1. IziCwangciso zoPhuculo lweZikolo (School Improvement Plans) zango-2017 zimele ukugqityezelwa kwiCEMIS ungadlulanga owe-15 Februwari 2017. Kunokwenziwa utshintsho ngokuthethana nomphathi wesekethe wesikolo de kube ngowe-22 Februwari 2017, ongumhla wokugqitywa kokugqibela kwezicwangciso. Niyakhuthazwa ukuba niyitshekishe ngenyameko indlela isikolo esiqhube ngayo ngokuyithelekisa neethagethi nokuba nenze konke okusemandleni enu ukwenza ukuba lo msebenzi ube ngowuphuculayo umgangatho wesikolo. Kubalulekile ukuba ibhunga lolawulo libe yinxalenye yokusayinelwa nokubeka esweni kwesi sicwangciso.

2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuphinda kwakhona libeke esweni ukuphunyezwa kweziCwangciso zoPhuculo lweZikolo (SIP) ngo-2017.

3. Kuya kubekwa esweni ezi nkalo zilandelayo kwiNkqubo yokuBeka eSweni uPhuculo lweZikolo (School Improvement Monitoring (SIM)) yesiCwangciso soPhuculo lweZikolo (School Improvement Plan (SIP)) ngo-2017:

  • Amalungiselelo nokuphunyezwa kwe-SIP
  • Iincwadi zokwenza umsebenzi (workbooks);
  • Iincwadi zezifundo nezinto zokubhala;
  • Ukufundisa nokufunda kugxininiswa kuvavanyo, kwi-eLearning, kwiiprogram ezenziwa emva kwemisebenzi yokufundisa nakwiikomiti zenkxaso ezisezikolweni;
  • Ezolawulo (iintlanganiso nabazali; ukulawulwa kwedatha, ukwamkelwa kwabafundi ezikolweni, nokuphuhliswa kootitshala);
  • Iidesika nezitulo;
  • Iziseko zophuhliso, kugxininiswa kwiithoyilethi nakwiiklasi zokufundela; kunye
  • noLawulo lwezemali.
4. Iinkcukacha ngekota nganye ka-2017 zinikwe kuxwebhu oluqhotyoshelweyo.

5. I-SIM mayizaliswe sisikolo ngolu hlobo lulandelayo:

Ithuba Umhla omisiweyo
IKota 1 29 Matshi 2017
IKota 2 28 Juni 2017
IKota 3 27 Septemba 2017
IKota 4 15 Novemba 2017

6. Ukwenzela ukuququzelela imiba emayibekwe esweni, kuya kulandelwa le nkqubo ilandelayo:
6.1 Kuya kubonelelwa ngemiba ebekwe esweni emakugxininiswe kuyo ukulungiselela ukusayinelwa kwayo kwi-CEMIS phantsi ko-"ADMINISTRATION".
6.2 Inqununu iya kuzifaka iimpendulo kwikhompyutha (online).
6.3 Abaphathi beesekethe baya kwenza idinga lokuza kuxoxa ngeempendulo yaye uxwebhu oluzalisiweyo (completed sheet) luya kusayinwa ngamaqela omabini.
6.4 Inqununu iya kulusayinela uxwebhu kwiCEMIS.
6.5 Ikopi enye eliphepha eliprintiweyo iya kugcinwa ngumphathi wesekethe ukulungiselela iinjongo zophicotho-zincwadi. Ikopi yesibini mayigcinwe esikolweni.
6.6 Umphathi wesekethe uya kusayinela uxwebhu kwi-Eduinfosearch.

7. Makuqatshelwe ukuba iya kuba yile ngcaciso imfutshane kuphela engalo mba ukulungiselela u-2017. Aziyi kubakho ezinye ezikhumbuzayo. Ithemplethi entsha yekota nganye iya kufakwa kwiCEMIS xa kuqala ikota yesikolo.

8. Nayiphi na imibuzo iya kusingathwa ngumphathi wesekethe.

9. Siyakubulela ngokuzimisela kwenu kwimfundo esemgangathweni.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2017:01:19

INKQUBO KA-2017 YOKUBEKA ESWENI UPHUCULO LWEZIKOLO ZIKARHULUMENTE EZIQHELEKILEYO  (ubukhulu: 71 KB)
INKQUBO YONYAKA WONKE KA-2017 YOKUBEKA ESWENI UPHUCULO LWEZIKOLO ZEMFUNDO ENEEMFUNO EZIZODWA ZIKARHULUMENTE  (ubukhulu: 65 KB)