1. ISebe leMfundo esiSiseko likazwelonke (i-DBE) libambisene ne-South African History Online, licela zonke izikolo zithathe inxaxheba kwi-2017 National Schools’ Oral History Competition for the Nkosi Albert Luthuli Young Historians’ Award.

2. Olu khuphiswano lwaqaliswa ngo-2005 yaye luyinxenye yegalelo leDBE lokwenza luqilima ukufunda nokufundisa ezeMbali ezikolweni.

3. Lukwayinxalenye yephulo leDBE eliqhubeka okokoko lokukhuthaza bonke abafundi ukuba bafumane ulwazi, kungaphelelanga nje kwimbali ephangaleleyo yaseMzantsi Afrika, kodwa, kwakhona ukwenzela ukuba bakwazi ukuqhama kweembali zabantu basekuhlaleni kwabo. Eli lithuba labafundi abaselula lokufumana amava okuphuhla kwizakhono zophando ezibalulekileyo.

4. Olu khuphiswano luvuleleke kubafundi nakootitshala beeSayensi zezeNtlalo nakwabezifundo zezeMbali kumaBakala 8 ukuya kwele-11.

5. Ukhuphiswano lwabafundi

Kuya kufuneka abafundi benze uphando yaye balungiselele inkcazo-ntetho okanye benze esinye sezi zihloko zilandelayo:

5.1 U-Oliver Tambo wayesisicaka senene sabantu ezimisele ukuqinisekisa ukuba uMzantsi Afrika uya kuba sisizwe esingenabuhlanga, esimanyeneyo, esingacaluli ngokwesini nesiphumeleleyo.

Kulindeleke abafundi benze udliwano-ndlebe nomntu owayesaya kuba litshantliziyo lomzabalazo yaye akhankanye imigqaliselo (observations) malunga nokuba ingaba iinzame zakhe (iinzame zabo) zaba nempembelelo na kuluntu lwendawo abahlala kuyo.

Ekusingatheni esi sihloko ugxininiso kufuneka lube kwibali lobomi balowo wayesaya kuba litshantliziyo lomzabalazo (kwabo babesaya kuba ngamatshantliziyo) kwindawo yasekuhlaleni yakhe.

5.2 Ngowe-23 Matshi 1987, abasebenzi bakaloliwe baye bagwayimba ukunika inkxaso ugxa wabo owafumana ukudendwa. Umbutho wabasebenzi bakaloliwe nabamazibuko i-South African Railway and Harbour Workers Union (SARHWU) bazibandakanya kolu gwayimbo (strike) ekwaye kwangenwa kuso ngumbutho wabasebenzi i-National Union of Mineworkers (NUM), ngabakwa-OK Bazaars, ngabasebenzi baseposini kwanangabasebenzi bemizi-mveliso yeemoto (autoworkers).

Abafundi kulindeleke ukuba benze udliwano-ndlebe nabo babesaya kuba ngabasebenzi ababethatha inxaxheba kugwayimbo i-South African Railway and Harbour Workers Union (SARHWU) lowe-1987 bafumane kubo malunga nendlela uqhankqalazo olwazichaphazela ngayo iimeko zomsebenzi eMzantsi Afrika ngaloo maxesha nangoku.

5.3 UNkosi Albert Luthuli wakhe wathi, "We have a vision of South Africa in which black and white shall live and work together and where there shall be neither whites nor blacks, just South Africans, free and united in diversity". ("Sinombono woMzantsi Afrika apho kungasayi kubakho bamhlophe nabamnyama, ibe ngabemi baseMzantsi Afrika, abakhululekileyo nabamanyeneyo kwiyantlukwano". Njengoko uMzantsi Afrika ukhumbula ukusweleka kukaNkosi Albert Luthuli kwiminyaka engama-50 eyadlulayo, kuhlatywa ikhwelo kubemi baseMzantsi Afrika ukuba balandele umzekelo kumoya kaNkosi Albert Luthuli ngokuphakama nangokumela umanyano ngokuchasene neengozi zobuhlanga nokwahluka-hlukana.

