1. Ngo-2019 i-Cape Teaching and Leadership Institute (CTLI) iya kubonelela kwakhona ngeekhosi zophuhliso lootitshala ezivunywe ngokusemthethweni yiSACE, iinkomfa kunye neesemina kwiinqununu, kumasekela-nqununu, kwiintloko zezifundo nakootitshala, nokuba kungethuba leekota zesikolo okanye ngeeholide zesikolo (isiHlomelo A).

2. Zonke iikhosi eziya kuqhutywa yi-CTLI ngo-2019 ziya kufumaneka kwiziko lewebhu le-CTLI: www.wcedctli.co.za ungadlulanga owe-15 Novemba 2018.

3. Ootitshala abanomdla wokuya kwezi khosi mababhalise kwiziko lewebhu le-CTLI (Inkqubo yokungena nokubhalisa icacisiwe kwisiHlomelo B).

4. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) liya kuqesha ootitshala abaya kubambela abanye (substitute teachers) ngethuba lokuqhubeka kweekhosi eziya kuhanjwa ngootitshala e-CTLI ngethuba leekota zesikolo, ukuba ngaba:

  • akukho titshala ugqithisileyo kwinani labaqeshwe kwisikolo eso;
  • utitshala akangotitshala ohlawulwa libhunga lolawulo; yaye
  • utitshala akabambelanga omnye utitshala.
5. Luxanduva lwesikolo ukufumana nokutyumba utitshala ofanelekileyo onokubambela omnye utitshala oya ekhosini.

6. Bayi-50 kuphela ootitshala abaya kubhaliselwa ikhosi nganye kwezi zenziwa ngethuba lekota yesikolo.

7. Ukufumana ingcaciso engaphezulu ngamaphulo ongenelelo ngoncedo e-CTLI ngo-2019, kucelwa ungathandabuzi ukuqhagamshelana nomnye waba baququzeleli beprogram be-CTLI balandelayo:

  • Gavin de Bruyn, ifoni 021 900 5062, ifeksi 021 900 5114, i-imeyili: Gavin.DeBruyn@westerncape.gov.za ngazo zonke iikhosi neesemina ze-School Management and Leadership Development.
  • Magdalena Benn, ifoni 021 900 5016, ifeksi 086 614 5151, i-imeyili: Magdelena.Benn@westerncape.gov.za ngazo zonke iikhosi zeSigaba seSiseko kunye ne-Language and Mathematics Solutions Conference.
  • Natasha Fouche, ifoni 021 900 5018, ifeksi 086 443 6276, i-imeyili: Natasha.Fouche@westerncape.gov.za ngazo zonke iikhosi zeSigaba esiPhakathi nezeSigaba esiPhakamileyo nenkomfa eyi-Language and Mathematics Solutions Conference.
  • Lumka NDlungwana, ifoni 021 900 5020, ifeksi 900 5013, i-imeyili: Lumka.Ndlungwana@westerncape.gov.za ngazo zonke iikhosi ze-Inclusive Education nenkomfa ye-Language and Mathematics Solutions Conference.
  • Christo Davids, ifoni 021 900 5039, ifeksi 086 731 6833, i-imeyili: Christo.Davids2@westerncape.gov.za ngawo onke amaphulo ongenelelo ngoncedo e-ICT Integration.
8. Kucelwa wazise bonke ootitshala okukule ngaciso imfutshane ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:11:22

IsiHlomelo A: IPROGRAM KA-2019 YE-CTLI  (ubukhulu: 76 KB)
IsiHlomelo B: INKQUBO YOKUNGENA NOKUBHALISA EKHOMPYUTHENI E-CTLI  (ubukhulu: 65 KB)