1. Injongo yale ngcaciso imfutshane, ekhutshwe ngokwesiqendu 38 (1)(a)(i) soMthetho woLawulo lweMali kaRhulumente (Public Finance Management Act), ka-1999 (uMthetho1 ka-1999), njengoko ufakelwe izilungiso, kukuba:

  1. kuqaliswe ukusebenzisa isistim entsha i-automated Supplier Invoice Tracking System (SITS) eya kuthatha indawo ye-Manual Invoice Registers (ngaphandle kwakwiimeko ezikhethekileyo) ukususela ngomhla wokusayinwa kwale ngcaciso ;
  2. ithathe indawo yoMyalelo woLawulo lweMicimbi yezeMali 0004/2012 ngokwendlela ekubhalwe ngayo kule ngcaciso imfutshane;
  3. inike isixhobo sokuqinisekisa ukuthotyelwa koMmiselo weOfisi kaNondyebo (Treasury Regulation) u-8.2.3;
  4. inike indlela yokubhalisa, ukulandelela, ukubeka esweni nokunika ingxelo ngazo zonke ii-invoyisi ezifunyenweyo;
  5. yenze luqilima imeko yezolawulo;
  6. inciphise ilahleko ngenxa yeentlawulo eziphindwayo;
  7. iphucule ukwenziwa ngokukhawuleza kwee-invoyisi ukuhlangabezana neentlawulo ngekhompyutha kwanokuqinisekisa ukuba ababonelelinkonzo bahlawulwa zingadlulanga iintsuku eziyi-30; yaye
  8. iphucule indlela yokunika ingxelo yemali kwii-Accruals nakwii-Payables.
2. Ukusetyenziswa kwe-Manual Invoice Registers, njengokuba isetyenziswa ngoku liSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) ukubhalisa ii-invoyisi nokulawula iintlawulo eziya kubaboneleli-nkonzo (suppliers), yisistim ecothayo nekuye kuthi ngenxa yoko kufuneke ukuba yenziwe ngekhompyutha (automate the system) ukuphucula ukusebenza ngempumelelo, ubuchule nokunika ingxelo ngemali. Isistim yasekhompyutheni i-SITS yenzelwe yaphuhliselwa ukuqinisekisa ukuthotyelwa kwemigqaliselo yezomthetho, imigaqo-nkqubo kwaneenkqubo ezithile.

3. Kwisistim ye-SITS kungenwa nge-WCED's Enterprise Content Management System (ECM) yaye kunokungenwa kuyo ngokulandelayo:

  • loga ku-ECM "MyContent" nge-user credentials (usebenzisa iinkcukacha zomsebenzisi osemthethweni; uze
  • uklikhe ku-"MyInvoice Tracking" ku-"Home" tab.
4. Le theyibhile ingezantsi ibonisa ukutshintsha ukusuka kwisistim ebhalwa ngesandla i-current manual system ukuya kwi-automated system:

Inkqubo ebhalwa ngesandla Abenza umsebenzi I-automated system kwi-ECM Abenza umsebenzi
Incwadana i-Manual Invoice Register Yi-Ofisi ejongene neeNtlawulo Isistim i-Automated Supplier Invoice Tracking System Ngabo bonke abantu obabandakanyeka kumjikelo wenkqubo yentlawulo
Isatifikethi sentlawulo eyenzeka emva kwexesha (isiHlomelo D) esibhalwe ngesandla nge-invoyisi nganye engahlawulwanga ngexesha elimiselwe ukungadluli kwiintsuku eziyi-30 Yi-Ofisi ejongene neeNtlawulo Isatifikethi sentlawulo eyenzeka emva kwexesha (isiHlomelo D) esenziwa ekhompyutheni ngoko nangoko (automatically) nge-invoyisi nganye engahlawulwanga ngexesha elimiselwe ukungadluli kwiintsuku eziyi-30 Ngamagosa ajongene neentlawulo ezenzeka emva kwexesha

Yi-Ofisi ejongene neeNtlawulo eyenza isatifikethi sentlawulo eyenzeka emva kwexesha (isiHlomelo D)

Iingxelo zemali ezinxulumene neentlawulo ezenziwa zingadlulanga iintsuku eziyi-30 zeentlawulo (ezihlawulweyo/ezingahlawulwanga) ezibhalwa ngesandla ukwenzela amathuba okunika ingxelo LiCandelwana i-Batch & Loss Control, iCandelo loLawulo lweMicimbi yezeMali (Directorate: Financial Accounting (DFA)) Iingxelo zeMali ezinxulumene neentlawulo ezenziwa zingadlulanga iintsuku eziyi-30 (ezihlawulweyo/ezingahlawulwanga) ezenziwa ekhompyutheni ngoko nangoko ngethuba lokunika ingxelo LiCandelwana i-Batch & Loss Control, leCandelo i-DFA