Abafundi kulindeleke ukuba benze udliwano-ndlebe nomntu kwindawo esekuhlaleni kwabo owayeliqhawe okanye iqhawekazi ngethuba lenkqubo yocalu-calulo yaye bafumane malunga nendlela iimbono zikaNkosi Albert Luthuli ezaye zabuchaphazela ngayo ubomi babo bonke abemi baseMzantsi Afrika.

5.4 Inkululeko, idemokhrasi kunye nembali yesikolo sabo — indlela isikolo sabo esaye sachaphazeleka ngayo yinkqubo yocalu-calulo neenguqu ezaye zenzeka ukususela kwidemokhrasi yowe-1994.

Kulindeleke ukuba umfundi enze udliwano-ndlebe nabantu basekuhlaleni kwakhe ababeyinxalenye yesikolo ngethuba lenkqubo yocalu-calulo (apartheid). Banako kwakhona ukwenza udliwano-ndlebe nabo babesaya kuba ngabafundi kunye/okanye ootitshala besikolo eso ngenjongo yokuqonda malunga nendlela isikolo esatshintsha ngayo ukususela mhla kwangena inkqubo yedemokhrasi ngowe-1994.

Ekusingatheni esi sihloko ugxininiso kufuneka lube sekutshintshweni kwesikolo.

5.5 Umbutho ongokuzingca ngebala elimnyama i-Black Consciousness Movement eMzantsi Afrika yoyanyaniswa nomlweli wayo, uSteve Bantu Biko, osesiso nangoku isithwalandwe (icon) somzabalazo owawuchasene nenkqubo yocalu-calulo (apartheid). USteve Biko wafaka ubukhalipha, ngakumbi kulutsha, bokulwa nenkqubo yentswela-bulungisa phantsi kwebhanile "ukuZingca ngeBala eliMnyama" ("Black Consciousness").

Abafundi kufuneka benze udliwano-ndlebe malunga nebali lobomi benkokeli eyayiyinxalenye yombutho i-Black Consciousness Movement ngowee-1970.

Ekusingatheni esi sihloko ugxininiso kufuneka lube kwimbali yobomi benkokeli yokuZingca ngeBala eliMnyama nendlela iimbono zombutho i-Black Consciousness Movement ezaye zakunceda ngayo ukwenziwa nokuphunyezwa koMgaqo-siseko weRiphablikhi yaseMzantsi Afrika, owaqalisa ukusebenza ngowe-1996.


6. Kucelwa uqaphele oku kulandelayo:

  • Le projekthi mayisekelwe kuphando lwezembali yomlomo.
  • Kucetyiswa ukuba abafundi nootitshala bangene kwiziko lewebhu i-South African History Online website apha: www.sahistory.org.za ukufumana ingcaciso malunga nomsebenzi wophando lwezembali yomlomo nakwiziko lewebhu i-South African History Archives apha: www.saha.org.za.
  • Abafundi kufuneka bancediswe ekukhetheni kwabo abantu ekuya kwenziwa udliwano-ndlebe nabo, bancediswe kakhulu ekubeni bakhethe abantu abasuka kwasekuhlaleni kwabo.
  • Abafundi kufuneka bacetyiswe ekwenzeni udliwano-ndlebe nabantu ubuncinane abathathu ukuya kubantu abane.
  • Abafundi mabangenise iphothifoliyo ebonisa wonke umsebenzi wophando lwabo.
7. Izinto ekufuneka zenziwe ngabafundi
7.1 Yenza ingcaciso-ntetho - ayijolise ekubeni ibe ngumdlalo-kulinganiswa okanye isihobe).
7.2 Yenza iphothifoliyo ebhaliweyo, nekufuneka ukuba iquke oku kulandelayo:

