Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe

ISALANTHISO:  20171205-7620
12/3/14
IMIBUZO:   R Leukes    IFONI:   021 467 2962  IFEKSI:   021 467 9369

INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LEKHARITYHULAM YEGET:  DCG 0019/2017


IYA:   

KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI, KWIINTLOKO ZOKUNIKA INKXASO KWIKHARITYHULAM, KUBAPHATHI BEESEKETHE, KUMASEKELA EENGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KUBACEBISI BEZIFUNDO, NAKUZO ZONKE IINQUNUNU ZEZIKOLO ZIKARHULUMENTE EZIQHELEKILEYO, EZEZIKOLO ZEMFUNDO ENEEMFUNO EZIZODWA NEZEZIKOLO EZIZIMELEYO EZINEBAKALA R


 

ELONA NANI LIPHEZULU LABAFUNDI KWIKLASI YEBAKALA R NGANYE


1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lizibophelele ekuqinisekiseni ukuba kufikelela wonke umntwana kwiBakala R.
2. ISetyhula 0037/2017 yanika izikolo ingcaciso emalunga nokufumana ileta yesabelo-mali seMimiselo neMigangatho kwiCEMIS, engenkxaso-mali yeBakala R ngomfundi ngamnye ngo-2018, engenkqubo yokwenza amabango nemihla yokungeniswa kwanokusetyenziswa kwenkxaso-mali yeBakala R.
3. Injongo yale ngcaciso imfutshane kukukhumbuza zonke izikolo ngeSetyhula 0010/2014 yeBakala R yomhla we-25 Matshi 2014 (eqhotyoshelweyo B), nekucaciswe oku kuyo kumhlathi 8: "Isayizi yeklasi enabafundi abangaphezu ko-30 inefuthe elibi elithi lichaphazele umgangatho wemfundo kwiklasi yeBakala R. Ziyakhunjuzwa izikolo ukuba elona nani liphezulu labafundi beBakala R livumelekileyo ngeklasi nganye ngu-30. Umlinganiselo wenani kaTitshala noMfundi = 1:30."
4. Izikolo ezibhalisa ngaphezu kwabafundi abayi-30 ngeklasi yeBakala R nganye, ziya kuba zophula uMgaqo 9(2)(a) we-Migaqo Regulations Relating to Minimum Uniform Norms and Standards for Public School Infrastructure, eyapapashwa kwiGazethi kaRhulumente No. 37081 ye-29 Novemba 2013
5. Okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane makwaziswe bonke abachaphazelekayo kwimfundo yeBakala R kwisikolo sikarhulumente esiqhelekileyo, kwizikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa nakwizikolo ezizimeleyo zeMfundo noPhuhliso lwaBantwana aBasaqalayo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2017:12:15


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano
Employment and salary queries: 0861 92 33 22
Safe Schools: 0800 45 46 47


La maxwebhu alandelayo abhekisele kule kwingcaciso.
Sebenzisa i-Adobe Acrobat ReaderĀ® ukuwafunda okanye ukuwaprinta.
Klikha kwisihloko esingezantsi:  uxwebu luya kuvula i-Acrobat ReaderĀ® apho unokugcina okanye uprinte ikopi.
Ukubuyela kule kwingcaciso, klikha kwi logo ye-WCED Online ephezulu kwesi sikrini.
"Annexure B"  (ubukhulu: 79 KB)
Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe