1. Lo mba ungentla umalunga neNgcaciso eMfutshane yeCandelo loVavanyo 0019/2017, yomhla we-10 Oktobha 2017.
2. IBhunga laBaphathiswa bezeMfundo (Council of Education Ministers (CEM)) likuvumile ukudityaniswa koviwo lokuxabangela lwe-National Senior Certificate (NSC) kunye noviwo lwe-Senior Certificate (SC), yaye oko kuqala ukusebenza ngo-2019.
3. Oku kuthetha ukuba ukususela ngo-2018, abafundi beBakala 12 ababhala uviwo lwe-National Senior Certificate (NSC) ngoNovemba 2018, nabakufaneleyo ukubhala uviwo lokuxabangela ngoFebruwari/Matshi 2019, baya kubhala uviwo olulingana noviwo lokuxabangela (equivalent of the supplementary examination) ngoMeyi/Juni 2019.
4. Kuviwo lweSC lwangoJuni kubhalwa zonke izifundo ezibhalwa kwiimviwo zango-Oktobha/Novemba yaye zisekelwe kwikharityhulam efanayo nale yoviwo lweNSC lwangoNovemba. Nakuba abafundi bebhala uviwo lweSC ngoMeyi/Juni 2019, baya kunikwa isatifikethi seNSC bakugqiba izifundo zabo.
5. Uviwo lweSC lwangoMeyi/Juni luya kubanika abafundi imvume engenamiqathango eyi-"open access" kuba, kuya kuba kungekho zithintelo ekubhaleni uviwo, njengoko kunjalo kuviwo lokuxabangela lwangoku. Oku kuthetha ukuba, abafundi abangaphumelelanga ukuzifezekisa iimfuno ezimiselweyo kuviwo lwangoNovemba, kwakunye nabo bafundi bapasileyo kodwa bafuna ukuphucula umgangatho weziphumo zabo, banokubhalisela ukubhala uviwo lwangoMeyi/Juni.
6. Abaviwa abebengekho yaye abalibhala iphepha lemibuzo yoviwo elinye okanye amabini ngo-Oktobha/Novemba ngenxa yokugula okanye ngenxa yezinye iimeko ebezingenakulawuleka, mabeze nephepha likagqirha (medical certificate) okanye olunye uxwebhu olwamkelekileyo njengobungqina obuhamba kunye nesicelo sokubhala uviwo lweSC lwangoMeyi/Juni 2019.
7. Iinkcukacha zobhaliso ezimalunga noviwo lwangoJuni 2019 ziya kwaziswa xa kukhutshwa iingxelo zeZiphumo zoViwo loKugqibela (Statement of Results) ngoLwesihlanu we-04 Januwari 2019.
8. Kubalulekile ke ngoko ukuba kwaziswe abafundi beBakala 12 bangoku abaya kuchatshazelwa ngulo mgaqo mtsha ngo-2019, ngala malungiselelo matsha amalunga noviwo lokuxabangela ukuze bawuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-T SINGH
IBAMBELA USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:09:18