1. ISebe lezoBugcisa neNkcubeko, ngokubambisana ne-Library and Information Association of South Africa (LIASA), libhengeze ukuba iVeki yeLayibrari yaseMzantsi Afrika (SALW) ka-2017, iya kubhiyozelwa ukususela nge-18 ukuya kwi-26 Matshi 2017 ngomxholo othi, "My Library, Your library"." ("ILayibrari yam, yiLayibrari yakho").
2. Lo mxholo ukhuthaza abantu abangabahlali bacinge nzulu ngendima nexabiso leelayibrari kubomi babo.
3. Ukwakhuthaza wonke umntu ayiqonde into yokuba iilayibrari zizindawo ezithandwayo ezinazo zonke iinkonzo nezibandakanya zonke iindidi zabantu (one-stop, socially inclusive spaces) zokuphucula ulwazi lokufunda nokubhala ngokuphuhlisa izakhono zokucinga nezengqiqo eyamkelekileyo kuzo zonke izigaba zobudala.
4. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) likhuthaza ootitshala ukuba bathathe inxaxheba kukhuphiswano lwe-LIASA lukazwelonke i-national LIASA, competition ngokwenza oku kulandelayo:

Emva kwe-SALW uyacelwa usixelele ezo zinto ubuzicwangcisile nokuba ngaba imisebenzi obuyicwangcisile ibe yimpumelelo kusini na ukuze ubenethuba elihle lokuphumelela ibhaso eliyihampa engachazwanga (surprise hamper) esisipho sika-Wiley nonokuyithatha kwivenkile engu-Van Schaik store, ekufutshane kuwe. Uyacelwa ungenele ukhuphiswano ngekhompyutha (electronically) uze uphendule le mibuzo ilandelayo (le mibuzo iya kukunceda ngokunjalo xa ucwangcisela itheko/imisebenzi/imiboniso yakho):

  • Chaza izicwangciso zakho ze-SALW 2017.
  • Bezisithini iinjongo zakho ngetheko/ngemisebenzi nangemiboniso obuyicwangcisile?
  • Ngoobani abantu ojolise kubo yaye imisebenzi yakho ye-SALW 2017 ibachaphazele njani abo bantu?
  • Libe yimpumelelo itheko/imisebenzi/imiboniso obuyicwangcisele i-SALW 2017? Ucinga ukuba kutheni le
Okubaluleke gqitha: Uyacelwa uthumele nge-imeyili zibe yi-4 ubuncinane, iifoto ezizi-high definition photographs apha kulo: Liasamaig@gmail.com.

Umhla wokuvalwa kokhuphiswano: NguMvulo we-03 Apreli 2017
Ukungenela ngekhompyutha: https://goo.gl/forms/wSBuFXyVjINs9MqH3
Imibuzo: Elsabé Olivier apha elsabe.olivier@up.ac.za

Abaphumeleleyo baya kwaziswa ngefowuni okanye ngokuthunyelwa i-imeyili phakathi kwiveki ye-10 Apreli 2017. Sininqwenelela impumelelo yaye niyonwabele imisebenzi yenu!

5. Kunokuqhagamshelwana nala magosa esithili alandelayo ngokumalunga neenkonzo zelayibrari yesikolo:

Faith Lawrence UMcebisi ngezeLayibrari yeSikolo,
West Coast Education District
Ifoni 021 860 1562
Janine Ontong UMcebisi ngezeLayibrari yeSikolo,
Cape Winelands Education District
Ifoni 023 348 4657
Carol van der Heever UMcebisi ngezeLayibrari yeSikolo,
Metro South Education District
Ifoni 021 370 2084
6. Ukufumana iimpendulo zezicelo ezivela kootitshala zeengcebiso ngelayibrari yesikolo, makuqhagamshelwane nalo msebenzi wakwa-EDULIS ulandelayo e-Kuils River:

Timothy Cloete UMququzeleli weeNkonzo zeLayibrari yeSikolo Ifoni 021 957 9626


ISAYINWE: NGU-HA LEWIS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE OBAMBELEYO WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2017:03:08