1. Niyacelwa nifunde iNgcaciso eMfutshane yeCandelo lokuXhasa amaZiko ngeZibonelelo: 0007/2016, apho izikolo zazazisiwe ngokugqitywa kwenkqubo yokufaka kwi-CEMIS amagama abafundi bamaBakala R ukuya ku-12, abasebenzisa iskim sothutho lwabafundi esixhaswa ngemali liSebe iWCED.
2. Kuya kunikwa iinqununu ithuba lokuba zizingqininise iinkcukacha zabafundi abasebenzisa iskim sothutho lwabafundi esixhaswa liSebe iWCED ukulungiselela unyaka wesikolo ka-2017. Iinqununu maziqinisekise ukuba amagama abafundi afakwe ngokuchanekileyo kwiindlela nakwiindawo abalayishwa kuzo. Oku makwenziwe ukususela nge-15 ukuya kwi-19 Meyi 2017.
3. Kuya kuqhutywa iphulo elilingwayo ukususela nge-24 Apreli ukuya kwi-05 Meyi 2017, apho inani elikhethiweyo lezikolo ezithile, ziya kunikwa ithuba lokungqinisisa iinkcukacha zabafundi. Kuya kuqhagamshelwana nezikolo ngqo.
4. Emva koko, izikolo eziseleyo ezinabafundi abasebenzisa iindlela zeskim sothutho lwabafundi, ziya kunikwa ithuba lokuzingqinisisa iinkcukacha zabafundi bazo.
5. Nakuphi na ukungangqinelani okumalunga namagama abafundi abagunyaziselwe ukuthuthwa, okanye abafundi abadwelisweyo abangasasisebenzisiyo iskim sothutho lwabafundi esixhaswa liSebe iWCED, makuxelwe ku-Nks Rhonell de Vries, kwiCandelwana leZikim zoThutho lwaBafundi (LTS) kwaNdlunkulu ngokufonela kule nombolo yefoni 021 467 2136 okanye kule dilesi ye-imeyili: Rhonell.DeVries@westerncape.gov.za.
6. Isistim iya kuwasusa ngokuzenzekelayo amagama abafundi abamkileyo esikolweni.
7. Kucelwa uqaphele ukuba nabaphi na abafundi abongezelelweyo abagunyaziselwe ukuthuthwa, banokufakwa ngamagosa akwiCandelwana le-LTS, emva kokuba kuvunyiwe ukufakwa kwabo ngokusetyenziswa kwenkqubo yokufaka isicelo seLTS.
8. Yakuba igqityiwe inkqubo yokungqininiswa, ziya kucelwa iinqununu zizisayinele iinkcukacha zeskim sothutho lwabafundi kwiCEMIS.
9. Iyathakazelelwa intsebenziswano yenu ngokumalunga noku.


ISAYINWE: NGU-TS MATSELISO
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2017:04:04