ISALANTHISO: | 20161213-6989 12/2/11/6/4 |
 | IMIBUZO: | SMM Rampou | IFONI: | 021 467 2237 | IFEKSI: | 086 205 1450 |
INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LEKHARITYHULAM YEGET: DCG 0001/2017 |
IYA: | KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZEKHARITYHULAM, KUBAPHATHI BEESEKETHE, KUMASEKELA EENGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KUBAQUQUZELELI BEFET NABEGET, KUBACEBISI NGEZIFUNDO NAKWIINQUNUNU ZAZO ZONKE IZIKOLO ZIKARHULUMENTE EZIQHELEKILEYO NEZIZIMELEYO EZINEEKLASI ZAMABAKALA 4–9 |
| ISICELO SOKUBHALISA ABAFUNDI BAMABAKALA 4–9 KWI-NATURAL SCIENCE OLYMPIAD KA-2017 |
1. |
I-National Natural Science Olympiad yiprojekthi exhaswa ngemali yi-South African Agency for Science and Technology Advancement (SAASTA). Injongo yale Olimpiyadi:
- kukudala umdla wesayensi kubafundi nokubakhuthaza ukuba benze izifundo zesayensi kwiSigaba seMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (Further Education and Training Phase (FET));
- kukuqaphela abafundi beeSayensi zeNdalo abaziintshatsheli kuzwelonke;
- kukuxhasa ootitshala beeSayensi zeNdalo nasekuphuculeni indlela abafundisa ngayo eklasini; kunye
- nokuqaphela italente efumaneka kubafundi beeSayensi zeNdalo.
|
2. |
I-Olimpiyadi luviwo oluhlupheza ingqondo (stimulating activity) olufuna abathathinxaxheba babonise ukuqiqa (critical thinking), ukukwazi ukusombulula iingxaki (problem-solving abilities), ingqondo yokukwazi ukuvelisa izinto ezintsha kwanesiphiwo sokuyila (innovativeness and creativity). Le nkqubo ixhasa isicwangciso i-Western Cape Education Department's (WCED) strategy for Mathematics and Physical Science. Kukho amabhaso angayiwayo aya kuphunyelelwa ngabo bafundi baziintshatsheli kwi-Olimpiyadi. |
3. |
Impumelelo engumndilili yephondo kumaBakala 4 ukuya ku-6 inyuke ukusuka ku40,5% ngo2015 yaza yangu-42% ngo2016. Ukanti kumaBakala 7 ukuya ku-9 inyuke ukusuka ku40,5% ukuya ku43,3% ku2016. |
4. |
La mabhaso alandelayo aye anikwa abaphumeleleyo eNtshona Koloni kwinqanaba likazwelonke (national category):
Igama lesikolo |
Ii-inishiyali nefani yomfundi |
Ibakala |
Abafundi abawongwayo |
Indawo akuyo umfundi kuzwelonke |
% |
Ibhaso |
Kristenhof Primary |
D Sumeruk (76%) |
7 |
Ngumfundi oyintshatsheli kwiBakala 7 |
1 |
76 |
Ithablethi |
Parklands College |
RS Sparg (81%) |
8 |
Ngumfundi oyintshatsheli weBakala 8 |
2 |
81 |
Ithablethi |
|
5. |
I-Olimpiyadi luviwo olukhethisayo (multiple-choice questions) olubhalwe ngesiNgesi kuphela. Lwahlulwa-hlulwe lwangamacandelo amabini, o.k.t. iSigaba seSiseko neSigaba esiPhakamileyo. Luya kubhalwa kuphela ngo-09:00 ukuya kutsho ku-12:00 ngoLwesine, nge-11 Meyi 2017. Umhla wokuvala ukubhalisela uviwo eNtshona Koloni nguLwesibini, we-28 Februwari 2017. |
6. |
I-WCED izimema zonke izikolo kwakhona ukuba zithathe inxaxheba kwiOlimpiyadi ka2017. Kucelwa izikolo zizalise yaye zisayine ezi fom zobhaliso ziqhotyoshelweyo (iziHlomelo A no-B) zizibuyisele kweyona ofisi yesithili ikufutshane okanye kwiziko lesayensi elidweliswe kwisiHlomelo C. Makuqinisekiswe ukuba ikopi yerisithi yentlawulo iqhotyoshelwe kwifom yobhaliso. Zonke iifom zobhaliso eziqhotyoshelweyo mazifike kwii-ofisi zezithili ezahlukeneyo kunye/okanye kumaziko esayensi engadlulanga u-14:00 ngoMvulo, we-27 Februwari 2017. |
7. |
Intlawulo yokuthatha inxaxheba kwi-Olimpiyadi yi-R10.00 ngomfundi ngamnye. Le mali mayidiphozithwe ngqo kwi-akhawunti yebhanki ye-SAASTA. Iinkcukacha zebhanki zibhaliwe kwifom yamangeno. Akukho mqathango umiselweyo omalunga nenani labafundi abanokungenela olu viwo. |
8. |
I-WCED iya kuhlawulela amangeno abafundi abakwizikolo ezingayihlawuliyo imali yokufunda kunye nezo zeMathematika, iSayensi neThekhinoloji (Mathematics, Science and Technology)MST. Zonke ezi zikolo mazithumele amangeno abafundi bazo kuSuanne Rampou ungadlulanga uMvulo we-27 kaFebruwari 2017 ngentsimbi yesi-15 :00. Izikolo zinako ukuskena ziwathumele nge-imeyili amangeno azo ku-: Suanne.Rampou@westerncape.gov.za okanye ziwathumele ngefeksi ku-086 205 1450. |
9. |
Kucelwa izikolo zikugcine ukuthembeka (integrity) kwe-Olimpiyadi ngokubagada ngenyameko abaviwa xa bebhala. Siya kukhutshwa ngaphandle kwengxoxo isikolo esiye sachaphazeleka kwisitenxo (an irregularity). |
ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:01:17
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano Employment and salary queries: 0861 92 33 22 Safe Schools: 0800 45 46 47

|
 |