1. KwiNgcaciso eMfutshane yeKharityhulam noLawulo loVavanyo 0001/2017, yomhla we-25 Meyi 2017, kwachazwa ukuba iSetyhula S1 ka-2017 eyakhutshwa liSebe leMfundo esiSiseko (iSebe iDBE) ayiyikuphunyezwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) njengoko ingekacaciswa intsingiselo yokuthethwa kukudlulela kwesinye isigaba nokupasa (progression and promotion) yaye ke ngoko kusalindelwe ingcaciso ecacileyo emalunga noku.
2. Le ngcaciso imfutshane yenzelwe ukwaziswa izithili nezikolo ukuba nangona iSebe iDBE lisabhungisana nabathathi-nxaxheba abachaphazelekayo ngokuphunyezwa kweSetyhula 1 yeSebe iDBE ka-2017, iSebe iWCED lithathe isigqibo sokuqhubeka okwethutyana sisiphumeze ngokuyinxenye esi sikhokelo kwiSigaba seSiseko kuphela, kumaBakala 1 ukuya ku-3, ngo-2018.
3. Esi sigqibo sisekelwe kubuninzi bomsebenzi wovavanyo (assessment overload) kwiSigaba seSiseko kwi-Curriculum and Assessment Policy Statement (CAPS) nobuthe balinciphisa ixesha elifumanekayo lokufundisa nokufunda okusemgangathweni neleemvavanyo ezingamiselwanga (iimvavanyo ezenzelwe ukufunda).
4. IsiHlomelo A sinika isikhokelo sokuphunyezwa kwezi nguqu ngo-2018. Zonke izikolo ezinamaBakala 1 ukuya ku-3 kuya kufuneka zisiphumeze esi sikhokelo silingwayo (pilot the guidelines) simiselwe kwisiHlomelo A. Bazisiwe ngezi nguqu abacebisi bezifundo beSigaba seSiseko yaye baya kuyinika inkxaso ezikolweni xa kuyimfuneko oko.
5. Izikolo maziqaphele ukuba ischeduli yokurecorda amanqaku kwinqanaba labaqalayo ziya kuvela kuphela kwiSebe lemfundo iWCED kumsebenzi omnye wohlolo olusesikweni kwi-Kota nganye kwisifundo, ngasinye kwibanga ngalinye, njengoko kubonisiwe kwiphepha lesihlomelo u-A.
6. ISebe iWCED likhethe ukukuyeka ukuphumeza naziphi na ezinye iinguqu ezicetyiswayo kwiSetyhula S1 yeSebe iDBE ka-2017 kwamanye amaBakala kude kube kufumaneke ingcaciso engaphezulu evela kwiSebe iDBE.
7. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2018:01:12

IsiHlomelo A  (ubukhulu: 41 KB)