1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) likubeke phambili ukunika uqeqesho bonke ootitshala beMathematika neeLwimi beBakala 7 kule minyaka mibini izayo.

2. Uqeqesho luya kwenziwa kuzo zonke izithili ithuba leentsuku ezintlanu. Ngenxa yemeko yoqeqesho kunye nenani lootitshala abafundisa ezi zifundo, ootitshala banokukhetha ukubhalisa kwimijikelo yomibini ngokulandelayo:

  • Umjikelo 1 uya kuqala ngoJulayi 2017 ngeseshoni yoqeqesho lwabakwinkonzo (in-service session) lweentsuku ezi-5 lootitshala kuLwimi okanye kwiMathematika. Oku kuya kulandelwa yinkxaso eqhubekela kwiisekethe eyenziwa ngabacebisi ngezifundo beMathematika neeLwimi ukubethelela ulwazi lwabo lwekhontenti nokumilisela iqonga lootitshala lokwabelana ngeenkqubo zokufundisa (community of practice).
  • Umjikelo 2 uya kuqala ngoJulayi 2018. Zonke izikolo ezaye zathi kwixesha elidlulileyo zafumana uqeqesho loLwimi kuMjikelo 1, ngoku ziya kufumana uqeqesho lweMathematika kuMjikelo 2 nangenye indlela (vice versa).

Ootitshala abafundisa ezinye zezi zifundo zikhankanywe ngentla baya kuya kwiseshoni ibe nye kuphela, kanti bona ootitshala abafundisa zozibini izifundo banako ukuya kuyo yomibini iminyaka (2017 no 2018).


3. Le ngcaciso imfutshane isebenza njengesaziso esisesikweni esiya kubo bonke ootitshala beMathematika nabeeLwimi beBakala 7 sokuba olo qeqesho loMjikelo 1 luya kuqhuba ngokulandelayo:

NgoMvulo, 17 Julayi ukuya kuLwesihlanu 21 Julayi Uqeqesho luya kuqhuba iintsuku eziyi-5.
Amaxesha ami ngokulandelayo:

  • NgoMvulo: Kuyabhaliswa ngo-08:00
  • NgoMvulo ukuya ngoLwesine: 08:30-16:00
  • NgoLwesihlanu: 08:30-14:00
4. Kucelwa uqaphele ukuba uqeqesho luya kuqhubeka kwezi ndawo zifikeleleka kumntu wonke kwizithili:

ISithili Indawo Idilesi Ifoni
Metro Central Oaklands High Kwikona yeendlela i-Racecourse ne-Chukker Roads, e-Lansdowne 021 761 7302
Metro East Axios School of Skills Old Faure Road, Faure 021 904 5306/7
Metro North Elsies River High School Halt Road, Elsies River 021 932 5085
Metro South Christel House Swallowcliff Drive, Ottery 021 704 9400
Cape Winelands Worcester Gymnasium Tulbagh Street, Worcester 023 347 0426
Drakenstein PS Uys Street, Denneburg Paarl 021 872 4975
Eden and
Central Karoo
PW Botha HS Unie Street, George 044 874 4166
Bridgton SS Bergin Street, Oudtshoorn 044 274 0836
Overberg VRT Pitt PS Sonneblom Street, Swellendam 079 517 5006
Swartberg PS Koalisie Street, Caledon 028 212 1927
Zwelihle PS 9120 Sisulu Street, Zwelihle, Hermanus 074 233 3317
West Coast Olifantsvallei PS Muller Street, Citrusdal 022 921 2100

5. Inkqubo yokubhalisa

Kucelwa iinqununu zizalise le fom yokubhalisa iqhotyoshelweyo (isiHlomelo A) ziyibuyisele kuMququzeleli we-GET yesithili ngomhla okanye phambi koLwesihlanu, we-12 Meyi 2017. Nceda uqwalasele ukuba zonke izithili kufuneka zichonge izikolo ezizakuqeqeshwa. Nceda uqhagamshelane nomququzeleli i-GET yesithili sakho ngalombandela.

