1. |
Isiqendu 33 soMthetho wezeNgqesho yooTitshala, 1998 (uMthetho 76 ka-1998), isiqendu 30 (b) soMthetho weNkonzo kaRhulumente, 1994, (uMthetho 103 ka-1994) nesiqendu 13(c) seMimiselo yeNkonzo kaRhulumente, zasisa bonke abaqeshwa ngembopheleleko yabo (their obligation) yokwenza isicelo semvume kwiNtloko yeSebe ukuba banqwenela ukwenza umsebenzi ohlawulelwayo ngaphandle kwenkonzo karhulumente. |
2. |
Abaqeshwa abangekayifuni nangoku imvume yokwenza umsebenzi ohlawulelwayo ngaphandle kwenkonzo karhulumente, kwakunye nabo banenjongo yokwenza umsebenzi ohlawulelwayo ngaphandle kwenkonzo karhulumente, mabangenise ngokukhawuleza izicelo zabo zokwenza umsebenzi ololu hlobo. Izicelo zivunywa ngonyaka-mali ngamnye (01 Apreli ukuya kwi-31 Matshi yonyaka olandelayo) yaye ke ngoko abaqeshwa mabafake izicelo kwangaphambili qho ngonyaka. |
4. |
Umhlathi 13(c) weCandelo 1, kwiSahluko 2 seMimiselo yeNkonzo kaRhulumente, 2016 (Public Service Regulations, 2016), eqale ukusebenza ukususela nge-01 Agasti 2016 ucacisa ukuba umqeshwa:
"akayi kuqhuba ushishino kunye nequmrhu likarhulumente nokuba leliphi na okanye abe ngumlawuli wenkampani karhulumente okanye eyabucala eqhuba ushishino nequmrhu likarhulumente, ngaphandle kokuba umqeshwa ololu hlobo ungumlawuli osesikhundleni wenkampani ekuluhlu lweshedyuli 2 no-3 zoMthetho woLawulo lweMali kaRhulumente (Public Finance Management Act".
Lo mqathando unokuguqulwa apho kuyimfuneko (mutatis mutandis), usebenza kubaqeshwa abaqeshwe ngokoMthetho weNgqesho yooTitshala, 1998 (uMthetho 76 ka-1998) (Employment of Educators Act, 1998 (Act 76 of 1998)).
|
5. |
ISebe leNkonzo kaRhulumente noLawulo (Public Service and Administration) lakhupha amalungiselelo eenguqu (transitional arrangements) ukwenzela ukuphunyezwa komhlathi 13(c) ochazwe apha ngentla, nochaza ukuba: Umqeshwa oqhuba ushishino nequmrhu likarhulumente okanye ongumlawuli wenkampani eqhuba ushishino nequmrhu likarhulumente, makakuxele ukuchaphazeleka kwakhe (declare) ungadlulanga owe-31 Januwari 2017 kwifom yokuxela ukuchaphazeleka kwakhe (disclosure form) eqhotyoshelweyo. |
6. |
Iqumrhu likarhulumente licaciswa phakathi kwezinye izinto, njengawo onke amasebe karhulumente, oorhulumente beengingqi (local governments) neenkampani zikarhulumente. |
7. |
Umqeshwa oqhuba ushishino nequmrhu likarhulumente okanye ongumlawuli wenkampani eqhuba ushishino nequmrhu likarhulumente:
- uya kuyeka ukuqhuba ushishino nequmrhu likarhulumente ungadlulanga owe-31 Januwari 2017 okanye uya kuyeka emsebenzini njengomqeshwa;
- uya kuyeka emsebenzini njengomlawuli wenkampani eqhuba ushishino nequmrhu likarhulumente ungadlulanga owe-31 Januwari 2017 okanye uya kuyeka emsebenzini njengomqeshwa.
|
8. |
Ukuba umqeshwa akayeki emsebenzini ngalo mhla sele ukhankanyiwe, umqeshwa makangenise ubungqina bokuba umqeshwa ukuyekile ukuqhuba ushishino okanye uyekile emsebenzini njengomlawuli wenkampani eqhuba ushishino nequmrhu likarhulumente ungadlulanga owe-28 Februwari 2017. |
9. |
Abaqeshwa abaneenkcukacha zabo zobuqu ezikwinkampani yabucala kwi-Companies and Intellectual Property Commission’s Register nabangasathathi nxaxheba kumsebenzi ohlawulelwayo ngaphandle kwenkonzo karhulumente, bayacelwa ukuba baqinisekise ukuba amagama abo akhutshiwe kwirejista ngokufanelekileyo. |
10. |
Ukungaphumeleli ukulandela le miqathango icaciswe kule ngcaciso imfutshane kunokubangela ukuba kuthathwe amanyathelo oluleko ngakumqeshwa. |
11. |
Abaqeshwa ababonelelwa ngentlawulo eyongezelelweyo liSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED), abanokubandakanya abamakishi beemviwo zematriki, abaqeqeshi/abaququzeleli, ootitshala abenza imisebenzi yokusuphavayiza ezihostele, akumele bawuthobele umyalelo okumhlathi 5 njengoko iintlawulo ezongezelelweyo zigunyaziswa ngokwemigqaliselo yezomthetho esebenzayo. |
12. |
Kucelwa wazise ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane kubo bonke abasebenzi abaphantsi kolawulo lwakho ukuze bayithathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2017:01:21
|
 |