1. |
ISaveyi yaQho ngoNyaka yeWCED yamaziko emfundo yabantwana abaselula (ECD) iya kuqhutywa ngowe-07 Matshi 2017. Le saveyi iya kusebenza kwi-CEMIS ngowe-22 Februwari 2017. Iinqununu kuya kufuneka zikusayinele ukuchaneka kwedatha yabafundi kwi-CEMIS. Kucelwa uqinisekise ukuba oku kulandelayo kubhalwe ngokuchanekileyo kwi-CEMIS ungadlulanga owe-07 Matshi 2017: |
1.1 |
Abafundi bakumabakala, kwiiklasi nakumacandelo e-LoLT achanekileyo. |
1.2 |
Iilwimi zeenkobe zabafundi zitshekishiwe yaye zihlaziyiwe. |
1.3 |
Kugqityiwe ukukhutshelwa kwabafundi (abamkelwayo nabakhutshwayo esikolweni). |
1.4 |
Ufakelo lwezilungiso okwenziwe zizikolo kugqityiwe – apho kuyimfuneko. |
1.5 |
Izikrini zokufaka ii-general information capture screens, kuqukwa nemibuzo ngokhuseleko lwezikolo, zigqityiwe ngokunjalo. |
1.6 |
Ukuze umfundi abe nokubhaliswa kufuneka abe nenombolo ye-ID. |
2. |
ISaveyi yaQho ngoNyaka ikwafuna ukuba amaziko e-ECD ikwafuna ukuba izikolo zihlaziye ingcaciso engootitshala/engeeprakthishina zize zifake ingcaciso epheleleyo kwizikrini. Lo msebenzi kufuneka usayinelwe ungadlulanga owe-07 Matshi 2017 ngokuthi kuqinisekiswe le miba ilandelayo: |
2.1 |
Zihlaziyiwe iinkcukacha zootitshala/zeepraktishina ezimalunga neminyaka yamava, namabakala kunye nezifundo abazifundisayo ngo-2017 kuphela (mazisuswe iinkcukacha zamabakala nezezifundo ebezifundiswa kwiminyaka edlulileyo ukuba azifanele kuba kumthwalo womsebenzi katitshala/weprakthishina ka-2017). |
2.2 |
Zigqityiwe izikrini zootitshala abatsha ukulungiselela ukungqinisiswa kwezikrini ebesele zinedatha ziyahlaziywa (pre-populated screens), umz. iifizi zezikolo neetheyibhile zeziseko zophuhliso (infrastructure tables). |
2.3 |
Ingcaciso mayisayinelwe kwangethuba ukuvumela abaphathi be-ECD ixesha elifanelekileyo ukufunda, ukungqinisisa nokusayinela iinkcukacha ezifakiweyo. |
3. |
Njengegosa le-EMIS leziko, inqununu mayizilawule iinkqubo zokufaka idatha ukuqinisekisa ukuba ubungqina bokuqinisekisa neesiginitsha zabasebenzi ekugqithiselwe kubo amagunya okutshekisha idatha bunokuvezwa xa bufunwa ngabaphicothi-zincwadi. Mayirekhodwe inkqubo yomsebenzi wokufaka idatha ye-EMIS (EMIS data business process) ukuqinisekisa ukuphendula kwabathwele uxanduva lokuchaneka kwedatha, njengoko le ngcaciso inokuphicothelwa ukuchaneka kwayo. Kucelwa nifunde iNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo loLwazi neNgcaciso 0003/2012, ukufumana ingcaciso engaphezulu. |
4. |
Kunyanzelekile ukusetyenziswa kwenombolo yesazisi kazwelonke (national identity number) ngabo bonke abafundi kuzo zonke iisistim zezolawulo nokuphathwa kwezikolo. Ikho ingxelo ye-CEMIS efumanekayo ukuqaphela ukuba abafundi abangenazimbolo zesazisi nokulungiselela ukufakwa ekhompyutheni kweenombolo zezazisi ezingekhoyo. Ukuba umfundi akanayo inombolo yesazisi evunyiweyo (valid ID number)), makucetyiswe umzali ngenkqubo yokwenza isicelo se-ID kwiSebe leMicimbi yezeKhaya. Kucelwa iinqununu zibancedise abazali apho kunokwenzeka, ukuququzelela le nkqubo kwiSebe leMicimbi yezeKhaya. |
5. |
Ngokumalunga nemibuzo okanye iifoni zokucela uncedo zinokubhekiswa kumphathi we-ECD okanye umntu wokunika inkxaso kwezobugcisa kwisithili eso sichaphazelekayo:
ISithili |
Qhagamshelana no- |
Isikhundla akuso |
Ifoni |
ISithili iCape Winelands |
Madelein Siddle |
UMphathi weze-ECD |
023 348 4608 |
Hazel van Rooyen |
INkxaso yezoBugcisa |
023 348 0646 |
ISithili i-Eden and Central Karoo |
Lucretia Roux |
UMphathi weze-ECD |
044 803 8314 |
Clementine Hartnic |
INkxaso yezoBugcisa |
044 803 8300 |
ISithili iMetro Central |
Vacant |
UMphathi weze-ECD |
021 514 6929 |
Kyle Williams |
INkxaso yezoBugcisa |
021 514 6946 |
ISithili iMetro East |
Michele Liedeman |
UMphathi weze-ECD |
021 900 7221 |
Linda Ntlombeni |
INkxaso yezoBugcisa |
021 900 7222 |
ISithili iMetro North |
Zaida Davids |
UMphathi weze-ECD |
021 938 3013 |
Neil Anthony |
INkxaso yezoBugcisa |
021 938 3013 |
ISithili iMetro South |
Carmen Niekerk |
UMphathi weze-ECD |
021 370 2004 |
Charnique Neethling |
INkxaso yezoBugcisa |
021 370 2004 |
ISithili i-Overberg |
Lynn le Grange |
UMphathi weze-ECD |
028 214 7378 |
Molene Jantjies |
INkxaso yezoBugcisa |
028 214 7360 |
ISithili iWest Coast |
Sally Meyer |
UMphathi weze-ECD |
021 860 1202 |
Lorenzo Veroni |
INkxaso yezoBugcisa |
021 860 1202 |
|
6. |
Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yabo bonke abachaphazelekayo. |
ISAYINWE: NGU-M M HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE OBAMBELEYO WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2017:02:16
|
 |