Iingxelo ngezinxaxhi zinikwa liCandelwana i-Batch & Loss Control, kwiCandelo i-DFA zisiya kuBaphathi ukwenzela ukuba kuthathwe amanyathelo okulungisa iimposiso

Incwadana i-Manual Invoice Register esetyenziselwa ithuba lokunika ingxelo eliphela nge-31 Matshi 2017 Yi-Ofisi ejongene neeNtlawulo I-SITS isebenza ukuqala ngomhla wokusayinwa kwale ngcaciso Ngabo bonke abantu obabandakanyeka kumjikelo wenkqubo yentlawulo
Ukungqinelanisa ingxelo i-KITSO kunye nezatifikethi zeentlawulo ezibhalwa ngesandla zasemva kwexesha (isiHlomelo D) nezokuqala ngqa LiCandelwana i-Batch & Loss Control, leCandelo i-DFA Ukungqinelanisa ingxelo ye-KITSO nezatifikethi zesiHlomelo D ezenziwe yisistim neengxelo zingadlulanga iintsuku eziyi-30 ngezinxaxhi ezenziwe kwi-SITS LiCandelwana i-Batch & Loss Control, leCandelo i-DFA)

Iingxelo ngezinxaxhi zinikwa liCandelwana i-Batch & Loss Control, kwiCandelo i-DFA zisiya kuBaphathi

Ukubala ngentloko ukwenza iingxelo (kuhlawulwe zingadlulanga iintsuku eziyi-30/ akuhlawulwanga) ezithunyelwa kwi-Ofisi kaNondyebo yePhondo ungadlulanga owe-10 ngenyanga nganye LiCandelwana i-Batch & Loss Control, iCandelo i-DFA) Ukubala ngekhompyutha ukwenza iingxelo (kuhlawulwe zingadlulanga iintsuku eziyi-30/ akuhlawulwanga) ezithunyelwa kwi-Ofisi kaNondyebo yePhondo ungadlulanga owe-10 ngenyanga nganye LiCandelwana i-Batch & Loss Control, leCandelo i-DFA

5. I-SITS iquka i-automated centralised online Supplier Invoice Register edibanisa indlela yokwenziwa komsebenzi ekhompyutheni elungiselelwe abasebenzisi abaninzi apho uklikha khona iqhosha.

6. Imisebenzi ye-SITS iquka oku kulandelayo:

  1. Ubhaliso lwe-invoyisi
  2. Ubhaliso lwenowuthi yekhredithi
  3. Ubhaliso lwezixa-mali ezityalwayo (negative amounts) kwi-invoyisi
  4. Ukufaka ekhompyutheni ingcaciso ngee-invoyisi ezingangqinelaniyo
  5. Ukufaka ingcaciso entsha kwinkqubo yentlawulo yee-invoyisi nokuthunyelwa komsebenzi ngekhompyutha (electronic workflow routing)
  6. Ukubekwa esweni kokuba "seMpilweni" kobume be-invoyisi
  7. Ukuqhagamshelanisa iinowuthsi zekhredithi nee-invoyisi ukungqinelanisa iincwadi
  8. Ukuhlaba (cancelling) inkqubo yentlawulo yee-invoyisi
  9. Ukubuyisela kwakhona inkqubo yentlawulo yee-invoyisi
  10. Ukusebenza kwenkqubo yokukhangela ingcaciso ekhompyutheni
  11. Iideshibhodi – iingxelo ezichaziweyo kusetyenziswa imifanekiso
  12. Ukwenza iiNgxelo-mali neeNkcukacha-manani
7. I-SITS inika olu ncedo lulandelayo:

  1. Inciphisa ukwenziwa kwemisebenzi ecothayo ngesandla
  2. Iphelisa iirejista ezibhalwa ngesandla ezithunyelwa kwiWCED iphela
  3. Iphucula ucazululo lwengcaciso, ukwenza izigqibo nokunika ingxelo
  4. Iphucula imeko yezolawulo, umz. ukwahlukaniswa kwemisebenzi nokuthotyelwa kwemimiselo
  5. Ibeka esweni ukuhlawulwa kweekhreditha (creditors) zingadlulanga iintsuku eziyi-30 ifunyenwe i-invoyisi
  6. Inika idatha yemisebenzi eyenziwayo yesebe; yaye
  7. Iqwalasela indlela yokuthunyelwa nokungena kwee-invoyisi
8. Igosa elibandakanyeka kwinkqubo yentlawulo kuya kufuneka ukuba:

