1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) lilungise ezi ncwadana, Transition from Grade 9 to Grade 10: Tips for Success, ukulungiselela umfundi ngamnye wabafundi beBakala 9 baseNtshona Koloni ukubanceda ekukhetheni izifundo zabo kwiBakala 10. Le ncwadana inika iingcebiso ngokufunda, ngeemviwo, ngokuphumelela, ngokumisela iinjongo zakho nenye ingcaciso eluncedo.
2. Ezi ncwadana ziya kusiwa ngamagosa ezithili kuzo zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ezinabafundi beBakala 9.
3. Ezi ncwadana mazinikwe umfundi ngamnye weBakala 9 zisakuba nje zifumanekile.
4. Ukuba kuthe kanti inani leencwadana ezisiwe esikolweni alichanekanga, kucelwa uqhagamshelane ne-ofisi yesithili sakho. Iincwadana ezingaphezu kwemfuneko mazibuyiselwe kwi-ofisi yesithili.
5. Ukwenzela ukuba ezi ncwadana zibe nesiphumo esinqwenelekayo sokuncedisa abafundi ekukhetheni izifundo zabo nasekulungiseleleni iimviwo, kucetyiswa ngamandla ukuba ootitshala baxoxe ngokuqulethwe yile ncwadana neeklasi zabo zeBakala 9 kwaye bakhuthaze abafundi ukuba bayifunde kwaye bayisebenzise le ncwadana.
6. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:01:09