1. Le ngcaciso imfutshane yazisa izikolo ngengcaciso engaphezulu efunekayo kwiSaveyi yeZikolo yaQho ngoNyaka yeSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) yaye kufuneka ifundwe kunye neNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo loLwazi neNgcaciso 0003/2017.
2. Iinkqubo zekhompyutha ze-eLearning neze-After School Game Changer zifuna ingcaciso eyandlalelayo (baseline information) eya kunceda ekuhloleni ukusebenza ngempumelelo kweenkqubo zongenelelo ngoncedo kuzo zonke izikolo.
3. Ukwenzela ukuba kuqokelelwe le ngcaciso, sele kwenziwe isibonelelo sezikrini ze-CEMIS ezibini ezingaphezulu, eziya kufumaneka ukususela nge-10 Apreli 2017 ukuba zizaliswe.
4. Kucelwa uqinisekise ukuba le ngcaciso ifakwa ekhompyutheni yaye isayinelwe ungadlulanga owe-30 Apreli 2017.
5. Ukuba ufumana nabuphi na ubunzima ekuzaliseni eli candelo lesaveyi kucelwa uqhagamshelane namagosa ezithili alapha ngezantsi:

ISithili UMlawuli we-CEMIS weSithili Ifoni I-imeyili
ISithili i-Cape Winelands Kevin Van Eeden 023 348 0635 kevin.vaneeden@westerncape.gov.za
ISithili i-Eden and Central Karoo Yvonne Ngwane
Ayabulela Pinzie
044 803 8352
044 803 8353
yvonne.ngwane@westerncape.gov.za
ayabulela.pinzie@westerncape.gov.za
ISithili i-Metro Central Anita McGrath
Tercia Southgate
021 514 6751
021 514 6737
anita.mcgrath@westerncape.gov.za
tercia.southgate@westerncape.gov.za
ISithili i-Metro East Buseka Ndinisa
Thembeka Dlamini
021 900 7181
021 900 7180
buseka.ndinisa@westerncape.gov.za
thembeka.dlamini@westerncape.gov.za
ISithili i-Metro North Anecia Conradie 021 938 3052
021 938 3101
anecia.conradie@westerncape.gov.za
ISithili i-Metro South Anastasia Rose
Sive Jara
021 370 2120
021 370 2106
anastasia.rose@westerncape.gov.za
sive.jara@westerncape.gov.za
ISithili i-Overberg Japie Bailey 028 214 7300 japie.bailey@westerncape.gov.za
ISithili i-West Coast Mervan Davids 021 860 1596 mervan.davids@westerncape.gov.za
6. Intsebenziswano yakho iyathakazelelwa yiWCED ekuqinisekiseni ukuchaneka nokuzaliswa kwangethuba kwengcaciso efunekayo.


ISAYINWE: NGU-AH LEWIS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE OBAMBELEYO WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2017:03:31