1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) lenza isixhobo sovavanyo i-Diagnostic Assessment Tool seBakala 8 nesaqaliswa ukusetyenziswa ezikolweni ngo-2016 kuLwimi, kwiMathematika nakwi-Natural Sciences.

2. Iziphumo zolu vavanyo aziyi kuvala sikhewu kwiqela elithile labafundi abaphumelela iMathematika ne-Natural Sciences kwiBakala 9, koko kuya kubakho ukwanda kwenani labafundi abafunda ezi zifundo kwiCandelo le-Further Education and Training (FET) Band.

3. Ngenxa yoku, zonke izikolo eziphakamileyo zakuqeqeshelwa ukusisebenzisa esi sixhobo siyi-Diagnostic Assessment Tool (i-Version 5.1) ngabacebisi bezifundo ngo-2015 yaye zafumana ne-CD ene-Diagnostic Assessment Tool, amaxwebhu ii-recording sheets kwakunye nevidiyo yemiyalelo yokusetyenziswa kwesixhobo (instructional video).

4. Le ngcaciso imfutshane yenzelwe ukuyalela izikolo ukuba zenze amalungiselelo ovavanyo lolwazi lomfundi (diagnostic assessment) kubafundi beBakala 8 ngo-2018. Imihla ecetyiswayo yile-24, 25 no-we-26 Januwari 2018.

5. Inkqubo yokuqalisa oku ecetywayo yile ilandelayo:

  • Bonke abafundi beBakala 8 babhala iimvavanyo ezintathu zeyure enye ukususela ngomhla wama- 24 – 26 ngoJanuwari 2018.
  • Ootitshala bagqiba ukumakisha iimvavanyo ungadlulanga umhla wama-30 Januwari 2018.
  • Izikolo zifaka iziphumo kwikhompyutha (capture results electronically) kwi-excel spreadsheets (i-version entsha) ingadlulanga iveki yesibini kaFebruwari 2018.
  • Izikolo zithumela nge-imeyili ii-summary spreadsheets nezicwangciso zongenelelo ngoncedo kwii-ofisi zezithili ngomhla wama-23 kuFebruwari 2018 ukwenzela ukuhlalutywa kweziphumo zizithili.
  • Ii-ofisi zezithili ziqulunqa zize zihlalutye idatha nezicwangciso zongenelelo ngoncedo zize zizigqithisele kwaNdlunkulu ungadlulanga umhla we-09 Matshi 2018.
6. Iimbono ezongezelelweyo zokunika inkxaso abafundi kuLwimi, kwiMathematika nakwi-Natural Sciences:
Izikolo zinokusebenzisa ezinye iindlela zongenelelo ngoncedo ukunika inkxaso abafundi beBakala 8 abangaqhubi kakuhle ezifana nokuba zibe ngamahlakani namashishini engingqi ukunika inkxaso isikolo ngezi ndlela zilandelayo:

  • Ukufundiswa kwezi zifundo kusetyenziswa abanye ootitshala abancendisayo (tutors), abafundi kunye/okanye ootitshala abadla umhlala-phantsi ukulungiselela iiklasi zangeMigqibelo, zasemva kwemini neezeholide (o.k.t. isikolo sasebusika nesentwasahlobo).
  • Ukuqhuba iiklasi ezongezelelweyo ezingaphezulu ezihlawulelwa ngabazali.
  • Ukuhlanganisa iinzame ezenziwa zizikolo nokwabelana kwazo ngezibonelelo.
  • Ukwahlula abafundi babe ngamaqela ngesifundo ngasinye ngokwezakhono zeqela ngalinye.
  • Ukusebenzisa indlela "ekukubakhupha" ("pull-out" method) abafundi, oko kukuthi ukubakhupha kwiklasi enabafundi abanezakhono ezixubeneyo (mixed ability class) ukubasa kwiklasi yephiriyodi yesifundo esithile apho utitshala aya kubafundisa ngokweemfuno nezakhono zabo, ukuze emva koko babuyele kwiklasi yabo ababhaliswe kuyo.
7. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) likwiphulo lokubhalisa ezi mvavanyo ngezixhobo zeekhompyutha (digitise). Inkqubo yolu hlobo lokubhala ezi mvavanyo iya kuthunyelwa ngexesha elifanelekileyo.

8. Ziyacelwa iinqununu ziqinisekise ukuba oku kule ngcaciso imfutshane kuya kugqithiselwa kubo bonke ootitshala nakumalungu esikolo afanele ukuyifumana.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE OBAMBELEYO WEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2018:01:09