1. |
Injongo
Injongo yale ngcaciso imfutshane kukwazisa ngeeRosta zeZithuba (Vacancy Rosters) zango-2018 zootitshala abakumaziko, zabasebenzi benkonzo karhulumente abakumaziko, zootitshala abasezi-ofisini nezithuba zabasebenzi benkonzo karhulumente abasezi-ofisini kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED). |
3. |
Ootitshala abakumaziko |
3.1 |
ISebe iWCED liya kukhupha izintlu ezintathu zezithuba ukwenzela ootitshala abakumaziko. |
3.2 |
ISebe iWCED aliyi kubanazo izintlu zezithuba ezahlukeneyo kumanqanaba awahlukileyo. Zonke izithuba ezingenamntu zootitshala abakumaziko mazipapashwe ke ngoko kwizintlu zezithuba kuselithuba. |
3.3 |
ULuhlu lweZithuba 3 luya kupapashwa njengoluhlu lwezithuba ezivalelekileyo ukulungiselela ootitshala abatsha abasanda kuqeshwa (new entrants) ngokumalunga nezithuba zenqanaba 1. |
3.4 |
Izicelo ngokwenkqubo yokutshintshwa kwengqesho/yengqesho (conversion/appointment process) ngokusekelwe kwiziqendu 6A no-6B zoMthetho weNgqesho yooTitshala, 1998 (uMthetho 76 ka-1998), zinokungeniswa kunyaka wonke. |
3.5 |
Ziyacelwa iinqununu namabhunga olawulo baqinisekise ukuba izibhengezo zizaliswa ekhompyutheni kwiziko lewebhu leSebe iWCED kule dilesi: https://wcedonline.westerncape.gov.za ungadlulanga umhla omisiweyo kwidrafti yoluhlu lwezithuba. |
3.6 |
Akukho zifom ziya kwamkelwa ziyikopi eliphepha eliprintiweyo. Iinqununu mazithethane nabaphathi beesekethe xa ngaba zinengxaki ngenkqubo yokuzalisa izibhengezo zezithuba kuluhlu lwezithuba oluyidrafti kwiziko lewebhu. |
4. |
Ootitshala abasezi-ofisini |
4.1 |
ISebe iWCED liya kukhupha iibhulethini ezintathu zezithuba zootitshala abasezi-ofisini. |
4.2 |
Abaphathi bamacandelo mabaqinisekise ukuba ziyangeniswa izibhengezo kwiCandelo lokuGaya nokuKhetha aBasebenzi ngemihla emisiweyo eboniswe kwisihlomelo. |
4.3 |
Kwimeko yokungaphumeleli ukuyilandela ngqo imihla emisiweyo, izibhengezo ziya kurhoxiselwa umhla wopapasho/webhulethini yezithuba olandelayo. |
4.4 |
Akukho zibhulethini zezithuba ezikhethekileyo eziya kupapashwa kwizithuba zootitshala abasezi-ofisini. |
5. |
Abasebenzi benkonzo karhulumente abakumaziko |
5.1 |
ISebe iWCED liya kukhupha iibhulethini ezimbini zezithuba zonyuselo-sikhundleni zabasebenzi benkonzo karhulumente abakumaziko. (iforimani jikelele (general foreman), iisuphavayiza kwindawo yokuhlala (household supervisors) neesuphavayiza ezinkulu kwindawo yokuhlala) (senior household supervisors). |
5.2 |
Ziya kuqatshelwa (identified) izithuba ezingenamntu/ezixhaswa ngemali kumanani ezithuba ezabelwe amaziko eSebe iWCED. |
5.3 |
Izikolo mazingqinisise izicelo zokupapashwa kwezithuba kwiSistim eyi-People Management Practices System (i-PMPS, eyisistim eyayisakuba yi-HCLMS ngaphambili) ukulungiselela ukupapashwa kwazo. |
5.4 |
Kwimeko yokungaphumeleli ukungqinisisa ukungafakwa kwesithuba esingenamntu, iSebe iWCED liya kusibandakanya isithuba kwibhulethini yezithuba ezingenamntu ukwenzela ukuba sipapashwe. |
5.5 |
Izicelo zokutshintshwa kwengqesho yezithuba zamanqanaba asezantsi (entry-level posts) (oomabhalane (administration clerks), abancedisi jikelele (general assistants), nabasebenzi abancedisa kwindawo yokuhlala (household aids), aziyi kwamkeleka ngaphambi kokupapashwa kwesetyhula yokutshintshwa kwengqesho. |
6. |
Abasebenzi benkonzo karhulumente abasezi-ofisini |
6.1 |
ISebe iWCED liya kukhupha iibhulethini ezintathu zezithuba zabasebenzi benkonzo karhulumente abasezi-ofisini. |
6.2 |
Abaphathi bamacandelo mabaqinisekise ukuba ziyangeniswa izibhengezo kwiCandelo lokuGaya nokuKhetha aBasebenzi ngemihla emisiweyo eboniswe kwisihlomelo. |
6.3 |
Kwimeko yokungaphumeleli ukuyilandela ngqo imihla emisiweyo, izibhengezo ziya kurhoxiselwa umhla wopapasho/webhulethini yezithuba olandelayo. |
6.4 |
Kuya kupapashwa iibhulethini zeZithuba eziKhethekileyo zezithuba zabaphathi abaphezulu (senior management) kuphela. |
6.5 |
Iyafuneka imvume yeKomiti yeSigqeba (Execitive Committee) ekupapashweni kwezibhengezo yaye imvume elolu hlobo mayibandakanywe xa kungeniswa isibhengezo sesithuba. |
6.6 |
Mazibandakanywe izicwangciso zolawulo xa kungeniswa izicelo. |
8. |
Intsebenziswano yabo bonke abachaphazelekayo iya kuqinisekisa ulawulo oluyimpumelelo lwenkqubo yezengqesho yaye iya kuthakazelelwa gqitha. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2017:10:21
|
 |