6. Ezohambo
6.1 I-WCED iya kuhlawula iindleko zohambo ngokwale miqathango ilandelayo:

  • Makungqinisiswe abantu abayileyo kuqeqesho luphela.
  • Umgama uwonke ohanjiweyo kwithuba leentsuku eziyi-5 mawudlule kwi-100 km, o.k.t. ubuncinane ube yi-20 km yohambo lokuya nokubuya ngosuku.
  • Umgama ohanjiweyo uwonke kwithuba leentsuku eziyi-5 mawungadluli kwi-700 km, o.k.t. ungadluli kwi-140 km yohambo lokuya nokubuya ngosuku. Abathathi-nxaxheba abagqithisayo kulo mgama abasayi kunikwa mbuyiselo ngomgama ohanjiweyo ongaphezu kwe-700 km bekwacetyiswa babhalisele indawo yokulala endaweni yoko.
6.2 Izicelo zamabango ziya kuhlolwa ngokwezi khrayitheriya zilandelayo:

Ukusebenzisa imoto yakho Kangangoko kunako, ootitshala mababelane ngesithuthi.
Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza isicelo sebango leekhilomitha ezihanjiweyo. Makwenziwe uluhlu lwabakhweli.
Kuya kuhlawulwa umyinge omiselweyo we-R3,00 ngekhilomitha. Akusayi kusetyenziswa mthamo wenjini.
Usetyenziso lweklabhu yelifti (ehlawulwayo okanye esimahla) kwimoto Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza isicelo sebango leekhilomitha ezihanjiweyo. Makubhalwe uluhlu lwabakhweli.
Kuya kuhlawulwa umyinge omiselweyo we-R3,00 ngekhilomitha nganye. Akusayi kusetyenziswa mthamo wenjini.
Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza isicelo sebango leekhilomitha ezihanjiweyo. Makubhalwe uluhlu lwabakhweli.
Makuhlawulwe umyinge omiselweyo ngekhilomitha nganye. Akusayi kusetyenziswa mthamo wenjini.
Usetyenziso lwebhasi yesikolo Isikolo masifake ileta echaza ukuba kwakusetyenziswe ibhasi yesikolo ukuya kule khosi, amagama abakhweli nomgama ohanjiweyo.
Kuya kuhlawulwa umyinge omiselweyo we-R3,00 ngekhilomitha nganye.
Akusayi kusetyenziswa mthamo wenjini.
Usetyenziso lomboneleli-nkonzo obhalisiweyo

Qaphela: makufumaneke imvume ebhaliweyo kwangaphambili kumququzeleli weGET wesithili.

Inyathelo 1) Isikolo masifumane iikoteshini zibe ntathu phambi koqeqesho.
Inyathelo 2) Isikolo masifake ezi koteshini kumququzeleli weGET wesithili. Kuya kwamkelwa eyona koteshini isezantsi ngexabiso.
Inyathelo 3) Umququzeleli weGET makanike inqununu isiqinisekiso ngokubhaliweyo sokuba inkonzo ingafumaneka ngokungena kwimvumelwano (can be contracted).
Inyathelo 4) Isikolo masenze amalungiselelo okuqesha inkonzo.
Inyathelo 5) Emva kwenkonzo ISIKOLO masihlawule umboneleli-nkonzo yaye sifumane irisithi.
Inyathelo 6) Ukwenzela ukuba sifumane imbuyiselo, isikolo masifake ileta kumphathi osingathe izicelo zamabango echaza ukuba kusetyenziswe umboneleli-nkonzo lowo kuze kudweliswe amagama abakhweli neenkcukacha zomgama ohanjiweyo. Makuqhotyoshelwe iikoteshini, imvume yomququzeleli weGET ne-invoyisi yokugqibela ehlawuliweyo.

Onke amaxwebhu makagcinwe njengobungqina bomphicothi-ncwadi wangaphakathi.
I-WCED iya kwenza imbuyiselo kwisikolo KUPHELA sisakuba isikolo eso sifumene amaxwebhu asayiniweyo, kuqukwa nemvume ngokubhaliweyo ekhutshwe kwangaphambili (prior)
yomququzeleli weGET wesithili.
Ootitshala mabalungiselele ukukhwelisa abantu abaliqela bebathatha kwindawo efikeleleka kumntu wonke.

