1. ISebe loBugcisa neNkcubeko (DCAS), libambisene neSouth African Book Development Council (SABDC), libhengeze ukuba iVeki yeeNcwadi kaZwelonke (NBW) ka-2017 iya kubhiyozelwa ukususela nge-04 ukuya kwi-10 Septemba 2017. Umxholo walo nyaka uthi "#BUY_A_BOOK".

2. Lo mxholo ukhuthaza kwaye ukhuthaza abantu "bathenge baze banikele ngencwadi" ukukhuthaza ukufumaneka ngobuninzi kweencwadi ezahlukeneyo zelizwe lethu zikwiilwimi zelizwe lethu.

3. Eli phulo liya kuqhubekela kwi-Exclusive Books, kwi-Bargain Books nakwi-Takealot.com ukususela nge-28 Agasti ukuya nge-17 Septemba 2017. Aba bathengisi beencwadi baya kuthengisela uluntu izihloko ezikhethiweyo nge-R20.

4. I-Education Library and Information Services (EDULIS) icela umngeni kubo bonke abasebenzi beSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) bathenge ubuncinane incwadi ibe nye banikele ngayo kwisikolo esikhethwe ngabo ukuze kwandiswe ingqokelela yelayibrari yesikolo/yelayibrari yeklasi/yengqokelela yokufunda okuqhubekela ekoneni yeklasi (school library/classroom library/reading corner collection). U-EDULIS ukhuthaza onke amaziko abeke ibhokisi yokufaka iincwadi ekunikelwa ngazo kwindawo efikelelwa lula nguwonke-wonke.

5. Kulo nyaka, uSuku loLwazi lokuFunda nokuBhala lwamaZwe ngamaZwe (i-8 kaSeptemba) luya kubhiyozelwa kwihlabathi jikelele kwaye umxholo walo uthi "Literacy in a Digital World" ("ULwazi lokuFunda nokuBhala kwiLizwe leKhompyutha").

6. Injongo yalo mxholo kukuphicotha iintlobo ezahlukeneyo zezakhono zolwazi lokufunda nokubhala ezifunwa ngabantu ngokumana kuqhagamshelwana ngokukhulayo nabantu ekunxityelelwana nabo ngekhompyutha, kwanokuphicotha imigaqo-nkqubo neenkqubo zolwazi lokufunda nokubhala ezisebenza ngempumelelo ezinokuphucula amathuba anikwa lilizwe lekhompyutha.

7. I-WCED ikhuthaza izikolo zithathe inxaxheba kwiingxoxo nakwimisebenzi ngokuthi:

  • zibethelele ulwazi lweentlobo ezahlukeneyo zezakhono zolwazi lokufunda nokubhala ezifunwa ngabantu ukuqhagamshelana nelizwe lekhompyutha kunye nentsingiselo yoku kwinkqubo yokufunda nokufundisa ulwazi lokufunda nokubhala;
  • zabelane zikwacazulula iinkqubo ezinika ithemba ngokuphathelele kwimigaqo-nkqubo, kwiiprogram, ekubekweni nasekuhlolweni kwakunye nakwinkxaso ngemali ephuhlisa ulwazi lokufunda nokubhala kwilizwe lekhompyutha; kunye
  • nokuphicotha indlela ithekhinoloji yekhompyutha enokuxhasa ngayo inkqubela kulutsha kunye nolwazi lokufunda nokubhala lwabadala.
8. Kungaqhagamshelwana nala magosa esithili alandelayo ngeenkonzo zeelayibrari zezikolo:

Faith Lawrence UMcebisi weeLayibrari zeZikolo,
ISithili seMfundo iWest Coast
Ifoni 021 860 1562
Janine Ontong UMcebisi weeLayibrari zeZikolo,
ISithili seMfundo iCape Winelands
Ifoni 023 348 4657
Carol van der Heever UMcebisi weeLayibrari zeZikolo,
ISithili seMfundo iMetro South
Ifoni 021 370 2084

9. Ukuphendula kwizicelo ezisuka kootitshala ngeenkonzo zengcebiso ngeelayibrari zezikolo, kungaqhagamshelwana nalo msebenzi we-EDULIS ulandelayo:

Timothy Cloete UMququzeleli: weeLayibrari zeZikolo Ifoni 021 957 9626


ISAYINWE: NGU-HA LEWIS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2017:08:24