1. Intshayelelo
1.1 Injongo yale ngcaciso imfutshane kukwazisa zonke ii-ofisi zezithili nezikolo ngoxanduva abanalo ababoneleli-nkonzo ekungenwe kwikhontraki nabo yaye izikolo maziqinisekise ukuba ifanitshala ezisiweyo ikumgangatho onguwo.
1.2 ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) linekhontraki yefanitshala yeminyaka emithathu nabathengisi yokuziswa kwefanitshala kuzo zonke izikolo eziseNtshona Koloni. Le khontraki iquka ii-ayithem zefanitshala yesikolo eziyi-31. Kucelwa izikolo ziqinisekise ukuba zonke ii-ayithem zefanitshala ziyahlolisiswa zisakuba zizisiwe ukuqinisekisa ukuba azinazo nazo naziphi na iziphene kunye/okanye umonakalo.
1.3 Ikhontraki ephakathi komthengisi (kwabathengisi) neWCED inika ithuba lokuqinisekisa umgangatho (guarantee period) leenyanga eziyi-12 ukususela ngomhla wokuziswa kwefanitshala ezikolweni, apho umthengisi eya kuyitshintsha iayithem leyo kwangoko naxa iye yachazwa lingagqithanga ithuba eliqinisekisiweyo (guaranteed period).
1.4 Ngokumalunga nee-steel frame chairs, ifreyim neesithi (seats) ze-polypropylene ziya kulungiswa ingagqithanga iminyaka emithathu zizisiwe, ukuba oko akwenzekanga kunyanzeleke ukuba zitshintshwe.
1.5 Iwaranti kwizitulo iquka ukulungiswa kwezikrufu ezincamathisela iisithi kwifreyim kwakunye neeplagi ze-nylon/polypropylene kwimilenze yezitulo (leg ends).
1.6 Ngokumalunga nokulungisa okuchazwe ku-1.5, umboneleli-nkonzo makatshintshe izikrufu afake ezitsha okanye ancamathisele iiplagi kwimilenze yezitulo, zingadlulanga iintsuku ezisixhenxe zomsebenzi esakuba echazelwe ngaloo mqathango.

2. Inkqubo yokunika ingxelo ngeziphene kunye/okanye umonakalo
2.1 Ikhontraki izisa ifanitshala ezikolweni ngeeyure zaseburhulumenteni zomsebenzi kwiintsuku zeveki eziphakathi ko-08:00 no-15:00 kuphela, ngaphandle kokuba kwenziwe amanye amalungiselelo kunye nenqununu.
2.2 Kukho imbono yokuba xa kuyimfuneko, izikolo ezifumene ifanitshala eneziphene, mazazise ngoko nangoko uNdlunkulu weWCED ngokufaka ingxelo eyincwadi ebhaliweyo ekhatshwa ziifoto ezimalunga noko kwiCandelwana leZixhobo zoMsebenzi, ukwenzela ukuba ifumane ingqwalaselo kaMnu MJ Hendricks (kuMgangatho 22, kwiSakhiwo saseGolden Acre).
2.3 IWCED iya kubonisana nabathengisi ukuqalisa ukutshintsha ifanitshala eneziphene kuziswe enye ngoko nangoko.

Le ngcaciso imfutshane mayifundwe nesetyhula emalunga nesikhokelo sokuthengwa kwezixhobo zomsebenzi kunye nefanitshala ekhutshwa qho ngonyaka.


ISAYINWE: NGU-HA LEWIS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2017:07:25