  • Ubungqina bomsebenzi wophando - abafundi kufuneka benze udliwano-ndlebe nabantu basekuhlaleni yaye babe nako ukubonisa ubungqina bodliwano-ndlebe, umzekelo:
    • iileta eziya kwabo baza kwenziwa udliwano-ndlebe;
    • iitranskripthi zodliwano-ndlebe okanye okurekhodwe ngetheyiphu; kunye
    • noluhlu lwemibuzo ebuzwe kubantu ebekusenziwa udliwano-ndlebe nabo kwaneempendulo zabo ˇV nokuba zezibhaliweyo okanye ezirekhodwe kwi-digital tape recording.
7.3 Wonke umsebenzi obhaliweyo neengcaciso-ntetho mayibe ngesiNgesi.
7.4 Iiphothifoliyo mazibonise kwakhona ubungqina bokucingisisa yaye ekwenzeni oku abafundi kufuneka:

  • bacacise gca ukuba kutheni le nto bekhethe aba bantu baye benza udliwano-ndlebe nabo;
  • babonise ukuyiqonda kakuhle imeko yezembali apho umntu wayesebenza;
  • bacacise malunga nendlela ingcaciso yodliwano-ndlebe enxulumana ngayo nemeko yezembali okanye indlela encedisa ngayo ukuqonda iziganeko ngokwembono yomntu lowo;
  • baquke imbono yabo malunga noko bakufundileyo malunga nokwakuya kwenzeka kubantu ngabanye malunga nokuzisa utshintsho eluntwini;
  • babelane ngoko bakufundileyo ngethuba bebesenza uphando lwezembali yomlomo;
  • babelane ngexabiso lophando lwezembali yomlomo ekusincedeni ukuba siyiqonde imbali yethu;
  • bachaze bonke oovimba bolwazi abasetyenzisiweyo kwiiphothifoliyo zabo;
  • bafake ibhibliyografi; yaye
  • bakhumbule ukuba kuya kohlwayelwa kanobom ukunyitywa kweembono.
8. Emakwenziwe ngootitshala
8.1 Ootitshala abasuka kwizikolo eziziisekondari abangenela ukhuphiswano kuya kufuneka benze isicwangciso somsebenzi (work plan) esimalunga nendlela abayicwangcise ngayo iprojekthi yezembali yomlomo eklasini.
8.2 Utitshala ngamnye kuya kufuneka anike ingcaciso-ntetho yephothifoliyo okanye yomsebenzi wophando lwakhe kwiphaneli yabagwebi azilungiselele ukubamba ingxoxo yephaneli.
8.3 Ootitshala kufuneka bafake ezi zinto zilandelayo kwiphothifoliyo yokhuphiswano:

  • Yaye yaziswa njani iprojekthi yezembali yomlomo eklasini.
  • Ithini inkcazo eyanikwa abafundi malunga nokukhetha nokuyokuthetha nabo kusengaqhutywa udliwano-ndlebe nabo.
  • Indlela yokulungiselela nokuqhuba udliwano-ndlebe kwanokusebenzisa udliwano-ndlebe njengobungqina bokufikelela kwizigqibo ngegalelo lomntu lowo.
  • Zeziphi iinkqubo zongenelelo ngoncedo ootitshala abazenzileyo ekuncediseni abafundi ekugqibeni le projekthi;
  • Yintoni utitshala acinga ukuba yabanceda abafundi ekwenzeni kwabo uphando ngezembali yomlomo.
  • Kufuneka kufakwe iintlobo ngeentlobo zemizekelo yomsebenzi wabafundi.
9. Inkqubo yoKhuphiswano i-Young Historians' Competition
9.1 Ootitshala kufuneka bakhethe yaye balungiselele abafundi imijikelo yokukhiqwa kwabangaphumelelanga (elimination rounds) kwizithili nakwisiganeko sephondo, baqinisekise ukuba bonke abafundi abangenele ukhuphiswano bakhona, yaye balulungele ukhuphiswano lwephondo bekwaqinisekisa ukuba kukho izithuthi eziyimfuneko ezilungiselelweyo ukuya nokubuya kukhuphiswano.
9.2 Abafundi kufuneka:

