1. ISebe leMfundo esiSiseko likazwelonke (i-DBE) lisungule inkqubo yamaBakala aBasaqalayo yoVavanyo lokuFunda (Early Grade Reading Assessment) (EGRA) ngo-2015 ukuphucula ukuFunda noVavanyo lokuQonda (reading and comprehension) kwiSigaba seSiseko. Olu vavanyo luqhutywa ngutitshala weklasi yaye linenjongo yokuqonda iingxaki zokufunda zabafundi (diagnostic purpose). Malungasetyenziselwa injongo yokupasa nokugqithela kwabafundi kwibakala elilandelayo (progression and promotion of learners).
2. Ngo-2015 kuqaliswe inkqubo ye-EGRA liSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) kwizikolo eziyi-96 (kwiSigaba 1). Le nkqubo inatyisiwe kwakhona ngo-2016 ukuya kufikelela kwizikolo eziyi-103 (kwiSigaba 2).
3. ISigaba 3 sale nkqubo siya kuqaliswa ngo-2018.
4. Le ngcaciso imfutshane inenjongo yokwazisa izikolo ezazipase nganeno ko-60% kuvavanyo lwenkqubo yemfundo lweBakala 3 loLwimi, yokuba ziya kubandakanywa kwiSigaba 3 sale nkqubo.
5. Uqeqesho lwe-EGRA lwezikolo zeSigaba 3 luya kuqhubeka ngo-Oktobha 2017.
6. Ixesha eliya kuthathwa lolu qeqesho liya kuba ziiyure ezintathu. Intloko yezifundo kunye ubuncinane notitshala omnye, kufuneka baye kuqeqesho olo. Nakuba kunjalo, izithili zinako ukubandakanya ootitshala abaninzi.
7. Amagosa esithili aya kuchaza ngembalelwano imihla neendawo ekuya kuqhubekela kuzo uqeqesho kwangethuba.
8. Ukufumana nayiphi na enye ingcaciso kucelwa uqhagamshelane nomququzeleli weGET ochaphazelekayo.

ISithili Umququzeleli Ifoni I-imeyili Ifeksi
Metro Central Avrille Morgendal 021 514 6770 anna.morgendal@westerncape.gov.za 086 236 1892
Metro East Benjamin Crombi 021 900 7051 benjamin.crombi@westerncape.gov.za 086 556 9519
Metro North Malefo Makena 021 938 3104 malefo.makena@westerncape.gov.za 086 628 6008
Metro South Lorraine Bailey 021 370 2041 lorraine.bailey@westerncape.gov.za 086 764 1912
Cape Winelands Edgar Johannes 023 348 0605 edgar.johannes@westerncape.gov.za 086 531 0476
Eden and Central Karoo Nelmarie Kriel 023 415 2070
044 803 8300
cornelie.kriel@westerncape.gov.za 086 678 7171
Overberg Lynn le Grange 028 214 7378 lynn.legrange@westerncape.gov.za 028 214 7400
West Coast Ursula Esau 021 900 7051 ursula.esau@westerncape.gov.za 086 562 3907
9. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beBakala 1 ukuya kwele-3 ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:07:24