1. Ngenxa yokuqhambuka kwesigulo semasisi esikolweni saseStellenbosch ngoJanuwari 2017, kuqhutywa iphulo logonyo kungokunje liSebe lezeMpilo leNtshona Koloni (Western Cape Department of Health (WCDoH)) nelixhaswa liSebe lezeMpilo kuZwelonke (National Department of Health).
2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (Western Cape Education Department (WCED)) licela zonke izikolo zazise iSebe i-WCDoH ngabo nabaphi na abafundi okanye ootitshala nabasebenzi abasesikolweni ababonakala beneempawu zemasisi ukwenzela ukuba iSebe i-WCDoH lenze uphando lokuqinisekisa ukubakho kwabantu abanemasisi ezikolweni. Imasisi sisigulo emakunikwe ingxelo ngaso nesinokuba neziphumo ezixhomisa amehlo ukuba asinyangangwa ngokuchanekileyo. Ukuphelisa ukuqhambuka kwesi sigulo, bonke abo kurhanelwa banaso esi gulo, mabalandelelwe (followed up) liSebe i-WCDoH, eliya kuthi liqhagamshelana nabo bantu bebekhe badibana nabo, abo borhanelekayo kwesi sigulo.
3. Iimpawu zemasisi zinokuba yifiva apho ubushushu buyi-38° okanye ngaphezulu, amaqhakuvana amancinci abomvurha athe tshitshilili nezi zinto zintathu zilandelayo: ukhohlokhohlo, isigulo samehlo abomvu (i-conjunctivitis) okanye i-coryza (o.k.t. impulo evuza okoko).
4. Iinqununu mazinike ingxelo ngokukhawuleza ngabo bonke abantu ekurhanelwa ukuba banemasisi kwi-WCDoH Communicable Disease Control Office kwezi nombolo zefoni zilandelayo: 021 483 3156/ 9917 / 9941 / 9964 / 2682 okanye ku-086 6111 092, okanye ngokuthi bathumele i-imeyili kwaba bantu balandelayo:
hlengani.mathema@westerncape.gov.za / babalwa.magodla@westerncape.gov.za / felencia.daniels@westerncape.gov.za / charlenea.jacobs@westerncape.gov.za
5. Kufuneka le ngcaciso ilandelayo (neempempa zonyango (medical certificate) ukuba ziyafumaneka) xa kunikwa ingxelo ngabantu ekurhaneleka ukuba banemasisi:

Igama lesikolo  
Igama lenqununu  
Inombolo yefoni yesikolo  
Igama lomfundi/lomsebenzi  
Iimpawu  
Umhla wokuqalisa ukuba namaqhakuvana amancinci  
Igama likagqirha/leziko lezempilo ebethunyelwe kulo  
Inombolo yefoni kagqirha/yeziko lezempilo ebethunyelwe kulo  
Inombolo yefoni yomzali/yomgcini womfundi  
Idilesi yomntu ekurhanelwa ukuba unemasisi  
6. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala nabasebenzi ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-TS MATSELISO
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2017:02:24