ISALANTHISO: | 20171122-7238 12/2/2/3/38 |
 | IMIBUZO: | G van Wyk | IFONI: | 021 467 2236 | IFEKSI: | 021 467 9369 |
INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LEKHARITYHULAM YEGET: DCG 0018/2017 |
IYA: | KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI, KWIINTLOKO ZECANDELO LOKUNIKA INKXASO KWIKHARIITYHULAM, KUBAPHATHI BEESEKETHE, KUMASEKELA EENGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KUBAQUQUZELELI BESIGABA SESISEKO, KUBACEBISI BEZIFUNDO BESIGABA SESISEKO, KWIINQUNUNU ZEZIKOLO ZIKARHULUMENTE NEZEZIKOLO EZIZIMELEYO EZIKHETHIWEYO |
| IPROGRAM YOKUQALISWA NGOKUMANA KUSONGEZWA NGOKWAMABAKALA IILWIMI ZESINTU (INCREMENTAL INTRODUCTION OF AFRICAN LANGUAGES (IIAL)) NGO-2018 |
1. |
Le ngcaciso imfutshane ilandela iNgcaciso eMfutshane yeKharityhulam 0012/2017, eyakhutshwa nge-12 Julayi 2017, apho kwakucelwa izikolo esingazifundisiyo isiXhosa uLwimi lwesiBini oLongezelelweyo kwiSigaba seSiseko (FP) nezikolo ezisifundisayo isiXhosa njengesifundo esenziwa emva kwezifundo ezimiselweyo, ukuba ziyiqalise ngokuzithandela iprogram ye-IIAL kwiBakala 1 ukususela ngo-2018 ngokusebenzisa ootitshala besiNgesi/besi-Afrikansi, bexhaswa ngezibonelelo ezixhasa ukufunda nokufundisa ezizidijithali ezicacileyo nezinengcaciso ebanzi (detailed and clear digital learning and teaching support material (LTSM)). |
2. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni (ISebe iWCED) linochulumanco ngokuqaphela ukuba zimalunga ne-236 izikolo eziphendulileyo kwesi simemo singentla, nezazikho kwiiMbizo ze-IIAL nezakuchazayo ukuzimisela kwazo kule program ukususela kwiKota 2 ka-2018. Ilisti yezikolo iqhotyoshelwe (kwisiHlomelo A). |
3. |
ISebe iWCED kungokunje lisingethe inkqubo yokuthenga iiLTSM edijithali (digital LTSM) ukunika inkxaso ootitshala beBakala 1 njengesibonelelo esongezelelweyo kwi-Toolkits zeSebe leMfundo esiSiseko eziya kubonelelwa. |
4. |
Ukwenzela ukulungiselela ootitshala beBakala 1 xa beqalisa le program kwiKota 2 ka-2018, iSebe iWCED liya kubonelela ngoomasifundisane phambi kokuqala kweKota 2. Bonke ootitshala beBakala 1 neentloko zezifundo, bamele ukuya kumasifundisane opheleleyo noya kuba ziintsuku ezimbini ezizeleyo neeseshoni zezikolo ezisebenzisanayo zeeyure ezimbini. |
5. |
Le mihla ilandelayo icwangciselwe uqeqesho lootitshala:
Isithili |
Uqeqesho lweentsuku ezi-2 |
Iiseshoni zeeyure ezi-2 |
Metro North |
17 & 24 Matshi 2018 |
23 Matshi 2018 |
Metro Central |
17 & 24 Matshi 2018 |
27 Matshi 2018 |
Metro South |
17 & 24 Matshi 2018 |
20 Matshi 2018 |
Metro East |
17 & 24 Matshi 2018 |
19 & 20 Matshi 2018 |
West Coast |
17 & 24 Matshi 2018 |
28 Matshi 2018 |
Cape Winelands |
17 & 24 Matshi 2018 |
26 Matshi 2018 |
Overberg |
17 & 24 Matshi 2018 |
27 Matshi 2018 |
Eden and Central Karoo |
04 & 05 Apreli 2018 |
06 Apreli 2018 |
|
6. |
Ii-ofisi zezithili ziya kwazisa izikolo ezikuluhlu (kwisiHlomelo A) ngeenkcukacha ezithe ngqo zendawo nangeprogram engaphelanga uFebhuwari 2018. |
7. |
Ziyacelwa iinqununu ukuba zizalise isiliphu sempendulo (isiHlomelo B) ngokuzalisa iinkcukacha zabameli. Masibuyiselwe isiHlomelo yakuzaliswa le ngcaciso kumququzeleli wesithili wesigaba sesiseko ochaphazelekayo ungadlulanga owe-26 Januwari 2018. |
8. |
Ukuba unayo nayiphi na imibuzo, qhagamshelana nomququzeleli wesigaba sesiseko ochaphazelekayo kwi-ofisi yesithili. Iinkcukacha zala magosa zikule theyibhili ingezantsi:
|
9. |
Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane kubo bonke ootitshala beBakala 1 abachaphazelekayo neekomiti zolawulo zezikolo zabo ukuze zikuthathele ingqalelo. |
10. |
Iya kuthakazelelwa ngokukhulu inkxaso yenu kule program ibaluleke kangaka iz neenguqu. |
ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
ISEKELA MLAWULI-JIKELELE LOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:12:06
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano Employment and salary queries: 0861 92 33 22 Safe Schools: 0800 45 46 47

|
 |