1. |
ISixeko saseKapa ngokubambisana neSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) likwiphulo lenkqubo yokugaya abafundi babe yinxalenye yeprogram yeBhunga leSixeko laBantwana beSikolo (Junior City Council) ka-2018/19. |
2. |
I-JCC yamiselwa njengeqonga labafundi bezikolo eziphakamileyo elinenjongo yokwandisa ulwazi lwabo ngorhulumente wasekhaya, kubhekiselwe ngakumbi kwimiba kamasipala, kwanokuqonda kwakhona umhlaba nobungakanani bomsebenzi owenziwa ngoogunyaziwe bezasekhaya. Lo asingombutho wezopolitiko yaye ukuthatha inxaxheba kwezikolo zonke (ezikarhulumente neziphakamileyo ezizimeleyo) oko zikwenza ngokuzithandela. |
3. |
Eyona njongo iphambili ye-JCC kukuxhobisa ulutsha ngolwazi malunga namandla abanawo ekuququzeleleni inguqu eyiyo ngokwasekuhlaleni nokuphathisana ekusombululeni imingeni yabo yezentlalo noqoqosho. Iya kuphuhlisa kwakhona izakhono zabathathi-nxaxheba nendlela abazibona ngayo (self-image) ukuze ngabanye ngabanye bakwazi ukuzithemba ngamandla abanawo okuzisa inguqu ezikolweni nakwiindawo zasekuhlaleni zabo. |
4. |
Iinjongo ze-JCC zezi zilandelayo:
- kukubethelela izakhono zobunkokeli nokuphuhlisa amandla obunkokeli kulutsha lwethu lwezikolo eziphakamileyo;
- kukunceda ulutsha lube ngabemi abangabo kwanokukhulisa umdla wabo kwimiba yobumi neyokuhlala;
- kukuxhobisa ulutsha ngezakhono zokuqiqa (critical thinking skills) eziya kubanceda ekuphuhliseni ulwazi lweenkqubo zomgaqo-nkqubo olawula uwonkewonke;
- kukuba nolwazi ngezakhono zokwenza izigqibo;
- kukunika ulwazi malunga nabo bahlelelekileyo kwaneengxaki zasekuhlaleni;
- kukufundisa ulutsha ukuba luzibandakanye kwezasekuhlaleni nasekusombululeni iingxaki ngokuzimeleyo;
- kukomeleza ulutsha lwanamhlanje ukuqinisekisa ngekamva elingcono;
- kukumela ulutsha ngokuchanekileyo nangokungenamkhethe; kunye
- nokwakha abafundi ngabanye ukukhokela oontanga babo.
|
5. |
Abafundi abamkelweyo kule program kulindeleke ukuba bathathe inxaxheba kwimisebenzi yasekuhlaleni okanye imisebenzi yokufunda ukwenza iinkonzo zabahlali lo gama besesikolweni. Mabanike iingxelo ngokwenzekayo qho malunga nemisebenzi abayikhethileyo yabo. |
6. |
Le program iya kuqhubeka emva kwamaxesha esikolo (ngeempela-veki nangeeholide). Intlanganiso yokuqala iya kuba yeyokunika ulwazi. Eyesibini intlanganiso iya kuba luhlobo lukamasifundisane oqhubekela esikolweni sabo apho baya kuqeqeshwa khona kwimisebenzi eyahlukeneyo bekwaxhotyiswa ngezakhono zokusingatha imiba enjengokungenisa amaxwebhu asesikweni (submissions), iinkqubo zomgaqo-nkqubo karhulumente kwanokuzibandakanya nabahlali. Kuya kunyulwa ikomiti elawulayo ekupheleni kukamasifundisane. |
7. |
Ukuthatha inxaxheba kule program kwenziwa ngokutyunjwa kwamagama abagqatswa. Oku kunokwenziwa yinqununu okanye ngusekela ojongene neBhunga eLimele aBafundi (Representative Council of Learners) (RCL) okanye ngutitshala oneqhuzu (senior teacher) esikolweni. Izikolo ezinomdla wokuthatha inxaxheba kule program mazityumbe abafundi ababini (kwiBakala 8 ukuya kwele-10 ngo-2018) abacinga ukuba banawo amandla okwenza igalelo eliqaphelekayo ekuphuhlisweni kwesikolo nasekuhlaleni. Abafundi abatyunjiweyo mabazalise iifom zokutyumba amagama eziqhotyoshelweyo. Umhla wokuvala ukungena kwamagama abatyunjwa ngowoku-01 Disemba 2017. |
8. |
Amagama abatyunjwa anokuthunyelwa ngefeksi okanye nge-imeyili kuNks Levona Africa (kwinombolo yefeksi: 086 202 8854 okanye nge-meyili: Levona.Africa@capetown.gov.za) okanye kuMnu Sharif Sayed kule imeyili: Sharif.Sayed@capetown.gov.za okanye komnye wamagosa esithili eWCED akolu ludwe lungezantsi.
Iinkcukacha zoqhagamshelwano zamagosa ezithili:
|
9. |
Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo, ngokukodwa i-RCL noTitshala oliGosa loQhagamshelwano (TLO) ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-TS MATSELISO
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2017:11:06
|
|