1. ISaveyi yaQho ngoNyaka yeWCED yezikolo eziqhelekileyo iya kuqhutywa ngowe-07 Matshi 2017. Iinqununu kuya kufuneka zikusayinele ukuchaneka kwedatha yabafundi kwi-CEMIS. Kucelwa uqinisekise ukuba oku kulandelayo kubhalwe ngokuchanekileyo kwi-CEMIS ungadlulanga owe-07 Matshi 2017:
1.1 Abafundi bakumabakala, kwiiklasi nakumacandelo e-LoLT achanekileyo.
1.2 Kugqityiwe ukukhutshelwa kwabafundi (abamkelwayo nabakhutshwayo esikolweni).
1.3 Utshintsho ngokwamabakala lwenziwe lwagqitywa.
1.4 Izikrini zokufaka idatha ii-general information capture screens, kuqukwa nemibuzo ngokhuseleko lwezikolo, zigqityiwe ngokunjalo.

2. ISaveyi yaQho ngoNyaka ikwafuna ukuba izikolo ziyihlaziye ingcaciso engootitshala zize zifake ingcaciso epheleleyo kwizikrini. Lo msebenzi kufuneka usayinelwe ungadlulanga owe-07 Matshi 2017 ngokuthi kuqinisekiswe le miba ilandelayo:
2.1 Zihlaziyiwe iinkcukacha zootitshala ezimalunga neminyaka yamava, namabakala kunye nezifundo abazifundisayo ngo-2017 kuphela (mazisuswe iinkcukacha zamabakala nezezifundo ebezifundiswa kwiminyaka edlulileyo ukuba azifanele kuba kumthwalo womsebenzi katitshala ka-2017).
2.2 Zigqityiwe izikrini zootitshala abatsha ukulungiselela ukungqinisiswa kwamabanga emfundo kwizifundo (subject qualifications).
2.3 Zonke izikrini zokufaka idatha zizalisiwe yaye izikrini ebesele zinedatha ziyahlaziywa (pre-populated screens), umz. iifizi zezikolo neetheyibhile zeziseko zophuhliso (infrastructure tables).

3. Isikrini esongezelelweyo esinengcaciso yehostele siya kubakho ukulungiselela ukufakwa kwedatha kwi-CEMIS. Iya kuba zizikolo ezineehostele kuphela eziya kuba nako ukuyibona le saveyi yongezelelweyo.

4. Njengegosa le-EMIS leziko, inqununu mayizilawule iinkqubo zokufaka idatha ukuqinisekisa ukuba ubungqina bokuqinisekisa neesiginitsha zabasebenzi ekugqithiselwe kubo amagunya okutshekisha idatha bunokuvezwa xa bufunwa ngabaphicothi-zincwadi. Mayirekhodwe inkqubo yomsebenzi wokufaka idatha ye-EMIS (EMIS data business process) ukuqinisekisa ukuphendula kwabathwele uxanduva lokuchaneka kwedatha, njengoko le ngcaciso inokuphicothelwa ukuchaneka kwayo. Kucelwa nifunde iNgcaciso eMfutshane 0003/2012 yeCandelo loLawulo loLwazi neNgcaciso, ukufumana iingcaciso engaphezulu. Kukhunjuzwa iinqununu kwakhona ukuba ukususela ngo-2014, ukuchaneka kwedatha ye-CEMIS ngumqathango ophambili ekuya kuxhomekeka kuwo ukufumana kwezikolo intlawulo yesabelo-mali sesibini ngokwemimiselo nemigangatho yolwabiwo-mali (norms and Standards funding) (iNgcaciso eMfutshane 0044/2013 yeCandelo loLawulo loLwazi neNgcaciso).

5. Kunyanzelekile ukusetyenziswa kwenombolo yesazisi kazwelonke (national identity number) ngabo bonke abafundi kuzo zonke iisistim zezolawulo nokuphathwa kwezikolo. Ikho ingxelo ye-CEMIS efumanekayo ukuqaphela abafundi abangenazinombolo zesazisi nokulungiselela ukufakwa ekhompyutheni kweenombolo zezazisi ezingekhoyo. Ukuba umfundi akanayo inombolo yesazisi evunyiweyo (valid ID number), makucetyiswe umzali ngenkqubo yokwenza isicelo se-ID kwiSebe leMicimbi yezeKhaya. Kucelwa iinqununu zibancedise abazali apho kunokwenzeka, ukuququzelela le nkqubo kwiSebe leMicimbi yezeKhaya. Makufundwe iNgcaciso eMfutshane yeCandelo loCwangciso loLawulo noKuphathwa kwamaZiko 0005/2014 ukufumana ingcaciso engaphezulu.

6. Wakuhlangabezana nabo nabuphi ubunzima ekuzalisweni kwale saveyi, kucelwa kuthetha-thethwane nomphathi wesekethe ochaphazelekayo okanye negosa lesithili elidweliswe apha ngezantsi:

ISithili UMlawuli we-CEMIS weSithili Ifoni I-imeyili
Cape Winelands Kevin Van Eeden 023 348 0635 kevin.vaneeden@westerncape.gov.za
Eden and Central Karoo Yvonne Ngwane
Ayabulela Pinzie
044 803 8346
044 803 8367
yvonne.ngwane@westerncape.gov.za
ayabulela.pinzie@westerncape.gov.za
Metro Central Anita McGrath
Tercia Southgate
021 514 6751
021 514 6737
anita.mcgrath@westerncape.gov.za
tercia.southgate@westerncape.gov.za
Metro East Buseka Ndinisa
Thembeka Dlamini
021 900 7180
021 900 7181
buseka.ndinisa@westerncape.gov.za
thembeka.dlamini@westerncape.gov.za
Metro North Anecia Conradie 021 938 3039 anecia.conradie@westerncape.gov.za
Metro South Anastasia Rose
Sive Jara
021 370 2120
021 370 2106
anastasia.rose@westerncape.gov.za
sive.jara@westerncape.gov.za
Overberg Japie Bailey 028 2147 300 japie.bailey@westerncape.gov.za
West Coast Mervan Davids 021 860 1596 mervan.davids@westerncape.gov.za

7. Iinqununu maziququzelele iinkqubo zeSaveyi yaQho ngoNyaka ukuqinisekisa ukuchaneka nokugqitywa kwedatha efakiweyo kwangethuba.


ISAYINWE: NGU-M M HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE OBAMBELEYO WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2017:02:16