1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) likubeke phambili ukunika uqeqesho kubo bonke ootitshala beBakala 6 be-Natural Sciences and Technology (NST).

2. Uqeqesho luya kuqhutywa kuzo zonke izithili kwithuba leentsuku ezintathu noluya kulandelwa yinkxaso eya kuqhubekela kwiisekethe isuka kubacebisi ngezifundo be-NST ukubethelela ulwazi lwekhontenti nokwakha iqonga lokwabelana ngamava okufundisa (community of practice).

3. Injongo yale ngcaciso imfutshane kukwazisa bonke ootitshala beBakala 6 beNST ukuba olu qeqesho lungentla luya kuqhubeka ngokulandelayo:

NgoMvulo, 17 Julayi – ngoLwesithathu, we-19 Julayi 2017 Uqeqesho luya kuqhubeka iintsuku ezi-3.
Lwenzeka ngala maxesha alandelayo:

  • NgoMvulo: Kuyabhaliswa ngo-08:00
  • NgoMvulo nangoLwesithathu: 18:30-16:00
4. Kucelwa uqaphele ukuba uqeqesho luya kuqhubeka kwezi ndawo zilandelayo zifikeleleka kumntu wonke ezikwizithili:

ISithili Indawo Idilesi Ifoni
Metro Central Oaklands High Kwikona yeendlela i-Racecourse ne-Chukker Roads, e-Lansdowne 021 761 7302
Metro East Axios School of Skills Old Faure Road, Faure 021 904 5306/7
Metro North Elsies River High School Halt Road, Elsies River 021 932 5085
Metro South Christel House Swallowcliff Drive, Ottery 021 704 9400
Cape Winelands Worcester Gymnasium Tulbagh Street, Worcester 023 347 0426
Drakenstein PS Uys Street, Denneburg Paarl 021 872 4975
Eden and
Central Karoo
PW Botha HS Unie Street, George 044 874 4166
Bridgton SS Bergin Street, Oudtshoorn 044 274 0836
Overberg Swartberg PS Koalisie Street, Caledon 028 212 1927
West Coast Olifantsvallei PS Muller Street, Citrusdal 022 921 2100

5. Inkqubo yokubhalisa

Kucelwa iinqununu zizalise le fom yokubhalisa iqhotyoshelweyo (isiHlomelo A) zize ziyibuyisele kuMququzeleli weGET wesithili ochaphazelekayo ngomhla okanye phambi koLwesihlanu, 12 Meyi 2017.

6. Ezohambo
6.1 Kuya kuhlawulwa isibonelelo sohambo, phantsi kwale miqathango ilandelayo:

  • Abantu abayileyo kuqeqesho luphela mabangqinisiswe.
  • Umgama uwonke ohanjiweyo kwithuba leentsuku eziyi-3 mawudlule kwi-60 km, o.k.t. ubuncinane ibe yi-20 km yohambo lokuya nokubuya ngosuku.
  • Umgama uwonke ohanjiweyo kwithuba leentsuku eziyi-3 ekwenziwa ibango lawo mawungadluli kwi-420 km, o.k.t. ungadluli kwi-140 km yohambo lokuya nokubuya ngosuku. Abathathi-nxaxheba abagqithisayo kulo mgama abasayi kwenzelwa mbuyiselo yemali (will not be reimbursed) ngomgama ongaphezu kwe-420 km ohanjiweyo yaye bayacetyiswa babhalisele indawo yokulala endaweni yoko.
6.2 Izicelo zamabango ohambo ziya kuhlolwa ngokwezi khrayitheriya zilandelayo:

Ukusebenzisa imoto yakho Kangangoko kunako, ootitshala mababelane ngezithuthi.
Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza isicelo sebango leekhilomitha ezihanjiweyo. Makwenziwe uluhlu lwabakhweli.
Kuya kuhlawulwa umyinge omiselweyo we-R3,00 ngekhilomitha nganye. Akusayi kusetyenziswa umthamo wenjini.
Usetyenziso lweklabhu yelifti (ehlawulelwayo okanye eyasimahla) kwimoto Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza isicelo sebango leekhilomitha ezihanjiweyo. Makwenziwe uluhlu lwabakhweli.
Kuya kuhlawulwa umyinge omiselweyo we-R3,00 ngekhilomitha nganye. Akusayi kusetyenziswa umthamo wenjini.
Usetyenziso lwebhasi yesikolo Isikolo masifake ileta echaza ukuba kwakusetyenziswe ibhasi yesikolo ukuya kule khosi, amagama abakhweli nomgama ohanjiweyo.
Kuya kuhlawulwa umyinge omiselweyo we-R3,00 ngekhilomitha nganye. Akusayi kusetyenziswa umthamo wenjini.
Usetyenziso lomboneleli-nkonzo obhalisiweyo

Qaphela: makufumaneke imvume kwangaphambili ebhaliweyo esuka kumququzeleli weGET wesithili.

Inyathelo 1) Isikolo masifumane iikoteshini zibe ntathu phambi kokuqhubeka koqeqesho.
Inyathelo 2) Isikolo masifake ezi koteshini kumququzeleli weGET wesithili. Kuya kwamkelwa eyona koteshini ifikeleleka kakhulu.
Inyathelo 3) Umququzeleli weGET makanike inqununu isiqinisekiso esibhaliweyo sokuba inkonzo leyo ingafumaneka ngemvumelwano.
Inyathelo 4) Isikolo masilungiselele ukuqesha inkonzo leyo.
Inyathelo 5) Emva kwenkonzo ISIKOLO masihlawule umboneleli-nkonzo yaye sifumane irisithi.
Inyathelo 6) Ukwenzela ukuba isikolo senzelwe imbuyiselo yemali, isikolo eso masifake ileta kumphathi ojongene nezicelo wesithili echaza ukuba kusetyenziswe umboneleli-nkonzo kwanokudweliswa kwamagama abakhweli kunye neenkcukacha zomgama ohanjiweyo. Makuqhotyoshelwe iikoteshini, imvume yomququzeleli weGET ne-invoyisi yokugqibela ehlawuliweyo.

Onke amaxwebhu makagcinwe njengobungqina ukulungiselela umphicothi-ncwadi wangaphakathi.
I-WCED iya kwenza imbuyiselo yemali kwisikolo KUPHELA kusakuba kufumaneke amaxwebhu asayiniweyo, kuqukwa nemvume ebhaliweyo ekhutshwe kwangaphambili yomququzeleli weGET wesithili.
Ootitshala mabalungiselele ukuthutha abantu abaliqela bebathatha kwindawo efikelelekayo kumntu wonke.

Usetyenziso lwezithuthi zikawonkewonke, umz. iiteksi, ibhasi okanye uloliwe ukuhamba umgama omfutshane Izicelo zamabango mazibonise indawo apho luqala khona nalapho luphela khona uhambo.
Imbuyiselo yemali iya kwenziwa ngokwemiyinge emiselweyo.
Kunokucelwa ubungqina (amatikiti) ligosa elijongene nezicelo zamabango ukwenzela ukuba zingqinisiswe ngokusemthethweni.
Akuvumelekile ukwenza izicelo zamabango zamaxabiso eeteksi ii-metered taxis.

7. Indawo yokulala nokutya (kwizithili zasemaphandleni kuphela)
7.1 I-WCED iya kuhlawulela indawo yokulala nokutya kwizithili zasemaphandleni kuphela, phantsi kwale miqathango ilandelayo:

