1. KwiSetyhula 0039/2016 kwacaciswa inkqubo yenkxaso-mali yeBakala R ukulungiselela u-2017/2018 yaye kwachazwa nokuqaliswa kwenkqubo yokusetyenziswa kwekhompyutha (an automated process).
2. Ukususela nge-01 Apreli 2017, ziya kungeniswa zizikolo/ngamaziko zonke iinkxaso-mali zeBakala R ngokuqala kugqithwe kwi-CEMIS.
3. Kubalulekile ukuqaphela ukuba:

  • mabafakwe bonke abafundi beBakala R kwi-CEMIS;
  • mababonakale kwi-CEMIS bonke abafundi beBakala R njengenxenye yeBakala R ngalinye; yaye
  • makabonakale kwi-CEMIS utitshala weBakala R njengenxenye yeBakala R ngalinye.

Ibango lentlawulo yenkxaso-mali yeBakala R linokwenziwa kuphela emva kokuba kwenziwe oku kucaciswe apha ngentla.

4. Amabango enkxaso-mali

Ziyafumaneka Izicelo zeBakala R ukwenzela unyaka-mali oqala nge-01 Apreli 2017 ukuya kwi-31 Matshi 2018 kwi-CEMIS yaye zinokufunyanwa ngale ndlela ilandelayo:
Loga kwi-CEMIS.
Klikha ku-"Proceed".
Yalathisa ikhesa kwi-ayithem yemenyu "Administration" uze uklikhe ku-"Gr R Subsidy".
Khetha u-"Submit Application".

Uyacelwa uzalise la macandelo achaphazelekayo (relevant fields) afunekayo uze uluprinte uxwebhu lwebango lesikolo ukulungiselela iinjongo zeerekhodi emva kokuba ibango lingenisiwe. Ibango lenkxaso-mali yesikolo liya kungeniswa ngekhompyutha kwi-ofisi yesithili echaphazelekayo. Akukho manyathelo angamanye aya kufuneka kwisikolo eso.

Kucelwa ufunde uxwebhu i-Grade R Subsidy Claim Application System User Manual ukufumana inkcazo esisikhokelo esicacisa ngezigaba ezilandelelanayo zenkqubo yokungeniswa kwebango lenkxaso-mali ngokuyimpumelelo.

5. Amaxesha amisiweyo

Imihla yenkqubo yango-2017:

Isixa sesavenge sika-Apreli
Umhla Inyathelo
01 Matshi 2017 Kuvulwa i-CEMIS ukwenzela ukungeniswa kwamabango
15 Matshi 2017 Umhla wokugqibela wokungenisa amabango zizikolo nangamaziko

Makuqatshelwe: Emva kwalo mhla akanakungeniswa mabango ukwenzela ukuba ahlawulwe.

15 Apreli 2017 Ii-ofisi zezithili zigqiba ukuqwalasela iingcebiso nenkqubo yokuvunywa kwamabango kwi-Eduinfosearch, zize zilisayinele ibango ngalinye.
15 Meyi 2017 Umhla wokugqibela wentlawulo yenkxaso-mali kwizikolo/kumaziko

Isixa sesavenge sika-Oktobha
Umhla Inyathelo
01 Septemba 2017 Kuvulwa i-CEMIS ukwenzela ukungeniswa kwamabango
15 Septemba 2017 Umhla wokugqibela wokungenisa amabango zizikolo nangamaziko

Makuqatshelwe: Emva kwalo mhla akanakungeniswa mabango ukwenzela ukuba ahlawulwe.

15 Oktobha 2017 Ii-ofisi zezithili zigqiba ukuqwalasela iingcebiso nenkqubo yokuvunywa kwamabango kwi-Eduinfosearch, zize zilisayinele ibango ngalinye.
15 Novemba 2017 Umhla wokugqibela wentlawulo yenkxaso-mali kwizikolo/kumaziko

6. Okuqhubekayo malunga nebango

Kunokulandelelwa kwi-CEMIS okuqhubekayo kwibango yaye kunokungenwa kuyo ngolu hlobo lulandelayo:

Loga kwi-CEMIS. Klikha ku-"Proceed". Yalathisa ikhesa kwi-ayithem yemenyu "Administration" uze uklikhe ku-"Gr R Subsidy". Khetha u-"Claim status".

7. Kucelwa uqhagamshelane nomlawuli wesithili we-CEMIS ochaphazelekayo ukuba unemibuzo emalunga ne-CEMIS kwakunye nomphathi we-ECD wesithili ochaphazelekayo ngokumalunga nemibuzo enxulumene nenkxaso-mali yeBakala R.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WECANDELO LEZEMALI
UMHLA: 2017:02:17

"Grade R Subsidy Claim Application System - User manual"  (ubukhulu: 373 KB)