  • bagqibe ukwenza umsebenzi wophando, iikhweshine, udliwano-ndlebe neetranskripthi zabo kuselithuba kakhulu ngaphambi kokhuphiswano;
  • baqinisekise ukuba bazenzile iiphothifoliyo zabo ezibubungqina;
  • bagqibe ukuzenza iingcaciso-ntetho zabo;
  • babe nako ukuphendula nayiphi imibuzo ngeeprojekthi nomsebenzi wophando lwabo; yaye
  • babe nako ukucingisisa kwanokwabelana ngamava abo.
9.3 Kulindeleke ukuba izikolo zingenise iifom zazo zokubhalisa kubacebisi ngezifundo abachaphazelekayo kwiiSayensi zezeNtlalo nakwizifundo zezeMbali.
9.4 Kulindeleke ukuba abacebisi ngezifundo baqinisekise umgangatho (quality assure) weephothifoliyo ezibhaliweyo kwaneengcaciso-ntetho yaye baququzelele ukhuphiswano lwezithili lwemijikelo yokukhiqa abangaphumelelanga (elimination rounds). Ezi zithili ziya kukhetha abafundi babe bahlanu abaya kubamela kukhuphiswano lwephondo.
9.5 Abacebisi ngezifundo abakwizithili baya kwenza amalungiselelo oomasifundisane abongezelelweyo ootitshala nabafundi. Amaxesha neendawo ekuya kuqhubekela kuzo bonke oomasifundisane ziya kuqinisekiswa ngokudlula kubacebisi ngezekharityhulam beeSayensi zezeNtlalo nakwizifundo zezeMbali.
9.6 Inkqubo yokugweba yephondo iya kuqhubeka ngowe-19 Agasti 2017.
9.7 Iigridi zenkqubo yokugweba zootitshala nabafundi (isiHlomelo A), ifom yokunika imvume eyenzelwe abantu ekuza kwenziwa udliwano-ndlebe nabo (isiHlomelo B) kwaza kwafakwa nefom ye-apreyizali eyenzelwe abantu ekuza kwenziwa udliwano-ndlebe nabo (isiHlomelo C).
9.8 I-DBE iya kuhlawula iindleko zohambo nezokulala zabafundi nootitshala abathatha inxaxheba ngethuba lokhuphiswano lukazwelonke oluya kuqhutyelwa ePitoli ukususela nge-29 Septemba ukuya kowe-02 Oktobha 2017.
9.9 Kucelwa ufumane ishedyuli eqhotyoshelwe apha yemihla yokhuphiswano kwisiHlomelo D.

10. Iifom zokubhalisa (isiHlomelo E) mazingeniswe ungadlulanga owe-20 Apreli 2017 kubacebisi ngezifundo zeeSayensi zezeNtlalo/ngezifundo zezeMbali bezithili abachaphazelekayo abadweliswe apha ngezantsi:

Isithili Umcebisi ngesifundo Ifoni I-imeyili Ifeksi
Metro Central Dennis Cloete 021 514 6977 Daniel.Cloetel@westerncape.gov.za 086 236 1892
Metro East Silumko Mgoqi 021 900 7150 Silumko.Mgoqi@westerncape.gov.za 086 664 2631
Metro North Suezette Engel 021 938 3014 Suezette.Engel@westerncape.gov.za 021 938 3183
Metro South Rudolph Hugo 021 370 2060 Rudolph.Hugo@westerncape.gov.za 021 372 1856
West Coast Alex van Stade 021 860 1233 Alexande.VanStade@westerncape.gov.za 086 562 3907
Cape Winelands Joseph Matsau 023 348 4623 Joseph.Matsau@westerncape.gov.za 086 555 0261
Eden and Central Karoo Nomava Mapisa 044 803 8347 Nomava.Mapisa@westerncape.gov.za 086 673 8499
Overberg Jurina Auret 028 214 7338 Jurina.Auret@westerncape.gov.za 028 214 7400

11. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane ikomiti yolawulo lwesikolo nootitshala abachaphezelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:03:28

" IsiHlomeloA, B & C"  (ubukhulu: 149 KB)
IsiHlomelo D: "Project timeline"  (ubukhulu: 54 KB)
IsiHlomelo E: "Registration form"  (ubukhulu: 65 KB)