1. Iilayibrari zibaluleke kakhulu kuthungelwano lwamazwe ngamazwe (global network) ukwenzela ukuba sibe nako ukufumana ingcaciso. Kubalulekile ke ngoko ukuba iilayibrari zezikolo zethu zibe ngawona maziko okwenene angumthombo wolwazi ekufundwa kuwo kwanokuba ubaluleko lweelayibrari zezikolo lube nokunikwa ingqwalaselo ngokubanzi.

2. Ngo-Oktobha 2017 iilayibrari zezikolo eMzantsi Afrika nakwihlabathi liphela ziya kube zibhiyozela zikwakhuthaza iinkonzo zelayibrari nengcaciso ezikolweni, zisebenzisa umxholo othi, "Connecting Communities and Cultures". Inyanga ka-Oktobha yabhengezwa njenge-International School Library Month (ISLM) yi-International Association of School Librarianship.

3. Ukubhiyozela i-ISLM makubonwe njengokuqaphela indima nobaluleko lweelayibrari kwimfundo yobomi bonke (lifelong learning), o.k.t. ukubonelela ngezixhobo ezibalulekileyo zolwazi lokufunda nokubhala (literacy) kwakunye nezixhobo zokufunda nokufundisa (learning and teaching support material) (LTSM) kwinkqubo yesikolo iphela. Uphando kumazwe ngamazwe lubonise ukuba abafundi baphumelela kwinqanaba eliphezulu yaye baba ngabafundi abanobuchule xa besebenzisa ilayibrari yesikolo eneencwadi eziluncedo kakhulu, kuqukwa neencwadi abafundi abathanda ukuzifunda kwaneenkqubo ezicwangciswe kakuhle zengcaciso yolwazi lokufunda nokubhala (information literacy programmes).

4. Ukuze kube nokubhiyozelwa ubaluleko lweelayibrari zezikolo ngethuba le-ISLM, kukhuthazwa abo baphethe iilayibrari zezikolo kwihlabathi liphela ukuba bakhethe usuku ku-Oktobha 2017 olulolona luyifanele ngakumbi imeko yabo.

5. Kucelwa uvule la maxwebhu akhaphayo aqhotyoshelwe apha:
5.1 aneengcebiso ezininzi ngeendlela izikolo zeSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) ezinokuyibhiyozela ngayo i-ISLM ka-2017;
5.2 anamaziko ewebhu aluncedo ekunokungenwa kuwo; kunye
5.3 nelogo esemthethweni ye-ISLM emayisetyenziswe kwimathiriyeli yokwazisa uluntu (promotional materials) (qaphela ukuba le logo ivumeleke kuphela ekusetyenzisweni ukupapasha i-ISLM hayi kwiinjongo zoshishino).

6. Kukhuthazwa izikolo zithumele ingxelo epheleleyo (kuqukwa nemifanekiso) ngezikwenzileyo ngethuba lokuqhubeka kwesiganeko i-ISLM kwaba balandelayo bakwa-EDULIS nakumagosa ee-ofisi zezithili, ngenjongo yokuba ipapashwe:

Faith Lawrence UMcebisi ngezeeLayibrari zeZikolo,
ISithili seMfundo iWest Coast
Ifoni 021 860 1562
Janine Ontong UMcebisi ngezeeLayibrari zeZikolo,
ISithili seMfundo iCape Winelands
Ifoni 023 348 4657
Carol van der Heever UMcebisi ngezeeLayibrari zeZikolo,
ISithili seMfundo iMetro South
Ifoni 021 370 2084
Timothy Cloete UMququzeleli weeNkonzo
zeeLayibrari zeZikolo,
ISithili seMfundo i-Eden & Central Karoo
ISithili seMfundo i-Overberg
ISithili seMfundo iMetro North
ISithili seMfundo iMetro East
ISithili seMfundo iMetro Central
Ifoni 021 957 9626


ISAYINWE: NGU-HA LEWIS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2017:09:12

IMISEBENZI ECETYISWAYO YENYANGA YELAYIBRARI YESIKOLO KUMAZWE NGAMAZWE  (ubukhulu: 42 KB)