1. Ngo-2013 iSebe leMfundo esiSiseko (iSebe iDBE) lapapasha izicwangciso zokomeleza ukufundiswa kweelwimi zesiNtu zaseburhulumenteni ebezisingelwa phantsi ngethuba langaphambili ngokuqaliswa komgaqo-nkqubo oyidrafti obizwa Incremental Introduction of African Languages (IIAL) draft policy.

2. Umgaqo-nkqubo we-IIAL yiprogram ebaluleke gqitha enenjongo yokuphucula ubumbano nentsebenziswano ngokwasentlalweni. Ukwajolise ekuphuculeni nasekuphuhliseni iilwimi zesiNtu zaseburhulumenteni ezazisingelwa phantsi ngaphambili njengoko oku kwamkelekile kwimigaqo yoMgaqo-siseko nakwisiCwangciso soPhuhliso sikaZwelonke (National Development Plan).

3. Ngoko ke, injongo yomgaqo-nkqubo we-IIAL kukuqalisa ulwimi lwesiNtu obelukade lusingelwe phantsi kwixa elingaphambili kuzo zonke izikolo ezingalufundisiyo naluphi na ulwimi lwesiNtu obelukade lusingelwa phantsi kwixa elingaphambili. Kulindeleke ukuba onke amasebe emfundo amaphondo ayiphumeze le njongo kuzo zonke izikolo kumaphondo engadlulanga u-2020.

4. Ngo-2014 ukuya ku-2016 iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) lawuphumeza umgaqo-nkqubo we-IIAL (isiXhosa njengolwimi lwesithathu) ngokuyimpumelelo kwizikolo eziyi-10 ezazingalufundisi ulwimi lwaseburhulumenteni olwalusingelwe phantsi ngaphambili. Nakuba kunjalo, iSebe iWCED kusafuneka liwuphumeze lo mgaqo-nkqubo we-IIAL kwizikolo ezimalunga ne-900 engadlulanga u-2020.

5. Ngenxa yezithintelo zebhajethi zangoku, iSebe iWCED lisakhangela iindlela ezintsha zokunika inkxaso ukuphunyezwa komgaqo-nkqubo we-IIAL nokufezekisa iinjongo zokuphunyezwa kwawo kuzo zonke izikolo engadlulanga u-2020.

6. Esi saziso ke ngoko sesokumema zonke izikolo (ezingasifundisiyo ngoku isiXhosa uLwimi lweSibini oloNgezelweyo (Xhosa SAL) ukuqala kwiBakala 1 nezikolo ezisifundisayo ngoku isiXhosa njengesifundo esenziwa emva kwezifundo ezimiselweyo (extramural subject) nezivumayo ukuwuphumeza lo mgaqo-nkqubo ukuba zizalise le fom iqhotyoshelweyo zize ziyibuyisele apha nontsikelelo.nyamza@westerncape.gov.za ungadlulanga owe-20 Februwari 2017. Enye imbalelwano malunga nokuza kuqhubeka emva koku, iya kuthunyelwa kwezi zikolo phambi kokuphela kwekota yokuqala yesikolo.

7. Izikolo ezivolontiyela ukuwuphumeza lo mgaqo-nkqubo we-IIAL ngeendleko zazo kuya kufuneka ukuba:

  • zibonelele ngotitshala onako ukuthetha nokufundisa isiXhosa; kunye
  • nokuba ziqhubeke zifundisa isiXhosa uLwimi lweSibini oloNgezelweyo (isiXhosa SAL) kwiBakala 1 emva ko-2017 yaye zisiqalise ngokongeza ngokwezigaba esi sifundo kunyaka ngamnye ukuya kwibakala elilandelayo yaye zivume nokuba yandiswe ithayimthebhile kwiBakala 1 ngemizuzu eyi-30 ngosuku.
8. ISebe iWCED liya kubonelela izikolo ngoku kulandelayo:

  • izicwangciso zezifundo (lesson plans) zeBakala 1 neencwadi zabafundi;
  • uqeqesho lootitshala nokwenza izicwangciso kwinyanga kaFebruwari; kunye
  • nokunikwa inkxaso kukatitshala we-IIAL ngokuqhubekekayo.
9. Kucelwa niqaphele ukuba i-IIAL iya kuphunyezwa ngokusesikweni kwikota yesibini kuphela yaye akukho nkxaso-mali okanye zibonelelo zokufunda zongezelelweyo ziya kubonelelwa liSebe iWCED.

10. Uyacelwa uyibhekise kuNks Ntsiki Nyamza yonke imibuzo kule nombolo yefoni: 021 467 9268 okanye kule imeyili apha nontsikelelo.nyamza@westerncape.gov.za.

11. Iya kuthakazelelwa inkxaso yenu kulo mgaqo-nkqubo ubalulekileyo uzisa iinguqu.

12. Ziyacelwa iinqununu ukuba zixoxe ngale ngcaciso imfutshane nabasebenzi abachaphazelakayo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:01:20

"2017 IIAL Reply slip"  (ubukhulu: 52 KB)