  • Umgama wokuya kwindawo ekuqhutyelwa kuyo uqeqesho mawudlule kwi-50 km ukuya kwicala elinye, o.k.t. mayibe yi-100 km ukuya nokubuya.
  • Abantu abayileyo kuqeqesho luphela mabangqinisiswe.
  • Ubhaliso malugqitywe kwangethuba elingaphambili.
  • Iintlobo zeendawo zokulala zibhaliwe kwingongoma 7.3.
  • Kunokukhethwa indawo ibe nye (jonga ingongoma 7.3) yaye bengasayi kwenzelwa mbuyiselo yemali ootitshala ngalo naluphi utshintsho okanye ukuba baye bafuna enye indawo yokulala.
7.2 Kuya kunikwa indawo yokulala ukususela ngomhla wokuqala ukuya kutsho kumhla wokugqibela wekhosi yoqeqesho, kukho nokukhetha ukutshekhina ngo-14:00 nango-17:00 ngosuku olwandulela ukuqala kukamasifundisane.
7.3 Ootitshala abakufaneleyo ukufumana indawo yokulala banako ukubhalisela ENYE yezi ndawo zinokukhethwa zilapha ngezantsi:

Amaziko abonelela ngenkonzo yeendwendwe umz. ibhedi nesidlo sakusasa, iindawo zeendwendwe neehotele Makusebenze le miqathango ilandelayo:

  • Kunokwenziwa isicelo sebango ukuya kutsho ku-R300 ngosuku ngalunye ukwenzela isidlo sangokuhlwa, ibhedi kunye nesidlo sakusasa.
  • I-invoyisi engelokhutshelo esuka kwiziko elo mayisanwe ngabantu ababini (countersigned) oko kusenziwa ngumenzi-sicelo ize ingeniswe kwikhosi leyo yoqeqesho.
  • Ukuhlawulwa kwezicelo ezineenkcukacha ezingaphelelanga okanye ezifike emva kwexesha azinakuqinisekiswa (not guaranteed).
Indawo yokulala yosapho/yabahlobo Makusebenze le miqathango ilandelayo:

  • Kunokwenziwa isicelo sebango ukuya kutsho ku-R130 ngosuku ngalunye ngesidlo sangokuhlwa, ibhedi kunye nesidlo sakusasa.
  • Isicelo sebango masikhatshwe yi-afidavithi efungelweyo esuka kwisizalwana/kumhlobo ochaphazelekayo, esinesignitsha yabantu ababini (countersigned) ngumenzi-sicelo yaye ingeniswe kwikhosi yoqeqesho.
Iimvumelwano zokurenta/zokuqeshisa Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Isikolo siya kuba noxanduva lokwenza amalungiselelo okulala nentlawulo (zonke iindleko zesidlo sangokuhlwa, ibhedi kunye nesidlo sakusasa) yoko.
  • Makulandelwe inkqubo esemthethweni:
  • Inyathelo 1) Isikolo masifake ileta eya kumququzeleli weGET, kwangaphambili, sicele ukusetyenziswa kweziko elirentisayo ukulungiselela iqela lootitshala. Makunikwe iinkcukacha zendawo yokulala, kuqukwa imvumelwano yokuqeshisa, kunye namagama ootitshala.
    Inyathelo 2) Umququzeleli weGET makanike imvume yokwenziwa kwala malungiselelo ngencwadi ebhaliweyo. Akukho malungiselelo anokwenziwa agqitywe ingafumanekanga le ncwadi ibhaliweyo.
    Inyathelo 3) Isikolo masihlawule yaye singenise irisithi namaxwebhu akhaphayo (okuqeshisa nokunika imvume yomququzeleli weGET) kwikhosi yoqeqesho
  • Isicelo sebango siya kuthathwa njengebhili enye, ehlawulwa kwisikolo eso.
  • Kuya kuhlawulwa isixa esiphezulu seR250 ngosuku ngalunye kutitshala ngamnye - oku kuquka iindleko zokulala, isidlo sangokuhlwa, ibhedi nesidlo sakusasa. Isixa ncakasana esibuyiselweyo siya kuthi, nakuba kunjalo, sixhomekeke kwiindleko ncakasana, ukuya kutsho ubuninzi kuma-R250 ngomntu ngamnye ngosuku. Naziphi iindleko ezingaphezulu kwesi sixa azisayi kuhlawulwa yiWCED.
  • Zonke iirisithi zokutya ezingelokhutshelo (original), amaphetshana eethili, njl. njl. makasayinwe afakwe kunye nengcaciso esisishwankathelo.
  • Sonke isicelo sebango masifakwe njengebhili enye kunye neleta enika ingcaciso (covering letter) esuka esikolweni ixhaswa ngawo onke amaxwebhu angelokhutshelo.

