1. Iphephandaba i-Die Burger, libambisene neSebe leMfundo leNtshona Koloni, kwakhona lazisa ngeNkomfa yoLutsha yoBunkokeli yaQho ngoNyaka yama-60 (60th Annual Leadership Conference) ukususela ngowe-14 ukuya kowe–20 Disemba eKapa.

2. Ziyacelwa izikolo zityumbe usihlalo kunye/okanye usekela-sihlalo onyuliweyo weBhunga eliMele aBafundi (Representative Council of Learners (RCL)) ukulungiselela u-2019 omakathathe inxaxheba kule nkomfa yokwabelana ngamava. Ziinkokheli zolutsha ezingamashumi amahlanu eziya kunikwa ithuba lokuya kule nkomfa. Iikhrayitheriya zokhetho zibandakanyiwe kwifom yesicelo.

3. Lo gama i-Die Burger iliphephandaba lesi-Afrikansi, le nkomfa iya kulungiselela zonke iilwimi ezintathu zaseburhulumenteni.

4. Kulindeleke ukuba kubekho abafundi abakhethiweyo kule nkomfa ngazo zonke iintsuku ukususela ngoLwesihlanu we-14 Disemba 2018 ukuya kuLwesine we-20 Disemba 2018.

5. La maxwebhu aqhotyoshelweyo aya kusebenza njengefom yokutyumba yaye amele ukuzaliswa ngokupheleleyo. Zamkelekile izikolo ukuba zingenise nayiphi na ingcaciso eyongezelelweyo nefanelekileyo ukuxhasa amagama abo batyunjiweyo.

6. Iifom zokutyumba ezizaliswe ngokupheleleyo mazingeniswe ku-Rosemary Swartz apha: Rosemary.Swartz@westerncape.gov.za ungadlulanga owe-30 Oktobha 2018.

7. Uyacelwa uqaphele le mihla ibalulekileyo ilandelayo:

  •  
  • Ukuvalwa kokungeniswa kwamagama abatyunjiweyo: 30 Oktobha 2018
  •  
  • Inkqubo yokhetho lokugqibela: 06 Novemba 2018
  •  
  • Ukuqinisekiswa kwabakhethiweyo: 10 Novemba 2018

    8. Zamkelekile izikolo ukuba zibuze imibuzo ngayo nangayiphi na imiba emalunga nenkomfa kuSihlalo weNkomfa uMnu Barry Volschenk kule nombolo yeselula 082 376 4794.

    9. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.

    10. Iya kuthakazelelwa inkxaso yenu kule projekthi.


    ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
    INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
    UMHLA: 2018:10:09

    "Die Burger’s 60th Youth Leadership Conference"  (ubukhulu: 84 KB)