1. Ngo-Oktobha 2016, iSebe leMfundo leNtshona Koloni liqhube iiMvavanyo zeNkqubo yeMfundo yamaBakala 3, 6 no-9 kwiMathematika nakwiiMvavanyo zeNkqubo zeeLwimi.

2. Iziphumo ziya kufumaneka kwiCEMIS ngowe-20 Januwari 2017. Izikolo ziyakhuthazwa ukuba zifumane iziphumo zazo ngokukhawuleza ukwenzela ukuba zizibandakanye kwizicwangciso ezikhethiweyo zokuphucula izikolo zazo.

3. Iingxelo eziya ezikolweni ziya kunika iireyithi zokupasa nomndilili wamanqaku azuzwe sisikolo ngasinye, ziphinde kwakhona zibonise indlela ekuqhutywe ngayo kwiinkalo ezithile zeelwimi nakwimathematika.

4. Iziphumo zesikolo sakho zinokufumaneka kwiCEMIS ngokusebenzisa le nkqubo ilandelayo:

  • Khetha i-ayithem yemenyu u-"Assessment" ze ukhethe u-"Systemic Test Results 2016".
  • Kwi-drop-down menu, khetha enye yezi zilandelayo:
    • Ukufumana iziphumo zeBakala 3, khetha "Grade 3 Results 2016".
    • Ukufumana iziphumo zeBakala 6, khetha "Grade 6 Results 2016".
    • Ukufumana iziphumo zeBakala 9, khetha "Grade 9 Results 2016".

Iziphumo zimele ukuvela kwiskrini.

  • Ukuba iziphumo aziveli, yiya kwi-menu bar phezulu ukhethe u-"Tools". Emva koko khetha u-"Pop-up Blocker", uze ukhethe u-"Turn-off Pop-up Blocker" uklikhe.
  • Kwakugqitywa oku, khetha libe linye kula mabakala ukujonga iziphumo.
5. Malunga nayo nayiphi imibuzo ngokuqulethwe kule ngcaciso imfutshane, kucelwa uqhagamshelane negosa elijongene nesithili sakho njengoko kucacisiweyo kule thebhile ingezantsi:

Umntu ekuqhagamshelwana naye Isithili semfundo
Gqr Audrey Wyngaard, ifoni: 021 467 9272
Audrey.Wyngaard@westerncape.gov.za
Cape Winelands
Metro East
Overberg
Gqr Nomawabo Makapela, ifoni: 021 467 9297
Nomawabo.Makapelao@westerncape.gov.za
Metro North
Eden & Central Karoo
Mnu Vumile Nyalashe, ifoni: 021 467 9350
Vumile.Nyalashe@westerncape.gov.za
Metro Central
Metro South
West Coast
IZikolo ezizimeleyo


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2017:01:18