1. ISebe leMfundo esiSiseko likazwelonke (DBE) libambisene nawo onke amasebe emfundo amaphondo liya kuququzelela kwakhona, lilawule yaye libeke esweni uMnyhadala woKhuphiswano lweeKwayala zeZikolo zaseMzantsi Afrika ka-2017 (South African Schools Choral Eisteddfod) (SASCE).
2. Ukhuphiswano lwango-2017 luhlengahlengisiwe kwakhona (redesigned) ukwenzela ukuba lubandakanye abaninzi yaye lulungiselela iikwayala zezikolo kula macandelo alandelayo:

Izikolo eziziiprayimari Iimveku (AmaBakala R–2)
Isigaba sesiseko (AmaBakala 3–4)
EsiPhakathi (AmaBakala 5–7)
Izikolo zasezifama

Izikolo eziziisekondari
i-Secondary A
Zizikolo ebezisoloko zithe gqolo ukutshatshela kule minyaka mine idlulileyo kwezi kwiindidi zintlanu zivunyiweyo (o.k.t. kwiikwayala ezixubeneyo – kwi-African, kwi-Afrikaans, kwi-Western nakwiikwayala zamadoda namabhinqa).
Izikolo ze-Secondary B
Zizikolo ezithatha inxaxheba okokuqala kwanezo zikolo zazikhe zathatha inxaxheba kule nkqubo kodwa azayokufikelela kwinqanaba likazwelonke.
i-Open Category
Kuya kukhethwa naluphi udidi abalubona lufanelekile kukhuphiswano kuzo zombini ezi ndidi zingentla.

Kucelwa ufunde imigaqo neekhrayitheriya zokuthatha inxaxheba ezimiselweyo zomculo ii-"2017 Participating Rules". Inqununu nombhexeshi wekwayala (conductor) KUFUNEKA bafunde yaye baziqhelanise nale migaqo. Izikolo ezingayithobeliyo le migaqo ziya kukhutshwa (disqualified) ngoko nangoko yaye zingasayi kuvunyelwa ukuthatha inxaxheba kwi-SASCE ithuba leminyaka emihlanu ezayo. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (i-WCED) liya kubeka phantsi kweliso elibukhali zonke iziganeko zezithili nezephondo ukuqinisekisa ukuba izikolo ziyayithobela imigaqo yokuthatha inxaxheba.

3. Iikwayala zesigaba sesiseko ziya kuthatha inxaxheba kuphela kwiminyhadala yokhuphiswano yezithili. Ezi kwayala azisayi kuthatha nxaxheba kwizigaba zamaphondo nezikazwelonke zalo mnyhadala wokhuphiswano.
4. Kumiselwe amaculo (music pieces) kuwo onke la macandelo. Imigaqo yokuthatha inxaxheba nee-music scores zika-2017 zinokukotshelwa kwiziko lewebhu le-DBE apha: http://www.thutong.doe.gov.za/Default.aspx?alias=www.thutong.doe.gov.za/schoolenrichment. Unako kwakhona ukuqhagamshelana neofisi yesithili yakho ukufumana uncedo ngomculo okanye ngemigaqo yokuthatha inxaxheba.
5. Ukungenela olu khuphiswano, izikolo mazizalise ifom yokubhalisa eqhotyoshelwe apha yaye ziyibuyisele kwigosa elichaphazelekayo elijongene nophuhliso lwezikolo (school enrichment) kwiofisi yesithili yabo.
6. Ababhexeshi beekwayala neenqununu zezikolo ezibhalisayo ziya kubizelwa koomasifundisane besithili (district workshops) ukubaqhelanisa nomculo omiselweyo kwanemigaqo yokuthatha inxaxheba.
7. Imijikelo yesithili neyephondo yokukhiqa iikwayala ezingaqhubanga kakuhle (elimination rounds) kwiphondo iya kubanjwa phakathi kukaApreli noMeyi 2017, ngokulandelelanayo.
8. Izikolo ziya kuvunyelwa kuphela ukuqhubela phambili ukuya kwinqanaba elilandelayo ukuba zifumene amanqaku enqanaba 3 (60%) nangaphezulu oko kusenziwa ngabagwebi.
9. Uthatho-nxaxheba kwiphondo nakwinqanaba likazwelonke lwenziwa ngesimemo esiyincwadi ebhaliweyo kuphela.
10. Iinqununu neekomiti zabaphathi bezikolo (school management teams) maziqinisekise ukuba ukuziqhelanisa kweekwayala (choir rehearsals) akuphazamisani nenkqubo yokufunda yesikolo kwanexesha lokufunda nokufundisa (contact time). Bekuthathele ingqalelo oku, loo nto inyanzelisa ukuba ababhexeshi beekwayala bangabaceli abafundi ukuba baye kuqhelaniso lweekwayala ngexesha lokufundisa.
11. Izikolo ezithatha inxaxheba kuzo zonke iziganeko ze-SASCE mazizenzele amalungiselelo azo okuhamba nawokulala. I-WCED iya kuxhasa ngemali (subsidise) ukuhamba nokulala ngolu hlobo lulandelayo:

  • Izikolo ezihamba umgama ongaphezulu kwama-200 km (ukubuya) ziya kuxhaswa ngemali eyokufikelela kwisixa esiphezulu sika-R3 000 ngesikolo ngasinye ukwenzela ukhuphiswano kwimijikelo yesithili nemijikelo yephondo.
  • Isikolo esihamba umgama ongaphezulu kwama-700 km (ukubuya) siya kuxhaswa ngemali eya kufikelela kwisixa esiphezulu esingama-R5000 ngesikolo ngasinye ukwenzela imijikelo yesithili neyephondo.
  • Izikolo ezimenyiweyo ukuba zithathe inxaxheba kwisiganeko sikazwelonke ziya kuxhaswa ngemali ukuya kutsho ubuninzi kuma-R40 000 (amawaka angamashumi amane eerandi) kuxhomekeke kubukhulu bekwayala, ukwenzela iindleko zothutho.
  • Indawo yokulala eyenzelwa imijikelo yephondo iya kuxhaswa ngemali nge-R100 ngomfundi ngamnye ngobusuku ngabunye.
  • Indawo yokulala eyenzelwa ukuthatha inxaxheba kwisiganeko sikazwelonke iya kuxhaswa ngemali nge-R150 ngomfundi ngamnye ngobusuku ngabunye.

Ezi nkxaso-mali ziya kuhlawulwa lusakuba lusayiniwe uXwebhu lweNtsebenziswano (Memorandum of Understanding) oluya kungeniswa kwaNdlunkulu ubuncinane iiveki ezi-3 phambi kwesiganeko.

12. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane abafundi, ababhexeshi beekwayala, ootitshala kwanabazali ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-TS MATSELISO
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2017:04:13

Iinkcukacha zoqhagamshelwano zamagosa ezithili  (ubukhulu: 27 KB)