukuvulwa kwephepha lemibuzo elingachanekanga, inqununu/umphathi weziko lokubhalela uviwo makakuxele oku ngokukhawuleza komnye wala magosa eSebe iWCED alandelayo:

Mnu J Parbhoo, iNgcali yeMfundo eyiNtloko, apha 021 467 2572
Mnu HJ Swart, uMlawuli weCandelo loLawulo loVavanyo, apha 021 4672057
Mnu AP Clausen, uMlawuli weCandelo loLawulo lweeMviwo apha, 021 467 2945
Mnu T Singh, uMlawuli oyiNtloko weCandelo loVavanyo neeMviwo, apha 021 467 2541


5. ISebe iWCED linqwenelela okuhle iinqununu/abaphathi bamaziko okubhalela iimviwo kulawulo lwezi mviwo zizayo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2018:09:25

"Annexure A: Western Cape Education Department monitoring instrument 2018"  (ubukhulu: 86 KB)
IsiHlomelo B: Isicwangciso sokusingatha okungekehli okumalunga neemeko zezongxamiseko  (ubukhulu: 54 KB)
IsiHlomelo C: UluHlu lokuTshekisha uLawulo lweeMeko ezingayiNgozi kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke, eze-Adult Education and Training Level 4 kunye nezeSatifikethi seMatriki  (ubukhulu: 64 KB)