1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lisebenzisana ne-Pan South African Language Board (PanSALB), i-Centre for the Book, iYunithi yezeeLwimi yeSebe leMicimbi yeNkcubeko nezeMidlalo (Language Unit of the Department of Cultural Affairs and Sport), iiLayibrari zeSixeko seKapa nezePhondo, i-Afrikaanse Taalraad, i-Publishers' Association of South Africa (PASA) kunye ne-EDULIS liya kube libambe uKhuphiswano lokuBhala ngoBuchule kusetyenziswa iiLwimi eZininzi (Multilingual Creative Writing Competition) kwiBakala 6 kunyaka ka-2017.

2. Injongo yolu khuphiswano kukomeleza ukuBhala ngoBuchule (Creative Writing) kubafundi abaselula nokukhuthaza uthando nomdla wokwabelana ngamava ngokusebenzisa inkqubo yokubhala.

3. Nanjengoko ukuBhala ngoBuchule kuyinxalenye yokufundwayo kwiNkczelo yePolisi yeKharityhulam nokuHlola (CAPS), ootitshala mabaqaphele ukuba amanqaku afunyenweyo asuka kukhuphiswano anokusetyenziselwa i-Formal Assessment Task (FAT) yeKota 1ekwaluhlolo lwasesikolweni kuBhalo ngokuBuchule.

4. I-WCED iyathemba ukuba lo mngeni uya kuzikhuthaza iititshala zolwimi zebanga lesi-6 Ukuba zikhuthaze abanfundi ukuze bathathe inxaxheba kule nkqubo.

5. Ukhuphiswano luya kuqhutywa ngoLwimi lweeNkobe lwabafundi.

6. Iziqwengana ezibhalwayo ezigqityiweyo ziya kupapashwa kwincwadi yamabali abhalwe ngeelwimi ezininzi esihloko sithi "Ngosiba loMfundi".

7. Oomasifundisane baya kulungiselelwa ootitshala ngabaCebisi beziFundo kwizithili ngenjongo yokuxhasa izikolo ekulungiseleleni nokungenela olu khuphiswano.

8. Inkqubo yokhuphiswano
8.1 Kukho ilungelo lokukhetha phakathi kwezihloko ezibalisayo nezichazayo eziqhotyoshelwe njengeSihlomelo A.
8.2 Kulindelekile ukuba abafundi babhale idrafti kunye neziqwengana ezigqityiweyo/ amabali bawangenise ekwincwadi yokubhala eyi-A5 njengoko kuchaziwe kwiSihlomelo B phambi kokuphela kukaMatshi 2017.
8.3 Ootitshala mabakhethe ezona ziqwengana/mabali atshatsheleyo (o.k.t. libe linye kuphela) abaza kulifaka kwinqanaba lesithili.
8.4 Izikolo mazingenise idrafti kunye neso sitshatsheleyo isiqwenga/ibali zikwincwadi yokubhala eyi-A5 kuBaququzeleli be-GET abakule theyibhile ingezantsi.ngomhla we-26 Apreli 2017.
8.5 Izikolo zithumela isiqwengana somsebenzi obhalwa ngobuchule okhethiweyo walowo utshatsheleyo kuloo misebenzi (o.k.t. lbe linye kuphela) kulwimi ngalunye kuMququzeleli weGET. Kucelwa uqwalasele uluhlu lwaBaququzeleli be-GET abakule theyibhile ingezantsi.
8.6 Ikomiti yokukhetha yesithili iya kwenza uluhlu olufutshane lweziqwengana ezibhalwa ngobuchule ezizezona zigqwesileyo ize izithumele kwiKomiti ejongene nezokuBhala ngoBuchule yePhondo (Provincial Creative Writing Committee) eya kukhetha amabali alishumi agqwesileyo, o.k.t. ma-3 kwiqela lolwimi ngalunye kuqukwa eli-1 leSisuthu.
8.7 Zonke izikolo ezithatha inxaxheba ziya kufumana ikopi yencwadi yamabali abhalwe ngeelwimi ezininzi.
8.8 Abafundi beziqwengana zokubhalwayo eziphumeleleyo baya kubuyekezwa ngezipho kumsitho wePhondo oya kubanjwa ngoSeptemba 2017.

9. Kucelwa ukuba ufumane ishedyuli eqhotyoshelweyo apha yemihla yokhuphiswano njengeSihlomelo C.

10. Kucelwa iinqununu zibhalise izikolo zazo kwangexesha njengoko oku kuya kunika isikhokelo sokunceda kumalungiselelo okhuphiswano.

11. Ifom yokubhalisa (isiHlomelo D) mayingeniswe ngoLwesibini nge- 03 Matshi 2017 ungadlulanga kuMququzeleli we-GET ochaphazelekayo odweliswe kule theyibhile ingezantsi:

Isithili Umququzeleli Ifoni I-imeyili Ifeksi
Metro Central Avrille Morgendal 021 514 6770 Anna.Morgendal@westerncape.gov.za 086 236 1892
Metro North Malefo Makena 021 938 3104 Malefo.Makena@westerncape.gov.za 021 938 3183
Metro East Benjamin Crombie 021 900 7051 Benjamin.Crombi@westerncape.gov.za 086 664 2631
West Coast Ursula Esau 021 860 1569 Ursula.Esau@westerncape.gov.za 086 562 3907
Cape Winelands Edgar Johannes 023 348 0605 Edgar.Johannes@westerncape.gov.za 086 555 0261
Eden & Central Karoo Marietjie Beukes 044 803 8316 Marietjie.Beukes@westerncape.gov.za 086 673 8499
Metro South Lorraine Bailey 021 370 2041 Lorraine.Bailey@westerncape.gov.za 021 372 1856
Overberg James Daniels 028 214 7363 James.Daniels@westerncape.gov.za 028 214 7400

12. Kucelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:02:14

Isihlomelo A: "Topics"  (ubukhulu: 63 KB)
Isihlomelo B: "Criteria"  (ubukhulu: 257 KB)
Isihlomelo C: "Schedule of the competition dates"  (ubukhulu: 56 KB)
Isihlomelo D: "Registration form"  (ubukhulu: 49 KB)