1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) licela bonke abaqeshwa benkonzo karhulumente abanqwenela ukwenza izifundo ngokungesosigxina ngo-2018 benze isicelo seebhasari zokufunda ngokungesosigxina.

2. Ukungqinelana noMthetho i-National Qualifications Framework Act, 2008 (uMthetho 67 ka-2008), ofakelwe izilungiso, neemfuno ezimiselweyo zokungena kwizithuba zabaphathi abaphakathi nabaphathi abakhulu (middle management and senior management), iSebe iWCED liya kuqala likhethe abaqeshwa benkonzo karhulumente abanqwenela ukuphucula amabanga emfundo abo abe kwinqanaba lesidanga (degree-level) (NQF 7) okanye abanqwenela ukwenza izifundo ezibakhokelela kwinqanaba lesidanga sokuqala (NQF 7).

3. Iibhasari ziya kunikwa abenzi-sicelo kuphela ukuba:
3.1 bangabemi baseMzantsi Afrika;
3.2 bangabaqeshwa abaqeshwe isigxina ngokoMthetho weNkonzo kaRhulumente, 1994 (uMthetho 103 ka-1994);
3.3 bayazifezekisa iimfuno zokwamkelwa zeZiko leMfundo ePhakamileyo (Higher Education Institution (HEI)) elichaphazelekayo;
3.4 banobungqina bokuba basenzile isicelo okanye banekopi yerisithi yentlawulo evela kwi-HEI) ukwenzela unyaka wokufunda ka-2018;
3.5 bazimisele ukwenza izifundo ngokungesosigxina ngo-2018;
3.6 bafundela ukuzuza ibanga lemfundo ye-undergraduate qualification okanye eye-post graduate qualification; yaye
3.7 akukho enye ibhasari karhulumente okanye nayiphi na enye ibhasari abayifumanayo.

4. Zonke izicelo ziya kuphononongwa ngokwezi khrayitheriya zilandelayo:
4.1 Ukufaneleka kwenkalo yesifundo ekujoliswe kuyo ngokunxulumene neemfuno zobuchule zexesha langoku nezexesha elizayo zeSebe iWCED;
4.2 Imfuno yezakhono ezithile okanye ezinqabileyo zecandelo elichaphazelekayo;
4.3 Ubulungisa kwezengqesho (ngokohlanga, isini, ukhubazeko);
4.4 Ukuba ngaba abenzi-sicelo basuka kwiindawo zasemaphandleni na okanye kwezasezidolophini;
4.5 Ukufaneleka kwezifundo kwinkcazo yomsebenzi othile;
4.6 Amanqanaba omvuzo nokufumaneka kwemali;
4.7 Amabanga emfundo okuqala ethelekiswa namabanga emfundo esibini; kunye
4.8 Nengcebiso yesuphavayiza, nekufuneka ukuba iqhotyoshelwe kwisicelo.

5. La maxwebhu alandelayo makahanjiswe nesicelo:
5.1 IFom yesicelo sebhasari ezaliswe ngokupheleleyo (eqhotyoshelwe kule Ngcaciso iMfutshane);
5.2 Inkcazo ebhaliweyo yoqikelelo lweendleko zokufunda (ezokubhalisa, ezezifundo) evela kwi-HEI yonyaka wokufunda ka-2018 (le ngcaciso iyafumaneka kwi-HEI echaphazelekayo);
5.3 Ingcebiso yesuphavayiza nencwadi enezizathu ezivokothekileyo ezixhasa isicelo; kunye
5.4 Nobungqina besicelo okanye ikopi yerisithi yentlawulo evela kwi-HEI.

6. Aziyi kuqwalaselwa izicelo ezifike emva kwexesha elibekiweyo, ezingazaliswanga ngokupheleleyo nezithunyelwe ngefeksi okanye apho ingabonakaliyo into ebhalwe kuzo.

7. Kuya kuqwalaselwa kuqala izicelo zezi nkalo zezifundo zilandelayo, apho kukho ukunqongophala kwabasebenzi abaqeqeshiweyo kunye/okanye imfuno ezingileyo yeSebe iWCED:

UDIDI LWEBANGA LEMFUNDO INKALO/ICANDELO LESIFUNDO
Degree NQF Level 7/ National
Diploma (leading to a NQF level 7)
Financial Management Systems, Financial Management, Accounting and Auditing
Degree (NQF Level 7)/ National
Diploma (leading to a NQF Level 7)
Human Resource Management/
Development
Degree NQF Level 7/ National
Diploma (leading to a NQF Level 7)
Public Management

8. Zonke izicelo mazingeniswe engadlulanga uLwesihlanu, we-29 Septemba 2017, kwiCandelo loLawulo lwezaBasebenzi ngoBuchule, ukuze ziqwalaselwe ngu: L Ndzongo kwa-Room 9, 8th Floor, Golden Acre Building, Cape Town, okanye ziposelwe apha: Private Bag X9114 Cape Town, 8000.

9. IKomiti yeBhasari iya kuqwalasela zonke izicelo emva koko inike iingcebiso zokukhutshwa kweebhasari. Imali eyabelwe ibhasari ayisayi kuba ngaphezulu, kodwa oko kungathethi ukuba iya kuzihlawula ngokupheleleyo iindleko zokubhalisa neefizi zezifundo. Inani lezicelo ezifunyenweyo nemali efumanekayo liya kumisela inani leebhasari ezinikiweyo.

10. Ngamnye umenzi-sicelo ophumeleleyo kuya kulindeleka ukuba angene kwimvumelwano esemthethweni (imvumelwano yebhasari (bursary contract)) neSebe iWCED yokuba enze inkonzo yonyaka ngonyaka ngamnye wokunikwa kwakhe ibhasari yaye makathobele yonke eminye imigqaliselo equlethwe kwimvumelwano yebhasari.

11. Kucelwa abaqeshwa abaqeshwe ngokoMthetho weNkonzo kaRhulumente, 1994 (uMthetho 103 ka-1994) (ofakelwe izilungiso) bayiqwalasele imigqaliselo yoKuqatshelwa kokuPhuculwa koMgangatho waMabanga eMfundo (Recognition of Improved Qualifications) eyapapashwa kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo lwezaBasebenzi ngoBuchule 0004/2017.

12. Ngemibuzo enxulumene nesicelo sebhasari yenkonzo karhulumente ka-2018, kucelwa ukuba uqhagamshelane noMnu Lusapho Ndzongo kule imeyili: Lusapho.Ndzongo@westerncape.gov.za okanye kule nombolo yefoni: 021 467 2190.

13. Kucelwa uqinisekise ukuba bonke abasebenzi benkonzo karhulumente abakwicandelo lakho bakuxelelwe oku kule ngcaciso imfutshane ukwenzela ukuba bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2017:08:24

"Public Service Act, 1994 (Act 103 of 1994)"  (ubukhulu: 183 KB)
IsiHlomelo A: IINGCEBISO ZESUPHAVAYIZA UKULUNGISELELA IBHASARI YOKUFUNDA NGOKUNGESOSIGXINA KU-2018  (ubukhulu: 66 KB)
"Application for public service bursary 2018"  (ubukhulu: 80 KB)