1. Uviwo lweMfundo noQeqesho lwaBadala (AET) lwe-Level 4 lucwangciselwe ukuqala ngoLwesine, we-26 Oktobha 2017 luphele ngoLwesihlanu, we-17 Novemba 2017.
2. Kuphela ngamaZiko eMfundo oLuntu abhaliswe kwiSebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho (Department of Higher Education and Training) (DHET), kuqukwa namaziko eSebe leeNkonzo zoLuleko, avumelekileyo ukubhalisa abaviwa babo kwiinkalo zezifundo abazikhethileyo, ukuba abo baviwa bayizalisile imisebenzi yabo eyimfuneko yoVavanyo oluqhubekela eSikolweni (Site-based Assessment) (SBA) kwiinkalo zezifundo ezichaphazelekayo.
3. Abaphathi bamaziko mabaqinisekise ukuba ngabaviwa kuphela abayizalisileyo imisebenzi yeSBA efunekayo ababhaliselwa uviwo. Kucelwa uqaphele ukuba abaviwa abanamanqaku eSBA angaphelelanga abasayi kuzifumana iziphumo.
4. Zonke iifom kufuneka zikhatshwe yikopi eqinisekisiweyo yesazisi somviwa.
5. Uviwo luyi-50% yamanqaku ewonke enkalo yesifundo, lo gama i-50% eshiyekileyo iya kuba ithathwe kwiiphothifoliyo zeSBA ezimodareyithiweyo.
6. Kucelwa abaphathi bamaziko bazalise ifom yobhaliso (entry form) efakwe apha ngomviwa ngamnye onqwenela ukubhalisela iimviwo.
7. Ukuba umviwa akabangakho ngesizathu sokugula okanye ngenxa yezinye iimeko ezingenakuthintelwa, ifom yobhaliso yomviwa onjalo, kufuneka isayinwe ngumphathi weziko, nekufuneka kwakhona abhale ecaleni kwesiginitsha yakhe ukuba umviwa lowo ebengekho.
8. Kucelwa uqaphele ukuba akusayi kuvunyelwa lutshintsho kwiinkalo zezifundo emva kokuba ubhaliso lwabaviwa lugqityiwe. Iifom zobhaliso ngoko ke mazizaliswe ngokuchanekileyo. Uluhlu olulandelaniswa ngokwee-alfabhethi lwabo bonke abaviwa ababhalisiweyo kwiziko malukhatshwe ziifom zobhaliso.
9. Zonke iifom ezizaliswe ngokupheleleyo, zaza zalandelelaniswa ngokwee-alfabhethi, zikunye nesiHlomelo A mazifike kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni kule dilesi ilandelayo engadlulanga uLwesihlanu, we-25 Agasti 2017 (kucelwa uqaphele ukuba iifom zobhaliso ezifike emva kwexesha AZISAYI kwamkelwa phantsi kwazo naziphi izizathu okanye iimeko):

For attention: Mr CW Roodt
Room 515, 5th Floor
Directorate: Examinations Administration
Western Cape Education Department
Lower Parliament Street
CAPE TOWN
8001

10. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:08:08

"Entry form for November 2017"  (ubukhulu: 66 KB)
"Annexure A"  (ubukhulu: 26 KB)