1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) likubeke phambili ukunika uqeqesho bonke ootitshala beBakala 8 no-9 be-Life Orientation (boLwazi ngezoBomi) kuCwangciso lwaMakhondo oMsebenzi (Career Planning).

2. Uqeqesho luya kuqhubekela e-Cape Teaching and Leadership Institute (CTLI) kwithuba leentsuku ezimbini.

3. Injongo yale ngcaciso imfutshane kukwazisa bonke ootitshala boLwazi ngezoBomi (Life Orientation) beBakala 8 no-9 ukuba olu qeqesho lungentla luya kuqhubeka ngokulandelayo:

NgoMvulo, 03 Julayi – ngoLwesibini, we-04 Julayi 2017 Uqeqesho luya kuqhubeka iintsuku eziyi-2.
Lwenzeka ngala maxesha alandelayo:

  • NgoMvulo: Kuyabhaliswa ngo-08:00
  • NgoMvulo nangoLwesibini: 08:30-16:00

4. Inkqubo yokubhalisa

Kucelwa iinqununu zizalise le fom yokubhalisa iqhotyoshelweyo (isiHlomelo A) zize ziyibuyisele kuMququzeleli weGET wesithili ochaphazelekayo ngomhla okanye phambi koLwesihlanu, 12 Meyi 2017.

5. Ezohambo
5.1 Kuya kuhlawulwa isibonelelo sohambo, phantsi kwale miqathango ilandelayo:

  • Abantu abayileyo kuqeqesho luphela mabangqinisiswe.
  • Umgama uwonke ohanjiweyo kwithuba leentsuku eziyi-2 mawudlule kwi-100 km, o.k.t. ubuncinane kwi-50 km yohambo lokuya nokubuya ngosuku ngalunye.
  • Umgama uwonke ohanjiweyo kwithuba leentsuku ezi-2 mawungadluli kwi-280 km, o.k.t. ungadluli kwi-140 km yohambo lokuya nokubuya ngosuku ngalunye. Abathathi-nxaxheba abagqithisayo kulo mgama abasayi kwenzelwa mbuyiselo yemali (will not be reimbursed) ngomgama ongaphezu kwe-280 km ohanjiweyo yaye bayacetyiswa ukuba babhalisele indawo yokulala endaweni yoko.
5.2 Izicelo zamabango ohambo ziya kuhlolwa ngokwezi khrayitheriya zilandelayo:

Ukusebenzisa imoto yakho Kangangoko kunako, ootitshala mababelane ngezithuthi.
Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza isicelo sebango leekhilomitha ezihanjiweyo. Makwenziwe uluhlu lwabakhweli.
Kuya kuhlawulwa umyinge omiselweyo we-R3,00 ngekhilomitha nganye. Akusayi kusetyenziswa umthamo wenjini.
Usetyenziso lweklabhu yelifti (ehlawulwayo okanye eyasimahla) kwimoto Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza isicelo sebango leekhilomitha ezihanjiweyo. Makwenziwe uluhlu lwabakhweli.
Kuya kuhlawulwa umyinge omiselweyo we-R3,00 ngekhilomitha nganye. Akusayi kusetyenziswa umthamo wenjini.
Usetyenziso lwebhasi yesikolo Isikolo masifake ileta echaza ukuba kwakusetyenziswe ibhasi yesikolo ukuya kule khosi, amagama abakhweli kunye nomgama ohanjiweyo.
Kuya kuhlawulwa umyinge omiselweyo we-R3,00 ngekhilomitha nganye.
Akusayi kusetyenziswa umthamo wenjini.
Usetyenziso lomboneleli-nkonzo obhalisiweyo

Qaphela: makufumaneke imvume kwangaphambili ebhaliweyo esuka kumququzeleli weGET wesithili.

Inyathelo 1) Isikolo masifumane iikoteshini zibe ntathu phambi kokuba kuqhubeke uqeqesho.
Inyathelo 2) Isikolo masifake ezi koteshini kumququzeleli weGET wesithili. Kuya kwamkelwa eyona koteshini ifikeleleka kakhulu.
Inyathelo 3) Umququzeleli weGET makanike inqununu isiqinisekiso esibhaliweyo sokuba inkonzo leyo ingafumaneka ngemvumelwano.
Inyathelo 4) Isikolo masilungiselele ukuqesha inkonzo leyo.
Inyathelo 5) Emva kwenkonzo ISIKOLO masihlawule umboneleli-nkonzo yaye sifumane irisithi.
Inyathelo 6) Ukwenzela ukuba kwenziwe imbuyiselo kwisikolo, isikolo eso masifake ileta kumphathi ojongene nezicelo wesithili echaza ukuba kusetyenziswe umboneleli-nkonzo kuze kudweliswe amagama abakhweli kwaneenkcukacha zomgama ohanjiweyo. Makuqhotyoshelwe iikoteshini, imvume yomququzeleli weGET kwane-invoyisi yokugqibela ehlawuliweyo.

Onke amaxwebhu makagcinwe njengobungqina ukulungiselela umphicothi-ncwadi wangaphakathi.
I-WCED iya kubuyisela imali isikolo KUPHELA sisakuba sifumene amaxwebhu asayiniweyo, kuqukwa nemvume ebhaliweyo ekhutshwe kwangaphambili yomququzeleli weGET wesithili.
Ootitshala mabalungiselele ukukhwelisa abantu abaliqela bebathatha kwindawo efikeleleka kumntu wonke.

