1. |
Iincwadi zomsebenzi (zamaBakala R ukuya ku–9) zesiqingatha sokuqala sonyaka ka-2018, zasiwa kuzo zonke izikolo zikarhulumente njengoko kwakuchaziwe kwiSetyhula 0026/2017. |
2. |
Ukwenzela ukuba izikolo zikwazi kwangexesha ukuziqaphela iincwadi zomsebenzi ezishotayo nezingaphezu kwemfuneko zamaBakala R ukuya ku–9 kwisiqingatha sokuqala sonyaka ka-2018, zonke izikolo zikarhulumente mazingene kwi-CEMIS phakathi kowe-23 nowe-27 ku-Oktobha 2017. Ngeli thuba, izikolo zimele ukuwafaka ekhompyutheni yaye ziwasayinele amanani kanye ngqo eencwadi zomsebenzi ezifunyenweyo kwibakala ngalinye, ziwathelekisa namanani obhaliso lwabafundi aqikelelweyo angoJanuwari 2018. |
3. |
Xa izikolo zingena kwi-CEMIS, zifanele ukukhetha u-"Administration" option okwi-menu bar. Kwi-drop down list, mazikhethe u-"Workbooks" zize zikhethe u-"Welcome and guidelines" okanye iskrini i-"Capture" screen. |
5. |
Zakuba zifakiwe zonke iinkcukacha zeencwadi zomsebenzi zesikolo zezo zigaba zithile, mayigqitywe inkqubo yokusayinelwa kwazo. |
6. |
Ingcaciso efunyenweyo ngokumalunga neencwadi zomsebenzi ezishotayo nezingaphezu kwemfuneko iya kwenziwa ifumaneke kumagosa ezithili ngokuqala kugqithwe kwi-EduInfoSearch, yaye kuya kuba luxanduva lwawo ukuququzelela nokulungiselela ukuthathwa kweencwadi zomsebenzi ezishotayo okanye ezingaphezu kwemfuneko. |
7. |
Kucelwa wazise okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-HA LEWIS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2017:09:14
|
|