Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe

ISALANTHISO:  20171025-6199
11/1/1/1/231
IMIBUZO:   I Dout    IFONI:   021 467 2270  IFEKSI:   021 467 2258

INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LE-ELEARNING:  DEL 0003/2017


IYA:   

KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZEKHARITYHULAM, KUMASEKELA EENGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KUBACEBISI BEZIFUNDO, NAKWIINQUNUNU ZAZO ZONKE IZIKOLO ZIKARHULUMENTE


 

IZIBONELELO II-DIGITAL RESOURCES KWIZIKO LEWEBHU LESEBE IWCED (WCED EPORTAL)


1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lenza izibonelelo zethekhnoloji ezininzi (digital resources) ezifumaneka kwiziko lewebhu i-WCED ePortal. Ezi zibonelelo kunokufikelelwa kuzo ngale linki http://www.wcedeportal.co.za.
2. Izibonelelo ezininzi ezingahlawulelwayo eziqulethe iikliphu zevidiyo (video clips), iikliphu zesandi (audio clips), amaxwebhu akwikhompyutha (digital documents), izifundo nezicwangciso zezifundo, ziyafumaneka kubo bonke abahlali besikolo nokuba baphi na nangaliphi na ixesha.
3. Inkqubo entsha eyi-streamlined interface ye-WCED ePortal, ikwenza kube lula ukufikelela kwezi zibonelelo (material) ngokwebakala, ngesifundo nakwisihloko.
4. Ootitshala banako ukufikelela kwezi zibonelelo zinokubancedisa kwizicwangciso zezifundo.
5. Abafundi banako ukufikelela kwizibonelelo ezinako ukubanceda baziqonde iinkalo ezingumngeni kwikharityhulam.
6. Kucelwa wazise okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane bonke ootitshala, abafundi nabahlali besikolo abachaphazelekayo, ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2017:11:10


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano
Employment and salary queries: 0861 92 33 22
Safe Schools: 0800 45 46 47

Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe