1. Izatifikethi zerhafu zonyaka werhafu odlulileyo (osusela kuMatshi ukuya kuFebhuwari), ziprintwa ngoJuni qho ngonyaka ukuze emva koko zihanjiswe kwiipheyipoyinti ezahluka-hlukeneyo ukulungiselela ukuba zinikwe abaqeshwa abachaphazelekayo.
2. Oopheyimasta kwezi pheyipoyinti zahluka-hlukeneyo mabazigqithisele kubaqeshwa abachaphazelekayo ezi zatifikethi zerhafu. Abaqeshwa mabayisayine ikhontrolishithi (control sheet) ehamba kunye nazo bakuba bezifumene izatifikethi zerhafu zabo.
3. Izatifikethi zabaqeshwa abayishiyayo inkonzo abakuloo pheyipoyinti ifanayo mabathunyelelwe kwipheyipoyinti entsha okanye kwiidilesi zamakhaya abo, kungenjalo mazibuyiselwe kwaNdlunkulu (makujongwe le dilesi ingezantsi) kunye nekhontrolishithi. Kuzo zonke iimeko ezinjengezi, ipheyimasta mayiyicacise imeko yezi zatifikethi zerhafu kwikhontrolishithi.
4. Ukulungiselela iinjongo zophicotho-zincwadi nezokugcinwa kweerekhodi, ikhontrolishithi, kunye nezatifikethi zerhafu ezingakhutshwanga, mazibuyiselwe ngokukhawuleza kule dilesi ilandelayo:

  Western Cape Education Department (WCED)
Grand Central Building
DFA Salary Support Tax Section – 7th Floor
Private Bag X9114
Cape Town
8000
5. Mabaziswe abaqeshwa ukuba bazigcine ngokunqatyisiweyo izatifikethi zabo.
6. Kwimeko apho siye salahleka isatifikethi serhafu yaye kufuneka idyuplikeyithi yaso, makuthunyelwe isicelo esibhaliweyo ukufumana isatifikethi esiyidyuplikeyithi, kule dilesi ingentla.
7. Kuya kubizwa intlawulo ngedyuplikeyithi nganye yesatifikethi serhafu esikhutshiweyo. Kunokuqhagamshelwana neZiko leeFoni leSebe iWCED, ukuqinisekisa ngentlawulo esebenzayo ngoku. Ngexesha lokukhutshwa kwale ngcaciso imfutshane, intlawulo emiselweyo ngokwerejista yeentlawulo yeSebe iWCED (WCED tariff register) yi-R70,00 ngesatifikethi serhafu esiyidyuplikeyithi.
8. Mabazingqinisise abaqeshwa iinombolo zerhafu zabo kwizatifikethi nakwiipeyishithi zabo yaye kwimeko yenombolo yerhafu engachanekanga, inombolo yerhafu echanekileyo kunye nobungqina bayo (umzekelo ikopi yengxelo yerhafu (tax return) okanye ileta evela kwiNkonzo yeRhafu yaseMzantsi Afrika (South African Revenue Service (SARS)), mayithunyelwe kule ofisi ingentla ukwenzela ukuba ilungiswe loo mpazamo kwiPESALI (PERSAL).
9. Imihla esikiweyo yokungeniswa kweendidi ezahlukileyo zengxelo yerhafu yengeniso ii-income tax returns ulawulwa yaye upapashwe ngu-SARS. Oku kukulungiselela umqeshwa ngamnye ngeyona ndlela ibhetele ukwenzela ukuba ayilandele mbo loo mihla isikiweyo, kungenjalo kunokubakho izohlwayo kunye/okanye iintlawulo zakwaSARS.
10. Okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane makwaziswe bonke abaqeshwa, ukuze bakuthathele ingqalelo.
11. Iyathakazelelwa kakhulu intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
USEKELA MLAWULI -JIKELELE WECANDELO LOLAWULO LWEZEMALI
UMHLA: 2017:05:18