  1. libhalise zonke ii-invoyisi ezithunyelwe ngekhompyutha kwi-SITS
  2. lirekhode iinombolo zezalathi ezifana zodwa (unique SITS reference number) ze-SITS kwi-invoyisi
  3. lizalise inyathelo elithathwa yinkqubo ebhalwa ngesandla ligosa elijongene noko
  4. lifake ingcaciso entsha kwinkqubo yentlawulo eyenziwa ligosa elinoxanduva loko ekhompyutheni kwi-SITS lize lithumele ngekhompyutha inyathelo lokwenziwa komsebenzi ekhompyutheni usiya kwigosa elilandelayo (route workflow step) elijongene noko kwinkqubo yentlawulo
  5. liqiniseke ukuba inkqubo ebhalwa ngesandla iyangqinelana ne-SITS; yaye
  6. libeke esweni yaye lilandelele intlawulo ye-invoyisi lize lithathe amanyathelo okulungisa iziphene xa kuyimfuneko.
9. Kuya kunikwa uqeqesho kuwo onke amagosa akwaNdlunkulu nawee-ofisi zezithili achaphazelekayo.

10. Izicelo zolunye uqeqesho okanye zoncedo lobugcisa mazibhekiswe kwii-SITS Operations Administrators eziphantsi kolawulo lweCandelwana i-Batch and Loss Control kwiCandelo loLawulo lweMicimbi yezeMali (Directorate: Financial Accounting):
Mnu Hein Burger (ifoni 021 467 2188 okanye nge-imeyili Hein.Burger@westerncape.gov.za)
Nks Azra Domingo (ifoni 021 467 2061 okanye nge-imeyili Azra.Domingo@westerncape.gov.za)
Mnu Mfundiso Nkente (ifoni 021 467 2885 okanye nge-imeyili Mfundiso.Nkente@westerncape.gov.za)

11. Onke amagosa makabe nolwazi lokuba kukho iintlawulo ngekhompyutha ezicwangcisiweyo (scheduled payment runs). Le nyaniso mayifakwe kwisicwangciso sokwenza umsebenzi (operational planning) ngentsebenziswano nomboneleli-nkonzo, yaye mayingasetyenziswa njengesizathu sokungamhlawuli umboneleli-nkonzo zingekadluli iintsuku eziyi-30 ezabelwe oko.

12. Khon’ ukuze kulungiselelwe yaye kwenziwe lula ungqinelaniso phakathi kweesistim ezisebenzisanayo kubalulekile ukuba ingcaciso efakwe kwisistim yeentlawulo echaphazelekayo nee-SITS zingqinelane yaye zibe zezichanekileyo, umzekelo, umhla wokwenziwa kwe-invoyisi ncakasana nomhla wokufunyanwa kwe-invoyisi evunywe ngokusemthethweni.

13. Iisistim i-SITS User Manual ne-Administrator Maintenance Manual ziyafumaneka kwi-SITS phantsi kwe-"HELP" menu.

14. Inkqubo ekwinqanaba eliphezulu lolawulo lwe-SITS ichaziwe apha ngezantsi:

UMnini weSistim – nguMlawuli oyiNtloko wezeMali (Financial Management)
UMlawuli weSistim – nguMlawuli weCandelo leMicimbi yezeMali (Financial Accounting)
UMlawuli wezoKwenziwa koMsebenzi eKhompyutheni (Operations Administrator) – kwiCandelo leMicimbi yoLawulo lwezeMali (Batch and Loss Control)
Itheyibhile i-Supplier Master Table Itheyibhile i-SITS User Table Itheyibhile i-SITS User Authorisation Table Itheyibhile i-BAS Capture Dates Table Itheyibhile i-SITS Delegation Table

15. Ukungathotyelwa koMmiselo weOfisi kaNondyebo u-8.2.3 kudala ilahleko eninzi kwi-WCED, kuquka nokudala umfanekiso ongancomekiyo ngeWCED. Ulibaziseko lweentlawulo kwakhona luchaphazela kakubi ukuhlawulwa kwemali ababoneleli-nkonzo, yaye ubukhulu becala luchaphazela ukuba nako kwababoneleli-nkonzo abasakhulayo ukuzisa iimpahla neenkonzo.

16. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yakho malunga noku ukuqinisekisa ukusasazwa kakhulu nokuqaliswa kokusetyenziswa kwale nkqubo.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WECANDELO LEZEMALI
UMHLA: 2017:05:05

"Public Finance Management Act, 1999 (Act 1 of 1999)"  (ubukhulu: 487 KB)