1. I-Cape Teaching and Leadership Institute (CTLI), ibambisene neCandelo leGeneral Education and Training (GET), iya kuba ibonelela ngeekhosi ezimbini kootitshala beSigaba esiPhakathi nabeSigaba saBadala be-Creative Arts and Physical Education kwikota yesikolo ngoJulayi 2018.

2. Abacebisi bezifundo bezithili baya kuchonga ootitshala abaya kuya kwezi khosi ziya kubanjelwa eCTLI e-Kuils River.

3. Ootitshala abachongelwe ezi khosi mababhalise ngokungena kwiziko lewebhu le-CTLI apha: www.wcedctli.co.za (inkqubo yokungena nokubhalisa icacisiwe kwisiHlomelo A).

4. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liya kuqesha ootitshala abambeleyo kangangelo thuba lokuqhutywa kweekhosi eziyiwa ngootitshala abasezikhundleni eCTLI ngethuba lekota yesikolo ngokuxhomekeke ekubeni:

  • akukho titshala ungaphezu kwemfuneko esikolweni;
  • utitshala osesikhundleni akangotitshala ohlawulwa libhunga lolawulo; yaye
  • utitshala osesikhundleni akasele ebambele omnye utitshala apho kweso sikolo.
5. Ngumsebenzi oluxanduva lwesikolo ukufumana nokutyumba utitshala ofanelekileyo onako ukubanjelwa xa yena eye ekhosini.

6. Niyacela ningathandabuzi niqhagamshelane naba bacebisi bezifundo bee-ofisi zezithili abohluka-hlukeneyo ukufumana ingcaciso engaphezulu ngokumalunga nezi khosi:

Ikhosi ye-Creative Arts:
Isithili Umcebisi wezifundo Inombolo yoqhagam-shelwano Idilesi ye-imeyili
Metro North Malefo Makena
(Umququzeleli weGET)
021 938 3104 Malefo.Makena@westerncape.gov.za
Metro Central Betsie Strydom 021 514 6762 Betsie.Strydom@westerncape.gov.za
Metro South Natasha Esbach 021 370 2042 Natasha.Esbach@westerncape.gov.za
Metro East Michelle Petersen 021 900 7048 Michelle.Petersen@westerncape.gov.za
West Coast Deon Burger 021 860 1200 Deon.Burger2@westerncape.gov.za
Cape Winelands Cantél Ross 023 348 4618 Cantel.Ross@westerncape.gov.za
Overberg Margie Clarke 028 214 7372 Margie.Clarke@westerncape.gov.za
Eden and Central Karoo Phillip Jaftha 044 279 1681 Phillip.Jaftha@westerncape.gov.za

Kucelwa niqhagamshelane no-Nks Anina Lundie, onguMcwangcisi wezeKharityhulam oMkhulu we-Creative Arts kwaNdlunkulu ukufumana ingcaciso engaphezulu kule nombolo yefoni: 021 467 2016 okanye kule nombolo yeselula. 083 707 2193.

Ikhosi ye-Physical Education:
Isithili Umcebisi wezifundo Inombolo yoqhagamshelwano
Metro North Johrita Hanekom 082 858 5147
Metro Central Ivan Fortuine 083 704 2572
Metro South Fairoez Cassiem 071 528 8807
Metro East Euria Hendrickse
Michelle Petersen
083 320 8510
072 865 8888
West Coast Colin Green
Neliswa Maxam
079 953 1832
084 587 5907
Cape Winelands Eurica Beukes
Cantél Ross
082 341 3420
082 899 5239
Overberg Edith Wynne-Trollip
Margie Clarke
076 561 1971
084 800 0029
Eden and Central Karoo Marjorie Holand
Graham Fourie
076 158 0447
060 740 4465


7. Kucelwa iinqununu ukuba zazise ngokuqulethwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala be-Creative Arts ne-Physical Education bamaBakala 4 ukuya ku-6 ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2018:04:10

IsiHlomelo A: INKQUBO YOKUNGENA NOKUBHALISA KWIZIKO LEWEBHU LE-CTLI  (ubukhulu: 41 KB)