1. ICape Teaching and Leadership Institute (CTLI) icela ootitshala bamaBakala R ukuya kwele-12 bathathe inxaxheba kwiNkomfa yeeLwimi neMathematika kwiNkulungwane yama-21, njengabenzi bengcaciso-ntetho okanye abameli.

2. Injongo yale nkomfa, eya kubanjwa ngo-Oktobha 2018, kukunika iqonga lonxibelelwano ootitshala lokuba bazibandakanye kwiingxoxo-mpikiswano ezinika umdla ngeenkqubo zokufundisa ezisetyenziswayo ngoku nezinentsingiselo kunye neembono zezophando eziya kuphucula ukufunda nokufundiswa kweeLwimi neMathematika. Ngaphezulu, le nkomfa iya kubamba iindidi ngeendidi ngokubanzi zeeseshoni ukuququzelela ukwabelana ngolwazi okubaluleke gqitha, amava kwaneenkqubo zokufunda nokufundisa ezikwizinga eliphezulu ukuqinisekisa ukuba izakhono zolwazi zifumana ukuphuhliswa kubafundi bethu ukwenzela ixesha elizayo.

3. Ootitshala baya kuba nako ukuthatha inxaxheba kule nkomfa kumanqanaba amabini:
3.1 Njengabenzi bengcaciso-ntetho – Ukubhalisa njengomenzi wengcaciso-ntetho, sebenzisa le linki ilandelayo: https://docs.google.com/forms/d/e/1FAIpQLSfYUA5Wj2SwWU0DfBJH59pUuyDTVSh-ODEVXjl6Aquox08q4g/viewform?usp=sf_link.
3.1.1 Yabelanani ngamava enu aseklasini asebenzisekayo, iimbono, ukwenza izinto ngendlela entsha nobuchule bokuyila ngengqondo (innovation and creativity) kwiiLwimi okanye kwiMathematika; okanye
3.1.2 Yabelanani ngeembono zophando ukuphucula ukufunda nokufundiswa kweeLwimi neMathematika ukuze kuzuzeke iziphumo zemfundo ezizizo.
3.2 Ukuba ngabathathi-nxaxheba okanye abameli – Ukuzibandakanya ngokukhutheleyo kule nkomfa, bhalisa ngokusebenzisa le linki ilandelayo:

IsiGaba esisiSeko:
https://bit.ly/2NhWDm4

IsiGaba esiPhakathi:
https://bit.ly/2KoJOIG

IsiGaba esiPhezulu:
https://bit.ly/2Nglnec

IsiGaba seMfundo noQeqesho oluQhubekela Phambili:
https://bit.ly/2Ne4Wz0


4. Le nkomfa iya kuqhubeka ukususela ngoLwesibini, nge-02 Oktobha 2018, ukuya ngoLwesine, nge-04 Oktobha 2018. Iiseshoni zale nkomfa ziya kuqala ngo-09:00 ziphele ngo-15:30 yonke imihla.

5. Indawo ekuya kudityanelwa kuyo iya kuba yiCape Teaching and Leadership Institute, eNooiensfontein Road, eKuils River.

6. Ubhaliso lwabameli luya kuvala nje ukuba abenzi-sicelo basekhompyutheni abokuqala abayi-1000 bafumaneke eCTLI.

7. Abathathi-nxaxheba okanye abenzi bengcaciso-ntetho abasuka kwizithili zemfundo zasemaphandleni abahamba umgama ongaphaya kwe-120 km ngohambo lokuhamba uphinde ubuye, banokucela indawo yokulala kwihostele yaseCape Teaching and Leadership Institute, oko bekuhlawulelwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED).

8. IWCED iyathemba ukuba le nkomfa iya kutyeba kubo bonke ootitshala beeLwimi neMathematika abayayo kuyo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:07:10