1. Ngokomyalelo weSebe leMfundo esiSiseko (DBE), ingcaciso yabafundi bamaBakala10 – 12 mayirekhodwe kwi-National Examination System.

2. Le ngcaciso imfutshane mayifundwe kunye neSetyhula 00028/2016 kwakunye neNgcaciso eMfutshane yoLawulo loLwazi neNgcaciso 0001/2017, 0002/2017 no-0003/2017, ezigxininisa ulawulo lotshintsho lwezifundo zabafundi nolwedatha yabafundi emayilungiswe kwi-CEMIS

3. Kuvuliwe kwi-CEMIS ukusebenza kwesistim (functionality) ukwenzela izikolo ukuba zenze ezi zilungiso kwiinkcukacha (personal details) zabafundi bazo.

4. Eli iya kuba lithuba lokugqibela lezikolo lokuba zenze naziphi izilungiso kwingcaciso yabafundi bazo bamaBakala 10 – 12 phambi kokuba idatha ikhutshelwe kwi-National Examination System.

5. Ingcaciso engabafundi ekwi-CEMIS iya kuthathwa (extracted) ize ikhutshelwe (transferred) kwi-National Examination System ukwenzela iinjongo zeemviwo. Onke amaphepha emibuzo namaxwebhu anxulumene neemviwo aya kuphakhejwa aze ahanjiswe kuzo zonke izikolo ngokwedatha ye-CEMIS esayinelwa ziinqununu.

6. Inkqubo yokungqinisisa yango-2017 iyakwahluka kuleyo yeminyaka yangaphambili. Izikolo ziya kuyisayinela yaye ziyingenise ingxelo kumagosa akwaNdlunkulu angqinisisa ukuba ichanekile na yonke ingcaciso yabafundi kwi-CEMIS nokuba ngaba ikulungele ukukhutshelwa kwi-National Examination System.

7. Iinqununu maziyingqinisise, zisayinele yaye ziyingenise ingcaciso yabafundi echanekileyo ngale mihla ilandelayo.
7.1 EyeBakala 12 ngoLwesihlanu we-12 Meyi 2017
7.2 EyeBakala 11 ngoLwesihlanu we-19 Meyi 2017
7.3 EyeBakala 10 ngoLwesihlanu we-04 Agasti 2017

8. Ukungqinisiswa kwengcaciso yabafundi
8.1 Inombolo yesazisi (identity number) yomfundi licandelo elinyanzelekileyo (compulsory field) njengoko i-National Examination System ingabamkeliyo (rejects) abafundi abangenazo iinombolo zezazisi (identity numbers). Abafundi abangenazo iinombolo zezazisi abayi kusifumana iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke. Ngako oko, kubalulekile ukuba bonke abafundi bafake izicelo zamaxwebhu ezazisi zabo kwiBakala 10. Kunokusetyenziswa inombolo yesatifikethi sokuzalwa okwexeshana.
8.2 Abafundi abangengabo abemi beli lizwe (kuqukwa abafundi bamanye amazwe abahlala isigxina kweli lizwe), mababe nepasipothi kunye nepemithi. Amaxwebhu abafundi abakweli lizwe ngokuza kufuna igwiba lezokhuseleko (Asylum documents), aya kwamkelwa. Abafundi abangengabo abemi beli lizwe nabebeyinxalenye yeNkqubo yeSikolo yaseMzantsi Afrika (South African Schooling System), kodwa babe bengenawo amaxwebhu ayimfuneko okubhalisela iimviwo zeNSC ngo-2017, baya kuvunyelwa babhalisele iimviwo kodwa abayi kuzinikwa iziphumo zeNSC de beze namaxwebhu asemthethweni ayimfuneko.
8.3 Makutshekishwe upelo lwamagama apheleleyo neefani. Zona zimele ukufana nezo zikuxwebhu lwesazisi somfundi (learner’s identity document)/kwisatifikethi sokuzalwa.
8.3.1 Ukuba abafundi batshintsha amagama neefani zabo ngethuba lonyaka weBakala 12, emva kokukhutshelwa kwabo ukusuka kwi-CEMIS ukuya kwi-National Examination System, kufuneka bethumele iikopi ezingqiniweyo zezazisi zabo ezindala nezintsha kwigosa loviwo elichaphazelekayo elidweliswe kwiTheyibhile1.
8.3.2 Ukuba abafundi batshintsha amagama neefani zabo malunga neentsuku ezi-90 emva kweemviwo zeBakala 12 loviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke, umfundi makangenise iikopi ezingqiniweyo zezazisi zabo ezindala nezintsha kwakunye ne-afidavithi eyingxelo efungelweyo echaza isizathu sokuba kungani na kwenziwe olo tshintsho.
8.4 Inombolo yeselula yomzali/yomgcini womfundi licandelo elinyanzelekileyo. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (Isebe iWCED) lisebenzisa iinkonzo ze-SMS ukunxibelelana nabafundi ngemiyalezo ebalulekileyo emalunga neemviwo.
8.5 Abafundi abavela kwamanye amazwe abahlala isigxina kweli lizwe kwakunye nabo bemfundo eneemfuno ezizodwa, abakhetha ukubhalisela iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke esi-endosiweyo (endorsed) mabachazwe kanye ngolo hlobo kwi-CEMIS.

