1. ISaveyi yaQho ngoNyaka yeWCED) yezikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa iya kuqhutywa ngowe-07 Matshi 2017. Kuya kufuneka iinqununu ziyisayinele idatha yabafundi kwi-CEMIS. Le saveyi iya kufumaneka ezikolweni ukususela ngowe-23 Februwari 2017. Kucelwa uqinisekise ukuba oku kulandelayo kubhalwe ngokuchanekileyo kwi-CEMIS ungadlulanga owe-07 Matshi 2017:
1.1 Abafundi bakumabakala, kwiiklasi nakumacandelo e-LoLT achanekileyo.
1.2 Kugqityiwe ukukhutshelwa kwabafundi (abamkelwayo nabakhutshwayo esikolweni).
1.3 Ingcaciso engokhubazeko lwabafundi ichanekile.
1.4 Ingcaciso engootitshala ichanekile.
1.5 Utshintsho ngokwamabakala lwenziwe lwagqitywa.
1.6 Zonke izikrini zokufaka idatha zigqityiwe.

2. Ukusayinelwa kwedatha yeSNAP ngabaphathi bezithili abanika inkxaso kubafundi (district learner support managers) (iintloko zeSLES), makwenziwe ungadlulanga owe-22 Matshi 2017.

3. Njengegosa le-EMIS leziko, inqununu mayizilawule iinkqubo zokufaka idatha ukuqinisekisa ukuba ubungqina bokuqinisekisa neesiginitsha zabasebenzi ekugqithiselwe kubo amagunya okutshekisha idatha bunokuvezwa xa bufunwa ngabaphicothi-zincwadi. Kucelwa nifunde iNgcaciso eMfutshane 0003/2012 yeCandelo loLawulo loLwazi neNgcaciso ukufumana ingcaciso engaphezulu.

4. Ziya kucelwa izikolo zezibhedlele ukuba zizalise ikopi eliphepha yale saveyi. Le saveyi iya kunikwa izikolo ngqo.

5. Kunyanzelekile ukusetyenziswa kwenombolo yesazisi kazwelonke (national identity number) ngabo bonke abafundi kuzo zonke iisistim zolawulo nokuphathwa kwezikolo. Iyafumaneka ezikolweni ingxelo enge-CEMIS yokuqaphela abafundi abangenazinombolo zesazisi nokulungiselela ukufakwa ekhompyutheni kweenombolo zezazisi ezingekhoyo. Ukuba umfundi akanayo inombolo yesazisi evunyiweyo, makucetyiswe umzali ngenkqubo yokwenza isicelo se-ID kwiSebe leMicimbi yezeKhaya. (Makufundwe iSetyhula 0008/2014). Kucelwa iinqununu zibancedise abazali apho kunokwenzeka, ukuququzelela le nkqubo kwiSebe leMicimbi yezeKhaya.

6. Ngazo naziphi iingxaki ohlangabezana nazo ekuzaliseni le saveyi, kucelwa uqhagamshelane nala magosa esithili achaphazelekayo adweliswe apha ngezantsi:

ISithili UMlawuli we-CEMIS weSithili Ifoni I-imeyili
Cape Winelands Kevin Van Eeden 023 348 0635 kevin.vaneeden@westerncape.gov.za
Eden and Central Karoo Yvonne Ngwane
Ayabulela Pinzie
044 803 8346
044 803 8367
yvonne.ngwane@westerncape.gov.za
ayabulela.pinzie@westerncape.gov.za
Metro Central Anita McGrath
Tercia Southgate
021 514 6751
021 514 6737
anita.mcgrath@westerncape.gov.za
tercia.southgate@westerncape.gov.za
Metro East Buseka Ndinisa
Thembeka Dlamini
021 900 7180
021 900 7181
buseka.ndinisa@westerncape.gov.za
thembeka.dlamini@westerncape.gov.za
Metro North Anecia Conradie 021 938 3039 anecia.conradie@westerncape.gov.za
Metro South Anastasia Rose
Sive Jara
021 370 2120
021 370 2106
anastasia.rose@westerncape.gov.za
sive.jara@westerncape.gov.za
Overberg Japie Bailey 028 2147 300 japie.bailey@westerncape.gov.za
West Coast Mervan Davids 021 860 1596 mervan.davids@westerncape.gov.za

7. Iinqununu maziququzelele iinkqubo zeSaveyi i-SNAP ukuqinisekisa ukuchaneka nokugqitywa kwedatha efakiweyo kwangethuba.


ISAYINWE: NGU-HA LEWIS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE OBAMBELEYO WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2017:02:16