Usetyenziso lwezithuthi zikawonkewonke, umz. iiteksi, ibhasi okanye uloliwe ukuhamba umgama omfutshane Izicelo zamabango mazibonise indawo apho luqala khona nalapho luphela khona uhambo.
Imbuyiselo yemali iya kwenziwa ngokwemiyinge emiselweyo.
Kunokucelwa ubungqina (amatikiti) ligosa elijongene nezicelo zamabango ukwenzela ukuba zingqinisiswe ngokusemthethweni.
Akuvumelekile ukuba kwenziwe izicelo zamabango zamaxabiso eeteksi ii-metered taxis.

6. Indawo yokulala nokutya
6.1 I-WCED iya kubonelela ngendawo yokulala nokutya e-CTLI ootitshala abasuka kwizithili zasemaphandleni kuphela, phantsi kwale miqathango ilandelayo:

  • Umgama wokuya kwindawo ekuqhutyelwa kuyo uqeqesho mawudlule kwi-50 km ukuya kwicala elinye, o.k.t. ibe ngumgama we-100 km ukuya nokubuya.
  • Abantu abayileyo kuqeqesho luphela mabangqinisiswe.
  • Ubhaliso malwenziwe lugqitywe kwangethuba elingaphambili.
6.2 Kuya kufumaneka indawo yokulala ukususela ngomhla wokuqala ukuya kutsho kumhla wokugqibela wekhosi yoqeqesho, kukho nokukhetha ukutshekhina ngo-14:00 nango-17:00 ngosuku olwandulela ukuqala kukamasifundisane.

7. Indlela yokufaka isicelo sebango
7.1 Bonke ootitshala abanqwenela ukufaka isikhalazo mabazalise le Fom yeeNkcukacha zeBhanki (Bank Details Form) iqhotyoshelweyo bayifake kwi-ofisi ejongene namabango kwindawo ekuqhubekela kuyo uqeqesho ngosuku lokuqala. IFom yeeNkcukacha zeBhanki (Bank Details Form) mayifakwe isitampu yibhanki kufakwe kuphela ifom engelokhutshelo (original). Azisayi kwamkelwa iifeksi okanye iifotokopi. Ootitshala mabazalise le fom PHAMBI kokuba luqale uqeqesho (oko kukuthi, fika kwindawo yendibano nale fom seyizalisiwe).
7.2 Zonke izicelo zamabango mazikhatshwe ngamaxwebhu angelokhutshelo (original documentation). Azisayi kwamkelwa iifeksi okanye iifotokopi.
7.3 Abenzi bezicelo zamabango baya kuhlawulwa imbuyiselo yemali kuphela emva kokugqitywa kwekhosi yoqeqesho yaye, ngoko ke, kuya kufuneka ukuba bazihlawulele ngokwabo iindleko zabo kwasekuqaleni. Apho kuyimfuneko, kucelwa izikolo zincedise ootitshala bazo ngokuphathelele koku. Makugcinwe ubungqina beentlawulo ezenziweyo.
7.4 Imbuyiselo yemali iya kwenziwa kuphela emva kokuqatshelwa ngobunono kwezicelo zamabango, yaye iWCED inelungelo lokwenza isigqibo sokugqibela apho kukho ukungangqinelani okanye ukungathotyelwa komgaqo.
7.5 Zonke izicelo zamabango mazifakwe kwindawo yoqeqesho apho amagosa aya kufumaneka khona ukunceda abenzi bezicelo zamabango.
7.6 Azisayi kwamkelwa izicelo zamabango ezifike emva kwexesha okanye ezineenkcukacha ezingaphelelanga, ngaphandle kokuba kukho iimeko ezixolelekayo ngakumbi, yaye imbuyiselo yemali ayinakuqinisekiswa (not guaranteed).

8. Imibuzo

Ukuba unayo nayiphi eminye imibuzo, kucelwa ungathandabuzi ukuqhagamshelana nomququzeleli weGET wesithili:

ISithili UMququzeleli Ifoni I-imeyili Ifeksi
Metro Central Avrille Morgendal 021 514 6770 anna.morgendal@westerncape.gov.za 086 236 1892
Metro East Benjamin Crombie 021 900 7051 benjamin.crombi@westerncape.gov.za 086 664 2631
Metro North Malefo Makena 021 938 3104 malefo.makena@westerncape.gov.za 021 938 3183
Metro South Lorraine Bailey 021 370 2041 lorraine.bailey@westerncape.gov.za 021 372 1856
Cape Winelands Edgar Johannes 023 348 0605 edgar.johannes@westerncape.gov.za 086 555 0261
Eden and Central Karoo Marietjie Beukes 044 803 8394 marietjie.beukes@westerncape.gov.za 086 673 8499
Overberg James Daniels 028 214 7363 james.daniels@westerncape.gov.za 028 214 7400
West Coast Ursula Esau 021 860 1569 ursula.esau@westerncape.gov.za 086 562 3907

9. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala boLwazi ngezoBomi bamaBakala 8 no-9 ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:03:30

IsiHlomelo A: "Registration form"  (ubukhulu: 29 KB)
"BAS entity maintenance"  (ubukhulu: 27 KB)