ISALANTHISO: | 20170203-7973 13/8/3 |
 | IMIBUZO: | CA Berry | IFONI: | 021 467 2265 | IFEKSI: | 021 461 5628 |
INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LOLAWULO LWEEMVIWO: 0001/2017 |
IYA: | KUSEKELA MLAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI), KUMASEKELA BALAWULI, KWIINGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZEIMG, KUBAPHATHI BEESEKETHE, KUMASEKELA EENGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZESLES, KUBAQUQUZELELI BOVAVANYO NAKWIINTLOKO ZAMAZIKO ALUNGISELELA ABAFUNDI IIMVIWO ZESATIFIKETHI SEMATRIKI SIKAZWELONKE (NSC) |
| UMBONELELI-NKONZO ZEKHURIYA OMTSHA WEZEEMVIWO – COURIERIT SA |
1. |
Le ngcaciso imfutshane yazisa zonke iinqununu ukuba iOfisi kaNondyebo kaZwelonke (National Treasury) seyingene kwikhontrakhi entsha enguzwelonke (transversal contract) ukunika iinkonzo zekhuriya onke amaphondo. |
2. |
Umboneleli-nkonzo ngekhuriya omtsha ojongene neenkonzo zekhuriya eNtshona Koloni, ngokukodwa ukuthumela ngekhuriya izinto zokubhala uviwo, nguCourierIT SA (Pty) Ltd. |
3. |
Ikhontrakhi neSkynet SA (Pty) Ltd iphele nge-31 Januwari 2017. Kucelwa iinqununu ngoko ke ziqinisekise ukuba akukho zinto zinxulumene neemviwo zithunyelwa eWCED ngeSkynet emva kwe-31 Januwari 2017, njengoko izikolo ziya kunyanzeleka ukuba zihlawule iindleko zoko. ICourierIT, njengekhampani yekhuriya entsha, iya kusingatha uxanduva lokuzisa amaphepha emibuzo oviwo nokuza kuthatha iincwadi zeempendulo zoviwo ukususela nge-01 Februwari 2017. |
4. |
Abaqhubi beCourierIT nabancedisi babo baya kuqapheleka ngokuthe gca ngeepemithi kwanamakhadi okuzazisa. Ipemithi nekhadi lokuzazisa maliboniswe inqununu xa kuziswa amaphepha emibuzo naxa kuzokuthathwa iincwadi zeempendulo zoviwo. |
5. |
Ngayo nayiphi eminye imibuzo kucelwa ungathandabuzi ukuqhagamshelana nala magosa eWCED alandelayo:
- Nks Shelva Willoughby kwifoni 021 467 2923
- Mnu Clive Berry kwifoni 021 467 2265
- Mnu Errol van Breda kwifoni 021 467 2987.
|
ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:02:07
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano Employment and salary queries: 0861 92 33 22 Safe Schools: 0800 45 46 47

|
 |