8. Indlela yokufaka isicelo sokwenza ibango
8.1 Bonke ootitshala abanqwenela ukufaka isikhalazo mabazalise le Fom yeeNkcukacha zeBhanki (Bank Details Form) iqhotyoshelweyo bayifake kwi-ofisi ejongene nezicelo zamabango kwindawo yoqeqesho ngosuku lokuqala. IFom yeeNkcukacha zeBhanki (Bank Details Form) mayifakwe isitampu yibhanki yaye makufakwe ifom engelokhutshelo (original) kuphela. Azisayi kwamkelwa iifeksi okanye iifotokopi. Ootitshala mabazalise le fom PHAMBI kokuba luqale uqeqesho (oko kukuthi, fika kwindawo yendibano nale fom sele izalisiwe).
8.2 Zonke izicelo zamabango mazikhatshwe ngamaxwebhu angelokhutshelo (original documentation). Azisayi kwamkelwa iifeksi okanye iifotokopi.
8.3 Abenzi bezicelo zamabango baya kuhlawulwa imbuyiselo yemali kuphela emva kokugqitywa kwekhosi yoqeqesho yaye ngoko ke kuya kufuneka bazihlawulele iindleko zabo kwasekuqaleni. Apho kuyimfuneko, kucelwa izikolo zincedise ootitshala bazo ngokuphathelele koku. Makugcinwe ubungqina beentlawulo ezenziweyo.
8.4 Iimbuyiselo zemali ziya kwenziwa kuphela emva kokuqwalaselwa ngobunono kwezicelo zamabango, yaye iWCED inelungelo lokwenza isigqibo sokugqibela apho kukho ukungangqinelani okanye ukungathotyelwa komgaqo khona.
8.5 Zonke izicelo zamabango mazifakwe kwindawo yoqeqesho apho amagosa aya kufumaneka khona ukunceda abenzi bezicelo zamabango.
8.6 Azisayi kwamkelwa izicelo zamabango ezifike emva kwexesha okanye ezineenkcukacha ezingaphelelanga, ngaphandle kokuba kukho iimeko ezixolelekayo ngokukodwa, yaye imbuyiselo yemali ayinakuqinisekiswa (not guaranteed).

9. Imibuzo

Ukuba unayo nayiphi eminye imibuzo, kucelwa ungathandabuzi ukuqhagamshelana nomququzeleli weGET wesithili:

ISithili UMququzeleli Ifoni I-imeyili Ifeksi
Metro Central Avrille Morgendal 021 514 6770 anna.morgendal@westerncape.gov.za 086 236 1892
Metro East Benjamin Crombie 021 900 7051 benjamin.crombi@westerncape.gov.za 086 664 2631
Metro North Malefo Makena 021 938 3104 malefo.makena@westerncape.gov.za 021 938 3183
Metro South Lorraine Bailey 021 370 2041 lorraine.bailey@westerncape.gov.za 021 372 1856
Cape Winelands Edgar Johannes 023 348 0605 edgar.johannes@westerncape.gov.za 086 555 0261
Eden & Central Karoo Marietjie Beukes 044 803 8394 marietjie.beukes@westerncape.gov.za 086 673 8499
Overberg James Daniels 028 214 7363 james.daniels@westerncape.gov.za 028 214 7400
West Coast Ursula Esau 021 860 1569 ursula.esau@westerncape.gov.za 086 562 3907

10. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala bamaBakala 4 ukuya ku-6 beNST ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:03:30

IsiHlomelo A: "Registration form"  (ubukhulu: 30 KB)
"BAS entity maintenance"  (ubukhulu: 27 KB)