1. ISixeko saseKapa ngokubambisana neSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) likwiphulo lenkqubo yokugaya abafundi babe yinxalenye yeprogram yeBhunga leSixeko laBantwana beSikolo (Junior City Council) ka-2018/19.

2. I-JCC yamiselwa njengeqonga labafundi bezikolo eziphakamileyo elinenjongo yokwandisa ulwazi lwabo ngorhulumente wasekhaya, kubhekiselwe ngakumbi kwimiba kamasipala, kwanokuqonda kwakhona umhlaba nobungakanani bomsebenzi owenziwa ngoogunyaziwe bezasekhaya. Lo asingombutho wezopolitiko yaye ukuthatha inxaxheba kwezikolo zonke (ezikarhulumente neziphakamileyo ezizimeleyo) oko zikwenza ngokuzithandela.

3. Eyona njongo iphambili ye-JCC kukuxhobisa ulutsha ngolwazi malunga namandla abanawo ekuququzeleleni inguqu eyiyo ngokwasekuhlaleni nokuphathisana ekusombululeni imingeni yabo yezentlalo noqoqosho. Iya kuphuhlisa kwakhona izakhono zabathathi-nxaxheba nendlela abazibona ngayo (self-image) ukuze ngabanye ngabanye bakwazi ukuzithemba ngamandla abanawo okuzisa inguqu ezikolweni nakwiindawo zasekuhlaleni zabo.

4. Iinjongo ze-JCC zezi zilandelayo:

  • kukubethelela izakhono zobunkokeli nokuphuhlisa amandla obunkokeli kulutsha lwethu lwezikolo eziphakamileyo;
  • kukunceda ulutsha lube ngabemi abangabo kwanokukhulisa umdla wabo kwimiba yobumi neyokuhlala;
  • kukuxhobisa ulutsha ngezakhono zokuqiqa (critical thinking skills) eziya kubanceda ekuphuhliseni ulwazi lweenkqubo zomgaqo-nkqubo olawula uwonkewonke;
  • kukuba nolwazi ngezakhono zokwenza izigqibo;
  • kukunika ulwazi malunga nabo bahlelelekileyo kwaneengxaki zasekuhlaleni;
  • kukufundisa ulutsha ukuba luzibandakanye kwezasekuhlaleni nasekusombululeni iingxaki ngokuzimeleyo;
  • kukomeleza ulutsha lwanamhlanje ukuqinisekisa ngekamva elingcono;
  • kukumela ulutsha ngokuchanekileyo nangokungenamkhethe; kunye
  • nokwakha abafundi ngabanye ukukhokela oontanga babo.
5. Abafundi abamkelweyo kule program kulindeleke ukuba bathathe inxaxheba kwimisebenzi yasekuhlaleni okanye imisebenzi yokufunda ukwenza iinkonzo zabahlali lo gama besesikolweni. Mabanike iingxelo ngokwenzekayo qho malunga nemisebenzi abayikhethileyo yabo.

6. Le program iya kuqhubeka emva kwamaxesha esikolo (ngeempela-veki nangeeholide). Intlanganiso yokuqala iya kuba yeyokunika ulwazi. Eyesibini intlanganiso iya kuba luhlobo lukamasifundisane oqhubekela esikolweni sabo apho baya kuqeqeshwa khona kwimisebenzi eyahlukeneyo bekwaxhotyiswa ngezakhono zokusingatha imiba enjengokungenisa amaxwebhu asesikweni (submissions), iinkqubo zomgaqo-nkqubo karhulumente kwanokuzibandakanya nabahlali. Kuya kunyulwa ikomiti elawulayo ekupheleni kukamasifundisane.

7. Ukuthatha inxaxheba kule program kwenziwa ngokutyunjwa kwamagama abagqatswa. Oku kunokwenziwa yinqununu okanye ngusekela ojongene neBhunga eLimele aBafundi (Representative Council of Learners) (RCL) okanye ngutitshala oneqhuzu (senior teacher) esikolweni. Izikolo ezinomdla wokuthatha inxaxheba kule program mazityumbe abafundi ababini (kwiBakala 8 ukuya kwele-10 ngo-2018) abacinga ukuba banawo amandla okwenza igalelo eliqaphelekayo ekuphuhlisweni kwesikolo nasekuhlaleni. Abafundi abatyunjiweyo mabazalise iifom zokutyumba amagama eziqhotyoshelweyo. Umhla wokuvala ukungena kwamagama abatyunjwa ngowoku-01 Disemba 2017.

8. Amagama abatyunjwa anokuthunyelwa ngefeksi okanye nge-imeyili kuNks Levona Africa (kwinombolo yefeksi: 086 202 8854 okanye nge-meyili: Levona.Africa@capetown.gov.za) okanye kuMnu Sharif Sayed kule imeyili: Sharif.Sayed@capetown.gov.za okanye komnye wamagosa esithili eWCED akolu ludwe lungezantsi.

Iinkcukacha zoqhagamshelwano zamagosa ezithili:

Isithili semfundo Iinkcukacha zoqhagamshelwano
Metro Central Nks S Majiet
Ifoni: 021 514 6700
Ifeksi: 021 514 6953
I-imeyili: Smajiet@westerncape.gov.za
Metro East Nks MJ Swartz
Ifoni: 021 900 7253
Ifeksi: 021 903 2149
I-imeyili: Mjswartz@westerncape.gov.za
Metro North Mnu D Leonard
Ifoni: 021 938 3170
Ifeksi: 021 938 3180
I-imeyili: Dleonard@westerncape.gov.za
Metro South Mnu R Esau
Ifoni: 021 370 2000
Ifeksi: 021 372 1856
I-imeyili: Rowan.Esau@westerncape.gov.za
West Coast Nks C Beukes
Ifoni: 021 860 1210
Ifeksi: 021 860 1231
I-imeyili: Cbeukes@westerncape.gov.za
Cape Winelands Mnu F Josias
Ifoni: 023 348 4602
Ifeksi: 023 342 4138
I-imeyili: Fred.Josias@westerncape.gov.za
Overberg Mnu K Mike
Ifoni: 028 214 7300
Ifeksi: 028 214 7400
I-imeyili: Kobus.Mike@westerncape.gov.za
Eden and Central Karoo Nks S Stofile
Ifoni: 044 803 8300
Ifeksi: 044 873 2253
I-imeyili: Sino.Stofile@westerncape.gov.za

9. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo, ngokukodwa i-RCL noTitshala oliGosa loQhagamshelwano (TLO) ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-TS MATSELISO
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2017:11:06

"Nomination for Junior City Council"  (ubukhulu: 43 KB)