1. ISaveyi eQuphayo (SNAP Survey) ka-2017

  1. ISaveyi eQuphayo (SNAP Survey) yaqho ngonyaka yezikolo zikarhulumente eziqhelekileyo neyezikolo ezizimeleyo iya kusetyenziselwa ukulawulwa nokuphathwa kwezikolo, kwakunye nasekukhutshweni kwezibonelelo zoncedo ukulungiselela u-2017.
  2. ISaveyi eQuphayo yezikolo zikarhulumente eziqhelekileyo neyezikolo ezizimeleyo mayizaliswe yaye isayinelwe yinqununu kwiCEMIS ungadlulanga owe-24 Januwari 2017. Umhla osikiweyo kuBaphathi beeSekethe wokusayinela ekhompyutheni idatha yeSaveyi eQuphayo yeCEMIS (CEMIS SNAP survey data) ngowe-27 Januwari 2017.
  3. Phambi kokusayinelwa kwayo kwiCEMIS, inqununu okanye lowo kudluliselwe kuye amagunya, makaqinisekise ukuba kwenziwe oku kulandelayo:
    1. Bonke abafundi ababhalisiweyo nabahamba isikolo ngo-2017 mabavele kwibakala neklasi echanekileyo yabo kwiCEMIS.
    2. Nawuphi na umfundi obelindeleke ukuba abuyele esikolweni, kodwa akafika esikolweni sakho kwade kwadlula owe-24 Januwari 2017 ukuza kubhalisa, makakhutshwe ezincwadini ngokungqinelana nomgaqo-nkqubo wokuhamba isikolo kwabafundi. (Aba bafundi banokubhaliswa kwakhona kwiCEMIS ukuba beza kubhalisela ukwamkelwa esikolweni emva kowe-24 Januwari 2017.)
    3. Ilisti yootitshala abakwiCEMIS mayihlaziywe yaye ingqinisiswe, ungadlulanga owe-24 Januwari 2017, yaye kungqinisiswe nemeko yokuqeshwa kwabo kwiCEMIS. Isikrini sesishwankathelo sengcaciso engootitshala (staff summary screen) kwiCEMIS, siya kufaka ingcaciso ngokuzenzekelayo kusetyenziswa idatha yootitshala engqinisisiweyo (verified educator data). Izikrini zokufaka idatha (capture screens) ezinika ingxelo ngenani elichanekileyo lootitshala abasesikolweni mazizaliswe ngokuchanekileyo.
    4. Makuzaliswe icandelo lesaveyi elisayinelwayo (sign-off section).
2. ULwimi lokuFunda nokuFundisa

Iinqununu maziqinisekise ukuba izifundo zolwimi nolwimi lokufunda nokufundisa (LoLT) zifakwe ngokuchanekileyo ekhompyutheni ngomfundi ngamnye phambi kokuphela kukaFebruwari 2017. Kuya kunikwa iingxelo ezingokusayinelwa kwedatha (data sign-off reports) kwizifundo nakwi-LoLT ngoFebruwari 2017.


3. Ukutshintshwa kwezifundo kuwo onke amabakala

Makutshekishwe izifundo zawo onke amabakala ukuqinisekisa ukuchaneka kwazo. Izikolo ezifundisa iBakala 12 maziqinisekise ukuba utshintsho olwenziwa kwizifundo luyazaliswa ukwenzela ukusayinelwa kwazo ungadlulanga owe-27 Januwari 2017. Ifasilithi yesicelo sokutshintsha izifundo zabafundi kwiBakala 12 iya kufumaneka de kube sekupheleni kukaJanuwari 2017 kuphela.


4. Inkqubo yasekhompyutheni i-EMIS data quality iya kuqhagamshelaniswa neentlawulo ezenziwa ngoomatshini zemimiselo nemigangatho (norms and standards transfer payments). Iingxelo ze-EMIS data compliance ziya kufumaneka kwiinqununu kwiCEMIS ukususela ngowe-09 Januwari 2017. Inqununu mayilawule ukwenziwa kwale misebenzi ifunekayo ukuqinisekisa ukuchaneka kwedatha kwiCEMIS.

5. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liyalithakazelela igalelo nokuzimisela okubonakalisiwe ngawo onke amagosa emfundo ngowe-2017. Sijonge ngethemba kwinkxaso yenu eqhubeka okokoko ngo-2017.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:12:15