Usetyenziso lwezithuthi zikawonkewonke, umz. iiteksi, ibhasi okanye uloliwe ukuhamba umgama omfutshane Izicelo zamabango makubhalwe kuzo indawo esisiqalo nesiphelo sohambo.
Imbuyiselo yemali iya kwenziwa kulandelwa imiyinge emiselweyo.
Kusengacelwa ubungqina (amatikiti) ligosa elisingathe izicelo zamabango ukwenzela zingqinisiswe ngokusemthethweni.
Akuvumelekile ukwenza izicelo zamabango amaxabiso eeteksi ii-metered taxis.

7. Indawo yokulala nokutya (kwizithili zasemaphandleni)
7.1 I-WCED iya kuhlawulela indawo yokulala nokutya kwizithili zasemaphandleni kuphela, phantsi kwale miqathango ilandelayo:

  • Umgama wokuya kwindawo yoqeqesho kufuneka udlule kumgama we-50 km xa usiya kwicala elinye, o.k.t. mayibe ngumgama we-100 km ukuya nokubuya.
  • Abantu abayileyo kuqeqesho lonke mabangqinisiswe.
  • Ubhaliso malwenziwe lugqitywe kwangaphambili.
  • Iintlobo zeendawo zokulala zibhaliwe kwingongoma 7.3.
  • Kunokukhethwa kuphela into ibe nye (jonga ingongoma 7.3) yaye abasayi kwenzelwa mbuyiselo ootitshala ngalo naluphi utshintsho okanye kuba befune enye indawo yokulala (alternative accommodation).
7.2 Indawo yokulala iya kufumaneka ukususela ngomhla wokuqala ukuya kumhla wokugqibela wekhosi yoqeqesho, kukho nokukhetha ukutshekhina ngo-14:00 nango-17:00 ngosuku olwandulela ukuqala kukamasifundisane.
7.3 Ootitshala abafanelekileyo ukufumana indawo yokulala banokubhalisela ENYE yezi zikhethwayo zingezantsi:

Amaziko abhalisiweyo anika inkonzo kwiindwendwe umz. ibhedi nesidlo sakusasa, izindlu zeendwendwe kunye neehotele Makusebenze le miqathango ilandelayo:

  • Kunokwenziwa isicelo sebango ukuya kutsho ku-R300 ngosuku kwisidlo sangokuhlwa, kwibhedi nakwisidlo sakusasa.
  • I-invoyisi engelokhutshelo esuka kwiziko elo mayisanwe ngabantu ababini (countersigned), umenzi-sicelo sebango zifakwe ngexa lokuqhubeka kwekhosi yoqeqesho.
  • Ayinikwa ngqiniseko intlawulo yezicelo ezineenkcukacha ezingaphelelanga okanye ezifike emva kwexesha.
Indawo yokulala yosapho/yabahlobo Makusebenze le miqathango ilandelayo:

  • Kunokwenziwa isicelo sebango ukuya kutsho ku-R130 ngosuku kwisidlo sangokuhlwa, kwibhedi nakwisidlo sakusasa.
  • Isicelo sebango masikhatshwe yi-afidavithi efungelweyo esuka kwisizalwana/kumhlobo ochaphazelekayo, esayinwe ngabantu ababini (countersigned), umenzi-sicelo sebango zifakwe ngexa lokuqhubeka kwekhosi yoqeqesho.
Iimvumelwano zokurenta/zokuqeshisa zabucala Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Isikolo siya kujongana namalungiselelo okulala kunye nentlawulo (zonke iindleko zesidlo sangokuhlwa, ibhedi nezesidlo sakusasa) yoko.
  • Makulandelwe inkqubo esemthethweni:
  • Inyathelo 1) Isikolo masifake ileta eya kumququzeleli weGET, kwangaphambili, ecela usetyenziso lweziko elirentwayo lokufaka iqela lootitshala. Makunikwe iinkcukacha zendawo yokulala, kuqukwa imvumelwano yokuqeshisa, namagama ootitshala.
    Inyathelo 2) Umququzeleli weGET makanike imvume ngokubhaliweyo. Akukho malungiselelo anokwenziwa agqitywe ngaphandle koku.
    Inyathelo 3) Isikolo masihlawule singenise irisithi kwanamaxwebhu akhaphayo (okuqeshisa kunye nemvume yomququzeleli weGET) kwikhosi yoqeqesho.
  • Isicelo sebango siya kuthathwa njengebhili enye, ehlawulwa kwisikolo eso.
  • Kuya kuhlawulwa isixa esibubuninzi obuyi-R250 ngosuku ngotitshala ngamnye - oku kuquka iindleko zokulala, ezesidlo sangokuhlwa, ezebhedi nezesidlo sakusasa. Isixa ngqo esibuyiselweyo siya kuthi, nakuba kunjalo, sixhomekeke kwiindleko ngqo, ukuya kutsho ubuninzi kwi-R250 umntu ngamnye ngosuku. Naziphi iindleko ezingaphaya kwesi sixa azisayi kuhlawulwa yiWCED.
  • Zonke iirisithi zokutya ezingelokhutshelo (original), amaphetshana asethilini, njl. njl. makafakwe nengcaciso eshwankathelayo.
  • Sonke isicelo sebango masifakwe njengebhili enye kwaneleta enika ingcaciso (covering letter) esuka esikolweni ihamba nawo onke amaxwebhu angelokhutshelo.