9. Inkqubo emayilandelwe kwi-CEMIS
9.1 Makulandelwe imiyalelo ecacileyo kwi-CEMIS emalunga nokuba itsalwa (extract) njani na ifayili kwelo bakala nakwiklasi ethile.
9.2 Mayiprintwe ishedyuli.
9.3 Bonke abafundi mabazingqinisise iinkcukacha zabo yaye bazisayinele ukuba bazitshekishile.
9.4 Iimpazamo, ezikwishedyuli, ezichazwe ngabafundi mazilungiswe ngumlawuli we-CEMIS wesikolo. Oku kufuneka kuqinisekiswe yintloko yesikolo eso umfundi akuso okaye igosa alityumbhele ukwenza oko.
9.5 Iishedyuli ekwenziwe kuzo izilungiso mazithunyelwe kubazali bazisayinele baze bazibuyisele esikolweni.
9.6 Iishedyuli mazisayinwe emva koko yinqununu/yintloko yebakala. Inqununu mayizisayinele kwi-CEMIS ukungqina ukuba inkqubo igqityiwe.
9.7 Makwenziwe ikopi yeeshedyuli ezisayiniweyo. Le kopi mayigcinwe esikolweni njengerekhodi yeso sikolo yaye ishedyuli eyintsusa mayithunyelwe kumagosa achaphazelekayo njengoko kuchaziwe kule Theyibhile 1.

ITheyibhile 1
Isithili Igosa elichaphazelekayo Ifoni I-imeyili
Metro Central Farrel Jacobs (KwaNdlunkulu) 021 467 2990 farrel.jacobs@westerncape.gov.za
Metro East Gideon Diljee (kwi-ofisi yesithili) 021 900 7032 gideon.diljee@westerncape.gov.za
Metro North Johnnie Isaacs (kwi-ofisi yesithili) 021 938 3033 johnnie.isaacs@westerncape.gov.za
Metro South Linsay van Gensen (KwaNdlunkulu) 021 370 2076 linsay.vangensen@westerncape.gov.za
Cape Winelands Lindsay Weber (KwaNdlunkulu) 021 467 2732 lindsay.weber@westerncape.gov.za
Overberg Patricia Liguma (KwaNdlunkulu) 021 467 2935 patricia.liguma@westerncape.gov.za
West Coast Patricia Liguma (KwaNdlunkulu) 021 467 2461 patricia.liguma@westerncape.gov.za
Eden and Central Karoo Samuel Adams (KwaNdlunkulu) 021 467 2914 samuel.adams@westerncape.gov.za


10. Iimpazamo kwizifundo zabafundi beBakala 12 mazithunyelwe ku-Mnu Adam Jantjies kwaNdlunkulu (i-imeyili: Adam.Jantjies@westerncape.gov.za okanye kule nombolo yefoni: 021 467 2895). Izikolo mazingenise izicelo zamaBakala 10 no-11 ukwenzela izilungiso kwizifundo njengoko kucacisiwe kwiSetyhula 0028/2016.

11. Ukuzaliswa kwe-SBA Annexure B form ukwenza utshintsho kwizifundo okanye izilungiso, kuya kuthathwa njengesitenxo yaye abo bafundi abayi kuzinikwa iziphumo okanye iziqinisekiso zokuphumelela.

12. Kwimeko yomfundi owenza u-Music njengesifundo, isiHlomelo A (A List of Music candidates), masizaliswe size sithunyelwe kwii-ofisi ezichaphazelekayo njengoko kuchaziwe kwiTheyibhile1.

13. Le ngcaciso imfutshane mayithunyelwe kubo bonke abaququzeleli bamaBakala 10 ukuya ku-12 nakubalawuli be-CEMIS ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:04:26

IsiHlomelo A: "List of music candidates"  (ubukhulu: 49 KB)