ISALANTHISO: | 20170822-4153 12/2/8/1 |
 | IMIBUZO: | L Ngondo P Smit | IFONI: | 021 467 2588/2244 | IFEKSI: | 0086 241 7576 |
INGCACISO EMFUTSHANE YEKHARITYHULAM YEGET: DCG 0017/2017 |
IYA: | KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI, KUMASEKELA-BALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI ZEMFUNDO), KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZEKHARITYHULAM, KWIINTLOKO ZECANDELO LENKXASO EKUFUNDENI, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZE-IMG, KUBAPHATI BEEKOMIT ZEESEKETHE, KWIINGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KUMASEKELA EENGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO NAKWIINQUNUNU ZEZIKOLO EZIZIPRIMARI NEZIZIISEKONDARI |
| ULUHLU LWEENCWADI EZIMISELWEYO ZOKUFUNDA UNCWADI ZAMABAKALA 7 – 9 NGO-2018 |
1. |
NgokweNkcazo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assesssment Policy (CAPS)) weeLwimi kwiSigaba esiPhakamileyo (amabakala 7-9), abafundi kufuneka benze "ukufunda okuqingqiweyo kweetekisi zokufunda" ("formal study of literary texts"), kubandakanywa amabalana amafutshane, iinoveli, isihobe nedrama. |
3. |
Kucetyiswa izikolo ke ngoko ukuba zijonge iNgcaciso eMfutshane yeCandelo lokuXhasa Amaziko Ngezibonelelo: 0005/2013 phambi kokuba zisebenzise uluhlu loncwadi lokugqibela luka-2018 ukuthenga uncwadi. |
4. |
Izikolo maziqaphele ukuba injongo yolu luhlu kukunceda ootitshala beelwimi bamaBakala 7 – 9 ekukhetheni iitekisi zokufunda. Iitekisi zokufunda ezininzi zibandakanya imibuzo, ukwenza izicelo (applications) namanqaku aziingongoma eziphambili (notes) ukunika inkxaso abafundi. Malunga nezihloko ezithile kukho uncedo olufumanekayo kwi-intanethi. http://education.slims.gov.za
|
ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
ISEKELA MLAWULI-JIKELELE LOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:10:20
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano Employment and salary queries: 0861 92 33 22 Safe Schools: 0800 45 46 47

|
 |