8. Indlela yokwenza isicelo sebango
8.1 Bonke ootitshala abanqwenela ukufaka isikhalazo mabazalise iFom yeeNkcukacha zeBhanki (Bank Details Form) iqhotyoshelweyo bayifake kwi-ofisi yamabango kwindawo yoqeqesho ngosuku lokuqala. IFom yeeNkcukacha zeBhanki mayifakwe isitampu yibhanki yaye kunokungeniswa kuphela ifom engelokhutshelo. Akusayi kwamkelwa zifeksi okanye zifotokopi. Ootitshala mabazalise le fom PHAMBI kokuba kuqalise uqeqesho (oko kukuthi, fika kwindawo yendibano uze nefom seyizalisiwe).
8.2 Zonke izicelo zamabango mazikhatshwe ngamaxwebhu angelokhutshelo. Akusayi kwamkelwa zifeksi okanye zifotokopi.
8.3 Abenzi bezicelo zamabango baya kuhlawulwa imbuyiselo kuphela emva kokugqitywa kwekhosi yoqeqesho yaye, ngoko ke, kuya kufuneka bahlawulele iindleko zabo kwasekuqaleni. Apho kuyimfuneko, kucelwa izikolo zincedise ootitshala ngokuphathelele koku. Makugcinwe ubungqina beentlawulo ezenziweyo.
8.4 Iimali zembuyiselo ziya kwenziwa kuphela emva kokuqwalaselwa ngobunono kwezicelo zamabango, yaye iWCED inelungelo lokwenza isigqibo sokugqibela apho kukho ukungangqinelani okanye ukungathotyelwa komgaqo.
8.5 Zonke izicelo zamabango mazifakwe kwindawo yoqeqesho apho amagosa aya kufumaneka khona ukwenzela ukunceda abenzi bezicelo zamabango.
8.6 Azisayi kwamkelwa izicelo zamabango ezifika emva kwexesha okanye ezineenkcukacha ezingaphelelanga, ngaphandle kokuba kukho iimeko ezixolelekayo ngakumbi, yaye akunakuqinisekiswa ngembuyiselo yemali.

9. Imibuzo

Ukuba unayo nayiphi eminye imibuzo, kucelwa ungathandabuzi ukuqhagamshelana nomququzeleli weGET wesithili:

ISithili UMququzeleli Ifoni I-imeyili Ifeksi
Metro Central Avrille Morgendal 021 514 6770 anna.morgendal@westerncape.gov.za 086 236 1892
Metro East Benjamin Crombie 021 900 7051 benjamin.crombi@westerncape.gov.za 086 664 2631
Metro North Malefo Makena 021 938 3104 malefo.makena@westerncape.gov.za 021 938 3183
Metro South Lorraine Bailey 021 370 2041 lorraine.bailey@westerncape.gov.za 021 372 1856
Cape Winelands Edgar Johannes 023 348 0605 edgar.johannes@westerncape.gov.za 086 555 0261
Eden & Central Karoo Marietjie Beukes 044 803 8394 marietjie.beukes@westerncape.gov.za 086 673 8499
Overberg James Daniels 028 214 7363 james.daniels@westerncape.gov.za 028 214 7400
West Coast Ursula Esau 021 860 1569 ursula.esau@westerncape.gov.za 086 562 3907

10. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beMathematika nabeeLwimi beBakala 7 ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:03:28

IsiHlomelo A: "Grade 7 mathematics and language training registration form"  (ubukhulu: 33 KB)